Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 2

UYesu Uzukiswa Engekazalwa

UYesu Uzukiswa Engekazalwa

LUKA 1:34-56

  • UMARIYA UYOKUBONA UELIZABHETE AZALANA NAYE

Emva kokuba ingelosi uGabriyeli ixelele uMariya ukuba uza kuba nonyana onguYesu noza kuba nguKumkani ngonaphakade, uMariya uyabuza: “Iza kwenzeka njani le nto, kuba akukho ndoda ndilala nayo?”​—Luka 1:34.

UGabriyeli uthi: “Uza kufikelwa ngumoya oyingcwele, namandla Oyena Uphakamileyo. Yiloo nto ke lo mntwana eza kuba ngcwele, aze abizwe ngokuba nguNyana kaThixo.”​—Luka 1:35.

Ukuze ancede uMariya awamkele lo myalezo, uGabriyeli uthi: “Jonga! noElizabhete lo uzalana nawe, sele eneenyanga ezintandathu ekhulelwe unyana, nangona emdala, nabantu besithi akakwazi kuba nabantwana.”​—Luka 1:36, 37.

UMariya uyayamkela le nto ithethwa nguGabriyeli. Loo nto siyibona kwindlela aphendula ngayo, uthi: “Jonga! Ndilikhobokazana likaYehova! Mayenzeke yonke le nto uyithethileyo kum.”​—Luka 1:38.

Emva kokuba emkile uGabriyeli, uMariya ulungiselela ukuyokubona uElizabhete ohlala nomyeni wakhe uZekariya kufutshane neYerusalem. Uza kuhamba iintsuku ezintathu okanye ezine, ukusuka kwindawo ahlala kuyo eNazarete.

UMariya ude afike endlini kaZekariya. Uthi xa engena abulise uElizabhete. UElizabhete ufikelwa ngumoya oyingcwele aze athi: “Usikelelwe wena phakathi kwabanye abafazi, lusikelelwe nolu sana lusesibelekweni sakho! Bendingubani kakade ukuba ndingade ndizokubonwa ngumama weNkosi yam? Kuba uthe usakundibulisa, lwaxhuma luvuya usana olusesibelekweni sam.”​—Luka 1:42-44.

UMariya uyamphendula athi: “Ndiyamdumisa uYehova, nentliziyo yam ivuyiswa kakhulu nguThixo uMsindisi wam, kuba uye walikhumbula ikhobokazana lakhe elingathathi ntweni, waza walisikelela. Jonga! Ukususela ngoku zonke izizukulwana ziza kuthi ndisikelelwe, kuba uThixo onamandla undenzele izinto ezinkulu.” Siyabona ukuba nangona uMariya enzelwe into enkulu kangaka, lonke uzuko ulusa kuThixo. Ude athi: “Lingcwele igama lakhe ibe uhlala ebenzela inceba ngonaphakade abo bamoyikayo.”​—Luka 1:46-50.

UMariya uyaqhubeka edumisa uThixo esithi: “Yonke le nto uyenze ngengalo yakhe enamandla; ubagxothile abo banekratshi ezintliziyweni zabo. Ubahlisile abaphathi ezitroneni zabo, wabaphakamisa abathobekileyo; ubanike izinto ezilungileyo abangenanto, wazigxotha zingenanto izityebi. Uye wamnceda uSirayeli umkhonzi wakhe, esikhumbula isithembiso sakhe sokumenzela inceba, kanye njengokuba wayetshilo kookhokho bethu, kuAbraham nakwinzala yakhe.”​—Luka 1:51-55.

UMariya uhlala noElizabhete iinyanga ezintathu aze amncedise kwezinye izinto kuba sele eza kubeleka. Ayikho into enokuthelekiswa nokubona la mabhinqa mabini anokholo nancedwe nguThixo ukuze akhulelwe, ekunye ngeli xesha!

Uyiqaphele indlela uYesu azukiswa ngayo engekazalwa? UElizabhete umbiza ‘Nkosi yam’ ibe usana olusesibelekweni sakhe luyaxhuma ukufika kukaMariya. Njengoko sifunda le ncwadi, siza kubona indlela eyahlukileyo uMariya nosana lwakhe olungekazalwa abaphathwa ngayo ngabanye abantu.