Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 24

Ukushumayela Nakwezinye Iindawo EGalili

Ukushumayela Nakwezinye Iindawo EGalili

MATEYU 4:23-25 MARKO 1:35-39 LUKA 4:42, 43

  • UYESU USHUMAYELA EGALILI NABAFUNDI BAKHE ABANE

  • UKUSHUMAYELA KWAKHE NEZINTO AZENZAYO ZAZIWA NGABANTU ABANINZI

Imini kaYesu nabafundi bakhe ibixakeke kakhulu eKapernahum. Ngokuhlwa abantu balapha baze nabantu babo abagulayo ukuze abaphilise. UYesu khange abe nalo nexeshana eli lokuba yedwa.

Ekuseni ngemini elandelayo, kusemnyama uYesu uyaphakama aphume ukuze ayokuba yedwa. Ufumana indawo aza kuthandaza kuyo. Kodwa akabi yedwa ixesha elide. Xa befumanisa ukuba akekho, ‘uSimon nabo bakunye naye’ bayamkhangela. Kusenokwenzeka ukuba bakhokelwa nguSimon okwabizwa ngokuba nguPetros kuba uYesu efikele kwakhe.​—Marko 1:36; Luka 4:38.

Xa bemfumana, uPetros uthi: “Bonke abantu bayakufuna.” (Marko 1:37) Siyaqondakala isizathu sokuba abantu baseKapernahum bafune uYesu angahambi. Bazixabisa kakhulu izinto abenzele zona ibe ‘bayamcenga ukuba angemki.’ (Luka 4:42) Kodwa ngaba uYesu uze emhlabeni ukuze azokuphilisa abantu ngemimangaliso? Ibe ngaba izinto azenzayo umele azenze kule ndawo kuphela? Uthini yena?

UYesu uthi: “Masiyeni kwenye indawo, kwiidolophu ezikufutshane, ukuze ndishumayele nakuzo, kuba ndizele loo nto.” Ude athi kubantu abafuna ahlale: “Ndimele ndishumayele iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, kuba ndithunywe loo nto.”​—Marko 1:38; Luka 4:43.

Eyona nto ayizeleyo uYesu apha emhlabeni kukushumayela ngoBukumkani BukaThixo. Obo Bukumkani buza kungcwalisa igama likaTata wakhe buze buphelise zonke iingxaki abantu abanazo. Xa uYesu ephilisa abantu ngemimangaliso ubonisa ukuba uthunywe nguThixo. NoMoses kwiminyaka emininzi ngaphambili wenza imimangaliso eyayibonisa ukuba uthunywe nguThixo.​—Eksodus 4:1-9, 30, 31.

UYesu uyemka eKapernahum ukuze ayokushumayela kwezinye izixeko ehamba nabafundi bakhe abane. Aba bafundi nguPetros nomntakwabo uAndreya kunye noYohane nomntakwabo uYakobi. Kwiveki ephelileyo uYesu ebethe mababe ngabalandeli bakhe.

UYesu uhamba nabafundi bakhe abane eGalili eshumayela, ibe yonke into ihamba kakuhle. Abantu bayathetha ngaye ibe waziwa kwiindawo ezininzi. ‘Abantu bathetha ngaye kuwo wonke ummandla waseSiriya,’ nakwingingqi yezixeko ezilishumi ekuthiwa yiDekapoli, uyokutsho kwelinye icala loMlambo iYordan. (Mateyu 4:24, 25) Abantu abaninzi abasuka kwezi ndawo nakwaYuda balandela uYesu nabafundi bakhe. Abaninzi bazisa kuye abantu abafuna ukuphiliswa. NoYesu ke akabaphoxi, uphilisa abagulayo aze akhuphe iidemon kwabanye.