Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 25

Ucingela Aze Aphilise Umntu Oneqhenqa

Ucingela Aze Aphilise Umntu Oneqhenqa

MATEYU 8:1-4 MARKO 1:40-45 LUKA 5:12-16

  • UYESU UPHILISA UMNTU ONEQHENQA

Njengokuba uYesu nabafundi bakhe abane behamba yonke iGalili beshumayela “kwizindlu ekukhonzelwa kuzo,” iindaba zezinto azenzayo ziya zisasazeka. (Marko 1:39) Zide zifike nakwesinye isixeko esinendoda ephethwe liqhenqa. ULuka ongugqirha ude athi le ndoda iphethwe “ngamandla liqhenqa.” (Luka 5:12) Xa sele sihambele phambili ngolu hlobo esi sifo side sizitshintshe ezinye iindawo apha emzimbeni.

Imbi kakhulu imeko yale ndoda ibe kufuneka ihlale kude nabantu. Enye into, kufuneka ikhwaze ithi “andicocekanga, andicocekanga!” xa kukho abantu abakufutshane nayo ukuze bangasondeli kuyo baze basuleleke. (Levitikus 13:45, 46) Kodwa yenza ntoni le ndoda ngoku? Iya kuYesu ize iqubude, imcenge isithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.”​—Mateyu 8:2.

Inokholo nyhani le ndoda kuYesu! Inoba isigulo sayo siyenza ibe lusizi. Uza kuthini uYesu? Ubuza kuthini wena ukuba ubulapho? Uyayicingela le ndoda, olule isandla sakhe aze ayibambe. UYesu uthi: “Ndiyathanda! Phila.” (Mateyu 8:3) Abantu abayikholelwa le nto, iqhenqa lale ndoda liphelile.

Awufuni wena ukuba nokumkani owenza izinto ezinje nobacingelayo abantu? Indlela uYesu ayiphatha ngayo le ndoda ineqhenqa isenza siqinisekise ukuba xa enguKumkani emhlabeni wonke, kuza kwenzeka isiprofeto seBhayibhile esithi: “Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu, uza kusindisa ubomi bamahlwempu.” (INdumiso 72:13) Uza kwenza into ekudala eyibawela yokuphilisa bonke abantu abagulayo.

Ukhumbule ukuba umsebenzi wakhe wokushumayela ubuhleli ubavuyisa abantu kwangaphambi kokuba aphilise le ndoda. Ngoku abantu baza kuva nangale into imangalisayo ayenzileyo. Kodwa uYesu akafuni abantu babe nokholo kuye ngenxa nje yezinto azenzileyo. Uyasazi isiprofeto esithi “akazukulenza livakale esitratweni ilizwi lakhe,” ukuze azenze mkhulu. (Isaya 42:1, 2) Ngenxa yaloo nto, uYesu uthi kule ndoda ibineqhenqa: “Qiniseka ukuba awuxeleli mntu ngale nto, kodwa hamba uye kumbingeleli, unikele isipho awathi uMoses makunikelwe ngaso.”​—Mateyu 8:4.

Unokuyicinga indlela evuya ngayo le ndoda ibe ngenxa yaloo nto ayikwazi ukuyigcina iyimfihlo le nto. Ixelela wonk’ umntu into eyenzekileyo. Le nto yenza abantu babe nomdla ngakumbi kuYesu. Kude kube nzima kuye ukungena ezixekweni, ngenxa yaloo nto uhlala kwindawo engenabantu. Kodwa ke nangoku, abantu bayeza kuye besuka kwezinye iindawo ukuze abafundise aze abaphilise.