Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 1

Imiyalezo Emibini Evela KuThixo

Imiyalezo Emibini Evela KuThixo

LUKA 1:5-33

  • INGELOSI UGABRIYELI ICHAZA KWANGAPHAMBILI UKUBA KUZA KUZALWA UYOHANE UMBHAPTIZI

  • UGABRIYELI UXELELA UMARIYA UKUBA UZA KUZALA UYESU

Yonke iBhayibhile singathi ngumyalezo ovela kuThixo. UTata wethu wasezulwini usinike yona ukuze isichazele izinto emasizenze. Khawucinge ngemiyalezo emibini eyaxelwa kwiminyaka engaphezu kweyi-2 000 eyadlulayo. Yagqithiselwa yingelosi enguGabriyeli, ‘ehlala phambi koThixo.’ (Luka 1:19) Kwakunjani xa ingelosi yayigqithisela le miyalezo mibini ibalulekileyo?

UGabriyeli uwuxelela bani umyalezo wokuqala? Kuphaa ngonyaka ka-3 B.C.E. Kwiinduli zakwaYuda, kufuphi neYerusalem, kuhlala umbingeleli kaYehova, uZekariya. Yena nomfazi wakhe uElizabhete sebekhulile, ibe abanabantwana. Ngoku lithuba likaZekariya lokubingelela etempileni kaThixo, eYerusalem. Uthi esabingelela, kuthi gqi uGabriyeli ngakwisibingelelo sokuqhumisa.

Ngokulindelekileyo, uZekariya uyoyika. Kodwa ingelosi imthob’ ixhala isithi: “Sukoyika Zekariya, kuba uviwe umthandazo wakho xa ubucenga uThixo, ibe umfazi wakho uElizabhete uza kukuzalela unyana. Uze umthiye igama elinguYohane.” UGabriyeli uphinda athi uYohane “uza kuba mkhulu phambi koYehova” ibe uza kwenza abantu “balungele ukukhonza uYehova.”​—Luka 1:13-17.

UZekariya akayikholelwa le nto. Ngoba? Kuba yena noElizabhete sebebadala. Ngenxa yaloo nto uGabriyeli uthi: “Awuzukwazi ukuthetha de zonke ezi zinto zenzeke, kuba ungakhange uyikholelwe le nto ndikuxelele yona.”​—Luka 1:20.

Ngaphandle abantu bayazibuza ukuba kutheni uZekariya engade aphume. Ekugqibeleni uyaphuma, kodwa akakwazi ukuthetha. Uthetha nabo ngezandla. Kuyabonakala ukuba ubone ummangaliso etempileni.

Emva kokuba uZekariya eyigqibile into ebeyizele etempileni, uyagoduka. Kungekudala emva koko, uElizabhete uyakhulelwa. Uhlala endlini kangangeenyanga ezintlanu, njengoko elinde ukubeleka.

UGabriyeli uphinda abonakale. Kubani? Kwibhinqa eliselula nelingatshatanga uMariya, elihlala eGalili, kumntla weYerusalem, kwisixeko esibizwa ngokuba yiNazarete. Uthini kweli bhinqa? Uthi: “UThixo uyakuthanda.” UGabriyeli uqhubeka athi: “Jonga! uza kukhulelwa, uzale umntwana oyinkwenkwe. Uze umthiye igama elinguYesu.” UGabriyeli uphinda athi: “Yena uza kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana Woyena Uphakamileyo, . . . Uza kuba nguKumkani aze alawule indlu kaYakobi ngonaphakade, ibe soze buphele uBukumkani bakhe.”​—Luka 1:30-33.

Unokuyicinga indlela uGabriyeli awaziva ngayo xa wathunywa le miyalezo mibini. Njengokuba sisiya sifunda ngoYohane noYesu, uza kubona isizathu sokuba le miyalezo mibini ivela ezulwini ibaluleke kangaka.