Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekhohlo: Iintlanganiso eziqhutyelwa phandle, eLondon, eNgilani, ngo-1945; ekunene: Indibano yosuku olunye eMalawi, eAfrika, ngo-2012

ICANDELO 5

Imfundo YoBukumkani—Ukuqeqesha Abakhonzi BakaKumkani

Imfundo YoBukumkani—Ukuqeqesha Abakhonzi BakaKumkani

UJONGE isithethi esiseqongeni ngoncumo olukhulu. Ngumzalwana oselula webandla okulo, ibe uyaqala ukunikela intetho endibanweni. Njengoko uphulaphule intetho yakhe emnandi, umangaliswa yindlela uThixo abaqeqesha ngayo abantu bakhe. Engqondweni yakho kuthi qatha imini awayeqala ngayo ukunikela intetho ebandleni, esoyika—yaye ngoku umangaliswa yindlela anesibindi ngayo! Wenza inkqubela emva kokuba eye kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Kutshanje, yena nomkakhe bebeye kwiSikolo Sabavakalisi BoBukumkani. Ngoxa uqhwabela le ntetho imnandi isandul’ ukunikelwa ngulo mzalwana, ucinga ngemfundiso efunyanwa ngabo bonke aba bantu bakaThixo balapha.

IBhayibhile yaprofeta ngexesha laxa abantu bakaThixo beya “kufundiswa nguYehova.” (Isa. 54:13) Siphila kwelo xesha kanye ngoku. Asifundi kwiimpapasho zethu nje kuphela, kodwa nakwiintlanganiso, iindibano nezikolo ezahlukahlukeneyo ezisinceda silungele ukwenza izabelo ezikhethekileyo kwintlangano kaYehova. Kweli candelo siza kuthetha ngale mfundo ebubungqina obungenakuphikiswa bokuba uBukumkani bukaThixo sebulawula.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 16

Sihlanganisana Ngenjongo Yokunqula

Yintoni esinokuyizuza xa sihlanganisene ukuze sinqule uYehova?

ISAHLUKO 17

Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani

Izikolo zobuthixo zibenze njani abashumayeli boBukumkani balungela ukuwenza kakuhle umsebenzi wabo?