Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 5

UYesu Uzalelwa Phi Ibe Nini?

UYesu Uzalelwa Phi Ibe Nini?

LUKA 2:1-20

  • UYESU UZALELWA EBHETELEHEM

  • ABELUSI BAYOKUBONA USANA OLUNGUYESU

UKesare Agasto, umlawuli waseRoma, ukhuphe umyalelo wokuba wonke umntu makabhaliswe. Ngenxa yaloo nto, uYosefu noMariya baya eBhetelehem, isixeko sakowabo esikumzantsi weYerusalem.

Bafika kukho abantu abaninzi eBhetelehem abazokubhalisa. UMariya noYosefu abayifumani indawo yokuhlala ngoko bayokuhlala kwindawo ezigcinwa kuyo iidonki nezinye izilwanyana. UYesu uzalelwa apha. UMariya umsongela ngamalaphu aze ambeke emkhumbini, kwindawo ezibekelwa kuyo ukutya izilwanyana.

Imele ukuba nguThixo owenza uKesare Agasto athi bonke abantu mababhaliswe. Kutheni sisitsho? Kaloku le nto ithethwe nguKesare ibangele ukuba uYesu azalelwe eBhetelehem, kwidolophu kakhokho wakhe uKumkani uDavide. IZibhalo zachaza kwakudala ukuba uMlawuli othenjisiweyo wayeza kuzalelwa kwesi sixeko.​—Mika 5:2.

Bubusuku obubalulekileyo obu. Abelusi abasendle bakhanyiselwa kukukhanya okuqaqambileyo. Bubuqaqawuli bukaYehova! Ingelosi kaYehova ithi kwaba belusi: “Sanukoyika, kuba jongani! ndiniphathele iindaba ezilungileyo eziza kuvuyisa wonke umntu. Kuba namhlanje nizalelwe umsindisi, onguKristu iNkosi, kwisixeko sikaDavide. Nantsi into eniza kumbona ngayo: Niza kubona usana olusongelwe ngamalaphu, lulele emkhumbini.” Kuthi kusenjalo kuthi gqi ezinye iingelosi ezininzi, zithi: “Makazukiswe uThixo osemazulwini, kubekho uxolo emhlabeni phakathi kwabantu abathandayo.”​—Luka 2:10-14.

Zithi zakuhamba iingelosi abelusi bathi: “Masihambeni ngoku siye eBhetelehem, siyokubona le nto siyixelelwe nguYehova.” (Luka 2:15) Bahamba ngoko nangoko baze bafike usana olunguYesu lukula ndawo ingelosi ibithe lukuyo. Xa abelusi bebalisa into abayixelelwe yingelosi, wonke umntu obamameleyo uyothuka. UMariya uyayixabisa yonke le nto bayithethayo, ibe uzenzela izigqibo entliziyweni yakhe.

Abantu abaninzi namhlanje bakholelwa ukuba uYesu wazalwa ngoDisemba 25. Kodwa eBhetelehem ngoDisemba kuyanetha ibe kuyabanda. Ngamanye amaxesha kude kuwe nekhephu. Ngeli xesha lonyaka ibingenakufane yenzeke into yokuba abelusi babe phandle ebusuku kunye nomhlambi. Ibingenakufane yenzeke nento yokuba umphathi wamaRoma axelele abantu, ababehleli bengamfuni, ukuba mabahambe kangangeentsuku ebusika beyokubhalisa. Kuyacaca ukuba uYesu wazalwa phaa ngo-Oktobha.