Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 21

Kwindlu Akhonzela Kuyo AmaYuda ENazarete

Kwindlu Akhonzela Kuyo AmaYuda ENazarete

LUKA 4:16-31

  • UYESU UFUNDA KUMSONGO KAISAYA

  • ABANTU BASENAZARETE BAZAMA UKUBULALA UYESU

Siqinisekile ukuba abantu bayavuya eNazarete. Seyingunyaka ngoku uYesu ebhaptizwe nguYohane, ngaphambi koko ebengumchweli apha. Kodwa ngoku udume njengendoda eyenza imimangaliso. Abantu balapha bafuna ukumbona esenza le mimangaliso.

Xa bembona engena kwindlu akhonzela kuyo amaYuda bacinga ukuba uza kuyenza le mimangaliso. Kuyathandazwa kuze kufundwe kwiincwadi zikaMoses njengokuba kuqhele ukwenziwa “ngesabatha kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda.” (IZenzo 15:21) Kuye kufundwe nakwiincwadi zeziprofeto. Ngenxa yokuba uYesu ebeqhelile ukuza kule ndlu, inoba uyabakhumbula abantu abaninzi abalapha xa ephakama eza kufunda. Unikwa umsongo kaIsaya. Ujonga indawo ethetha ngomntu oza kuthanjiswa ngomoya kaYehova, ngoku efumaneka kuIsaya 61:1, 2.

UYesu uthetha ngendlela lo mntu kuthethwa ngaye kwesi sibhalo aza kushumayela ngayo ngokukhululwa kwabathinjwa, ukubona kwabantu abangaboniyo, nangonyaka kaYehova ozayo. UYesu uyawusonga lo msongo aze awubuyisele kumlindi emva koko, ahlale phantsi. Bonke abantu bajonge kuye. Emva koko uyathetha. Amanye amazwi awathethayo athi: “Yenzekile namhlanje yonke le nto ikwesi sibhalo.”​—Luka 4:21.

Abantu ‘bayamangaliswa zizinto azithethayo,’ baze bathi: “Ayingonyana kaYosefu na lo?” Kodwa kuba eyazi ukuba bafuna enze imimangaliso efana nale beve kusithiwa uyayenza, uYesu uthi kubo: “Ndiqinisekile ukuba niza kuthi kum, ‘Ziphilise kaloku gqirha. Yenza nalapha kowenu ezi zinto sive ukuba uzenzile eKapernahum.’” (Luka 4:22, 23) Abantu ababekade bengabamelwane bakaYesu bacinga ukuba ebemele aqale eNazarete ukuphilisa. Ngenxa yaloo nto, mhlawumbi bacinga ukuba uYesu akabakhathalelanga.

UYesu uyayazi into abayicingayo ngenxa yaloo nto ubaxelela ezinye izinto ezakha zenzeka kwaSirayeli. Uyabaxelela ukuba babebaninzi abahlolokazi ngexesha likaEliya kodwa zange athunyelwe nakomnye wabo. Wathunyelwa kumhlolokazi ongengomSirayeli eTsarefathi, idolophu ekufutshane neSidon, apho wenza khona ummangaliso owasindisa ubomi. (1 Kumkani 17:8-16) Nangemihla kaElisha babebaninzi abantu ababeneqhenqa kwaSirayeli, kodwa lo mprofeti waphilisa uNahaman waseSiriya qha.​—2 Kumkani 5:1, 8-14.

Bathini abantu baseNazarete xa uYesu ebhenca ukuzicingela kwabo nokungabi nalukholo? Abantu abakule ndlu akhonzela kuyo amaYuda bayacaphuka, baphakame baze bamkhuphele ngaphandle kwesixeko. Bamsa kwiliwa esakhelwe kulo isixeko saseNazarete, baze bazame ukumphosa ezantsi. Kodwa uYesu uyaphuncuka aze emke. Ngoku uyehla aye eKapernahum, ekumntla ntshona yonxweme loLwandle LwaseGalili.