Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 10

Intsapho YakuloYesu Iya EYerusalem

Intsapho YakuloYesu Iya EYerusalem

LUKA 2:40-52

  • UYESU ONEMINYAKA EYI-12 UBUZA ABAFUNDISI IMIBUZO

  • UYESU UBIZA UYEHOVA NGOKUBA ‘NGUTATA’

Kungentwasahlobo. Lixesha lokuba intsapho kaYosefu, abahlobo kunye nabantu abazalana nabo baye eYerusalem njengesiqhelo. Bayokubhiyozela iPasika njengoko uMthetho usitsho. (Duteronomi 16:16) Ukusuka eNazarete ukuya eYerusalem ziikhilomitha ezimalunga neziyi-120. Bonke abantu baxakekile ibe bayavuya. NoYesu, oneminyaka eyi-12, ulingxamele eli theko kunye nokuphinda abe ngasetempileni.

KuloYesu, iPasika ayithathi nje usuku olunye. Kusuku olusemva kwePasika kuqala iTheko lweentsuku ezisixhenxe Lwezonka Ezingenagwele. (Marko 14:1) Ukusuka eNazarete kwikhaya labo, bahlale eYerusalem baze baphinde bagoduke kubathatha iiveki ezimbini. Kodwa kulo unyaka, eli xesha liyongezeleleka ngenxa yento eyenzekayo. Bafumanisa ukuba kukho ingxaki xa bebuya eYerusalem.

Endleleni egodukayo, uYosefu noMariya bacinga ukuba uYesu uphakathi kwabantu abazalana nabo kunye nabahlobo abagoduka nabo. Kodwa xa kuza kulalwa abamfumani. Naxa bemkhangela phakathi kwabantu abahamba nabo abamfumani. Unyana wabo ulahlekile. Ngenxa yaloo nto, uMariya noYosefu babuyela eYerusalem beyokumkhangela.

Bamkhangela imini yonke kodwa bangamfumani. Abamfumani nangosuku lwesibini. Ekugqibeleni bade bamfumane etempileni ngosuku lwesithathu. Bafika ehleli nabanye abafundisi abangamaYuda. Ubamamele, ebabuza nemibuzo ibe bamangaliswa bubulumko bakhe.

UMariya uyambuza: “Mntanam, uyenzele ntoni le nto? Kunini mna notatakho sikukhangela!”​—Luka 2:48.

UYesu uyothuka ukuba abazali bakhe abamazi ukuba umele ukuba uphi. Uyababuza athi: “Benindikhangelela ntoni? Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlini kaTata?”​—Luka 2:49.

Emva kokuba bemfumene, uYosefu noMariya bagoduka naye babuyele eYerusalem ibe uYesu uqhubeka ebathobela. Uya ekhula, esiba nobulumko. Nangona esemncinci, uyathandwa nguThixo nangabantu. Uba ngumzekelo esemncinci wokuthanda uThixo nokuhlonipha abazali.