Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 152

Nguwe Olithemba Namandla Ethu

Nguwe Olithemba Namandla Ethu

(IMizekeliso 14:26)

  1. Yehova Thixo usinike

    ithemba elihle.

    Liyasichulumancisa

    sazisa nabanye.

    Kodwa amaxhala obomi

    Abangela soyike

    Nethemba ebelikhanya

    liye lafiphala.

    (CHORUS)

    Nguwe olithemba

    namandla ethu.

    Usinika yonke into.

    Xa sishumayela

    asoyiki nto

    kuba sikholose ngawe.

  2. Bawo wethu nceda usenze

    singakulibali,

    Ungumthuthuzeli wethu

    kwiinzingo zobomi.

    Siyakhuthazeka kakhulu

    siyavuseleleka

    Sitsho sibe nesibindi

    sokuthetha ngawe.

    (CHORUS)

    Nguwe olithemba

    namandla ethu.

    Usinika yonke into.

    Xa sishumayela

    asoyiki nto

    kuba sikholose ngawe.