Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 9

Ukukhulela ENazarete

Ukukhulela ENazarete

MATEYU 13:55, 56 MARKO 6:3

  • INTSAPHO KAYOSEFU NOMARIYA IYANDA

  • UYESU UFUNDA UMSEBENZI

UYesu ukhulela eNazarete, kwidolophu encinci nengabalulekanga. Ikumntla wakwaYuda, kwindawo eneenduli ebizwa ngokuba yiGalili, kwintshona yechibi elikhulu elibizwa ngokuba luLwandle LwaseGalili.

Xa uYesu eneminyaka emalunga nemibini, uMariya noYosefu bamzisa apha besuka naye eYiputa. Kubonakala ngathi okwangoku nguye yedwa umntwana wabo. Ekuhambeni kwexesha kuzalwa abantakwabo, uYakobi, uYosefu, uSimon noYudas. UYosefu noMariya baba nazo neentombi, oodadeboYesu. Abantwana bakuloYesu bamalunga nesithandathu.

UYesu unabo nabanye abantu azalana nabo. Sesiyazi ukuba uyazalana noElizabhete nonyana wakhe uYohane. Bona bahlala kude kwaYuda. Kanti kufutshane nendawo ehlala kuyo intsapho kaYosefu eGalili, kuhlala uSalome ongudadeboMariya. Loo nto ithetha ukuba ungumakazi kaYesu. Umyeni kaSalome nguZebhedi. Oonyana babo ababini, uYohane noYakobi ngabazala bakaYesu. Asiyazi ukuba uYesu uba kunye nabo ixesha elingakanani njengokuba bekhula kodwa siyayazi ukuba baba ngabahlobo abasondeleyo baze babe ngabanye babapostile bakaYesu.

UYosefu kufuneka asebenze nzima ukuze axhase intsapho yakhe. Ungumchweli. UYosefu umkhulisa uYesu njengonyana wakhe ibe ngenxa yaloo nto uYesu ubizwa ngokuba ‘ngunyana womchweli.’ (Mateyu 13:55) UYosefu ufundisa uYesu lo msebenzi. Ekuhambeni kwexesha abantu bade bathi xa bethetha ngoYesu: “Lo ngumchweli.”​—Marko 6:3.

Eyona nto iphambili kwintsapho kaYosefu kukukhonza uYehova. Kuba bethobela uMthetho KaThixo, uYosefu noMariya bafundisa abantwana babo ngoThixo ‘xa behleli endlini yabo, xa behamba endleleni, xa belala naxa bevuka.’ (Duteronomi 6:6-9) Kukho indlu ekukhonzelwa kuyo eNazarete. Siqinisekile ukuba uYosefu usoloko ehamba nentsapho yakhe xa eyokukhonza kuyo. Kuba kaloku kamva kuthiwa, ‘njengesiqhelo, ngomhla wesabatha uYesu uya kwindlu yokukhonza.’ (Luka 4:16) Le ntsapho iyakuthanda nokuya kwitempile kaYehova eseYerusalem.