Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekhohlo: ISwitzerland ithumela izinto zokunceda kubazalwana bethu baseJamani, ngo-1946; ekunene: EJapan kuphinda kwakhiwa iHolo yoBukumkani emva kwetsunami, ngo-2011

ICANDELO 6

Ukuxhasa UBukumkani—Ukwakhela Ukunqula Nokunikela Ngezinto Zokunceda

Ukuxhasa UBukumkani—Ukwakhela Ukunqula Nokunikela Ngezinto Zokunceda

UFIKA kwiHolo yoBukumkani yenu ingeyiyo le uyaziyo. Ubusoloko uzingomb’ isifuba ngesi sakhiwo. Kusenokwenzeka ukuba uthi xa ucinga ngomsebenzi wokuyakha kwiminyaka eyadlulayo uncume wedwa. Kodwa ngoku umlomo awuvaleki kuba okwexeshana le Holo yoBukumkani ihlala iimpahla zokunceda. Emva kokuba isaqhwithi esisandul’ ukuntlitha ummandla ohlala kuwo sibangele izikhukula saza senza umonakalo, iKomiti Yesebe ikhawuleze yalungiselela ukuba amaxhoba eso saqhwithi afumane ukutya, iimpahla, amanzi acocekileyo nezinye izinto. Ezi mpahla ziyiminikelo zibekwe kakuhle. Ngoxa abazalwana noodade bengena benikwa ezi zinto, iinyembezi zovuyo ziyazehlela.

UYesu wathi olona phawu baya kubonwa ngalo abantu bakhe kukuthandana. (Yoh. 13:34, 35) Kweli candelo siza kubona indlela oluboniswa ngayo uthando lwamaKristu xa kusakhiwa iiholo nakumalungiselelo okunceda anikelwa ngamaNgqina kaYehova. Olo thando lububungqina bokuba siphila phantsi kolawulo loBukumkani bukaYesu.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 18

Indlela Imisebenzi YoBukumkani Exhaswa Ngayo Ngemali

Ivela phi le mali? Isetyenziswa njani?

ISAHLUKO 19

Umsebenzi Wokwakha Uzukisa UYehova

IiHolo zisisa uzuko kuThixo, kodwa kukho enye into ayixabisa nangakumbi.

ISAHLUKO 20

Umsebenzi Wokunceda Abanye

Sazi njani ukuba umsebenzi wokunceda yinxalenye yokunikela inkonzo engcwele kuYehova?