Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 19

Ufundisa Umfazi WomSamariya

Ufundisa Umfazi WomSamariya

YOHANE 4:3-43

  • UYESU UFUNDISA UMFAZI WOMSAMARIYA KUNYE NABANYE

  • INDLELA UTHIXO AFUNA UKUKHONZWA NGAYO

Endleleni esuka kwaYuda eya eGalili, uYesu nabafundi bakhe banqumla eSamariya. Badiniwe. Ngenxa yaloo nto, emva kwemini baphumla kufuphi nesixeko saseSikare, ngakwiqula uYakobi awalakha okanye awaqesha abantu ukuba balakhe kwiminyaka engamakhulu eyadlulayo. Eli qula lisekhona nangoku, kwisixeko sale mihla esibizwa ngokuba yiNablus.

Njengoko uYesu ephumla ngakweli qula, abafundi bakhe baya kwisixeko esikufutshane ukuze bayokuthenga ukutya. Ngeli xesha bengekhoyo, kufika umfazi womSamariya ezokukha amanzi. UYesu uthi kuye: “Khawundiphe amanzi ndisele.”​—Yohane 4:7.

AmaYuda namaSamariya awavani ngenxa yokucalucalulana. Ngenxa yaloo nto, lo mfazi uyothuka aze athi: “Ungawacela njani amanzi kum, ungumYuda nje wena, mna ndingumfazi womSamariya?” UYesu uthi: “Ukuba ubusazi isipho sikaThixo samahala nokuba ngubani lo othi kuwe, ‘Khawundiphe amanzi ndisele,’ ngewuwacele kuye wena, ibe yena ebeza kukupha amanzi obomi.” Lo mfazi uphendula athi: “Mhlekazi, awunayo nento le yokukha amanzi, ibe eli qula linzulu. Avela phi ke la manzi akho obomi? Ngaba wena umkhulu kunokhokho wethu uYakobi, owasinika eli qula, awayesela kulo yena noonyana bakhe neenkomo zakhe?”​—Yohane 4:9-12.

UYesu uthi: “Wonke umntu osela kula manzi uza kuphinda anxanwe. Nabani na osela amanzi endiza kumnika wona soze aphinde anxanwe, kodwa amanzi endimnika wona aza kuba ngumthombo ompompoza kuye, onika ubomi obungunaphakade.” (Yohane 4:13, 14) Nangona uYesu ediniwe uxelela lo mfazi amazwi enyaniso anika ubomi.

Lo mfazi uthi: “Mhlekazi, khawundiphe loo manzi, ukuze ndingaphinde ndinxanwe okanye ndizokukha amanzi apha kwakhona.” Ngoku uYesu utshintsha incoko aze athi: “Hamba uyokubiza umyeni wakho, nize apha.” Lo mfazi uyamphendula athi: “Andinamyeni.” Inoba imothusa nyhani into eyaziwa nguYesu xa esithi: “Unyanisile xa usithi, ‘Andinamyeni.’ Kuba ubunabayeni abahlanu, ibe le ndoda unayo ngoku ayingomyeni wakho. Ngoko le nto uyithethayo yinyani.”​—Yohane 4:15-18.

Amazwi kaYesu enza lo mfazi aqonde ukuba ayingomntu nje oqhelekileyo lo, aze athi: “Mhlekazi, ndiyabona ukuba ungumprofeti.” Lo mfazi ubonisa ukuba unomdla ekukhonzeni uThixo. Njani? Uthi: “Ookhokho bethu [amaSamariya] babekhonza kule ntaba [iNtaba yeGerizim, ekufutshane], kodwa nina [maYuda] nithi abantu bamele bakhonze eYerusalem.”​—Yohane 4:19, 20.

UYesu uyamcacisela ukuba indawo ekukhonzelwa kuyo ayibalulekanga. Uthi: “Kuza ixesha eningazukumkhonza kule ntaba okanye eYerusalem uTata.” Emva koko uthi: “Liyeza ixesha, ibe selifikile, xa abakhonzi bokwenene beza kukhonza uTata ngomoya nangenyaniso, kuba uTata ufuna ukukhonzwa ngabantu abanjalo.”​—Yohane 4:21, 23, 24.

Ukuze abone ukuba abantu bamkhonza kakuhle na, uYehova akajongi indawo abamkhonzela kuyo kodwa ujonga indlela abamkhonza ngayo. Lo mfazi uyamkholelwa aze athi: “Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, lowo ubizwa ngokuba nguKristu. Xa efika, uza kusicacisela yonke into.”​—Yohane 4:25.

UYesu umxelela into ebalulekileyo, uthi: “Nguye kanye lo uthetha nawe.” (Yohane 4:26) Khawuyicinge le nto. Lo mfazi uzokukha amanzi emini, uYesu umxelela ukuba unguMesiya. Yinto enkulu kakhulu le kuba umxelela into angekayixeleli omnye umntu.

AMASAMARIYA AMANINZI AYAKHOLWA

Abafundi bakaYesu bayabuya eSikare bephethe ukutya. Bafika esahleli kwela qula likaYakobi bebemshiye kulo, kodwa ngoku uncokola nomfazi ongumSamariya. Bathi xa befika, abe lo mfazi eshiya ingqayi yakhe yamanzi ebuyela esixekweni.

Ukufika kwalo mfazi eSikare, ubalisela abantu izinto uYesu amxelele zona. Ubaxelela eqinisekile athi: “Yizani nibone umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza.” Mhlawumbi kuba efuna babe nomdla uthi: “Akunakwenzeka na ukuba unguKristu?” (Yohane 4:29) Ngumbuzo obalulekileyo lo, ibe abantu bebenomdla kwimpendulo yawo kwakwixesha likaMoses. (Duteronomi 18:18) Wenza abantu baseSikare bafune ukuzozibonela ngokwabo uYesu.

Kwangeli xesha, abafundi bakaYesu bayamcela ukuba atye ukutya ababuye nako. Kodwa yena uthi: “Ndinokutya endikutyayo eningakwaziyo nina.” Abafundi bakhe bayabuzana besithi: “Ngaba ukhona umntu omzisele ukutya?” Ngobubele uYesu uyabacacisela esebenzisa amazwi abalulekileyo kubo bonke abalandeli bakhe esithi: “Ukutya kwam kukwenza ukuthanda kwaLowo undithumileyo, nokuwugqiba umsebenzi wakhe.”​—Yohane 4:32-34.

Lo msebenzi uYesu athetha ngawo asikokuvunwa kwengqolowa kuba kusashiyeke iinyanga ezine ngaphambi kokuba ibe lixesha lokuvuna. Kodwa uthetha ngokwenza abafundi kuba uqhubeka athi: “Jongani amasimi, amhlophe, alungele ukuvunwa. Umvuni sele efumana umvuzo, ibe uqokelela isiqhamo sobomi obungunaphakade. Ngoko ke, lowo utyalayo uvuya kunye nalowo uvunayo.”​—Yohane 4:35, 36.

UYesu seyibona ukuba iphumele phi incoko yakhe nalo mfazi kuba abantu abaninzi baseSikare bayakholwa ngenxa yento abayive ngaye. Kuba uthe kubo: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.” (Yohane 4:39) Ngenxa yaloo nto, xa abantu baseSikare befika kuYesu bayamcela ukuba ahlale nabo aze abafundise ezinye izinto. Uyavuma aze ahlale eSamariya iintsuku ezimbini.

Njengoko amaSamariya emamele uYesu, amaninzi kuwo ayakholwa. Athi kulo mfazi: “Ngoku asisakholwa ngenxa yento oyithethileyo; kuba sizivele ngokwethu, ibe siyazi ukuba le ndoda nyhani ngumsindisi wehlabathi.” (Yohane 4:42) Lo mfazi womSamariya ungumzekelo kuthi wendlela esinokushumayela ngayo ngoKristu, sibenze abantu babe nomdla baze bafune ukumamela.

Ukhumbule ukuba kusashiyeke iinyanga ezine ngaphambi kokuba kuqaliswe ukuvunwa kwerhasi, evunwa entwasahlobo kule ngingqi. Ngoku inoba kungoNovemba okanye ngoDisemba. Le nto ithetha ukuba emva kwePasika ka-30 C.E., uYesu nabafundi bakhe bahleli iinyanga ezisibhozo kwaYuda, befundisa kwaye bebhaptiza. Ngoku baya eGalili. Baza kudibana nantoni apho?