Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 4

UMariya Ukhulelwe Kodwa Akatshatanga

UMariya Ukhulelwe Kodwa Akatshatanga

MATEYU 1:18-25 LUKA 1:56

  • UYOSEFU UFUMANISA UKUBA UMARIYA UKHULELWE

  • UYOSEFU UTSHATA UMARIYA

Ziinyanga ezine ngoku uMariya ekhulelwe. Khumbula kaloku ukuba ebekunye noElizabhete kwiinyanga zakhe zokuqala ekhulelwe. Kodwa ngoku uMariya ubuyele kokwabo eNazarete. Wonke umntu uza kuyazi ukuba ukhulelwe. Inoba imenza istres nyhani le nto!

Into eyenza ibe nzima kakhulu le nto kukuba uMariya ungejiwe ngumchweli wasekuhlaleni, uYosefu. Uyayazi nokuba uMthetho KaThixo oya kumaSirayeli uthi intombi engejiweyo ize ilale nenye indoda imele ibethwe ngamatye de ife. (Duteronomi 22:23, 24) Nangona uMariya engakhange aziphathe kakubi, inoba uyazibuza ukuba uza kuyiqala ngaphi le nto kuYosefu, ibe kuza kwenzeka ntoni?

UMariya ebemke kangangeenyanga ezintathu. Ngenxa yaloo nto, sinokuqiniseka ukuba uYosefu umkhumbula nyhani ibe ungxamele ukumbona. Ukudibana kwabo, uMariya uzama kangangoko ukumcacisela ukuba umithiswe ngumoya oyingcwele kaThixo. Kodwa nawe inoba uyayicinga into yokuba akukho lula kuYosefu ukuyikholelwa le nto.

UYosefu uyayazi ukuba uMariya uziphethe kakuhle ibe wonke umntu umazi enjalo. Umthanda kakhulu. Kodwa ke, uYosefu ucinga ukuba umithiswe yenye indoda. Akafuni uMariya abulawe okanye ahlazeke, ngenxa yaloo nto uzixelela ukuba uza kumdivosa xa bebobabini. Ngela xesha, abantu abangejileyo babejongwa njengabantu abatshatileyo ngoko kwakufuneka badivose ukuba bayohlukana.

Emva koko, kuthi gqi ingelosi kaYehova ephupheni, ithi kuYosefu: “Sukoyika ukumtshata uMariya kuba uye wakhulelwa ngomoya oyingcwele. Uza kuzala unyana, uze wena ke umthiye igama elinguYesu, kuba uza kusindisa abantu bakowabo ezonweni zabo.”​—Mateyu 1:20, 21.

Ukuvuka kukaYosefu, uvuya nyhani kuba ngoku le nto icacile! Akalibazisi, wenza le nto ibithethwa yingelosi. Uyamthatha uMariya amse endlini yakhe. Le nto ibonisa bonke abantu ukuba yena noMariya batshatile. Kodwa uYosefu akabelani ngesondo noMariya ngeli xesha esakhulelwe uYesu.

Emva kweenyanga, uYosefu noMariya osele eza kubeleka balungiselela ukuhamba. Bayaphi kodwa uMariya sele eza kubeleka?