Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 30

UYesu NguNyana KaThixo

UYesu NguNyana KaThixo

YOHANE 5:17-47

  • UTHIXO NGUTATA KAYESU

  • ITHEMBA LOVUKO

Xa amanye amaYuda etyhola uYesu ngokuphilisa umntu ngeSabatha uthi: “UTata usasebenza nangoku, yiloo nto nam ndisasebenza.”​—Yohane 5:17.

Into eyenziwa nguYesu ayiwophuli umthetho kaThixo weSabatha. Xa eshumayela aze aphilise, ulinganisa imisebenzi emihle kaThixo. Ngenxa yaloo nto uqhubeka esenza izinto ezintle yonke imihla. Kodwa impendulo yakhe iwenza acaphuke nakakhulu la maYuda ade afune umbulala. Kutheni?

Ekubeni ecinga ukuba uYesu wophula iSabatha xa ephilisa abantu, acaphuka nakakhulu xa esithi unguNyana KaThixo. Athi udelela uThixo xa ezibiza ngokuba unguNyana wakhe, kuba acinga ukuba xa esithi uYehova nguTata wakhe, uzilinganisa naye. Kodwa ke, uYesu akoyiki ukuwaphendula aze aqhubeke ewaxelela ukuba unguNyana KaThixo. Uthi: “UTata umthanda kakhulu uNyana wakhe, umbonisa zonke izinto azenzayo.”​—Yohane 5:20.

UTata nguye onika ubomi ibe le nto wakha wayibonisa ngokunika amadoda amandla okuvusa abantu abafileyo. UYesu uqhubeka athi: “Njengokuba uTata ebavusa abafileyo, abenze baphile, noNyana uphilisa nabani na afuna ukumphilisa.” (Yohane 5:21) Ibalulekile le nto ithethwa nguYesu ibe inika ithemba. Ngoku uYesu uvusa abafileyo elukholweni. Yiyo loo nto esithi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na olivayo ilizwi lam, aze akholelwe kuLowo undithumileyo uza kufumana ubomi obungunaphakade, ibe akazukugwetywa, kodwa ufana nomntu obefile waphinda wavuka.”​—Yohane 5:24.

Okwangoku akukabikho nto ibonisa ukuba uYesu ebekhe wavusa umntu ofileyo waza wambuyisela ebomini, kodwa uxelela aba bantu bagxekayo ukuba uza kuyenza loo nto. Uthi: “Kuza ixesha apho bonke abasemangcwabeni beza kuliva ilizwi lakhe, baze bavuke.”​—Yohane 5:28, 29.

Nangona uYesu enomsebenzi obalulekileyo, uyicacisa kakuhle into yokuba ungaphantsi koThixo, uthi: “Akukho nenye into endinokuyenza ndingayithunywanga. . . . Andenzi kuthanda kwam, kodwa ndenza ukuthanda kwaLowo undithumileyo.” (Yohane 5:30) UYesu uyaqala ukuwucacisa kakuhle ngolu hlobo umsebenzi wakhe kweyona nto uThixo afuna ukuyenza. Kodwa abo bagxekayo abavanga kuye qha ngezi zinto. UYesu uyabakhumbuza athi: “Nithumele abantu kuYohane [umBhaptizi], ibe uye wayingqinela inyaniso.”​—Yohane 5:33.

Kusenokwenzeka ukuba la maYuda agxeka uYesu, kwiminyaka emibini ngaphambili ayevile ukuba uYohane waxelela iinkokheli zamaYuda ukuba kukho umntu ozayo emva kwakhe, obizwa ngokuba ‘ngumProfeti noKristu.’ (Yohane 1:20-25) UYesu ukhumbuza la maYuda ngendlela awayemthanda ngayo uYohane, obanjiweyo ngoku, uthi: “Nanikuvuyela okwexeshana ukukhanyiselwa nguye.” (Yohane 5:35) Kodwa yena uYesu ushumayela ngaphezulu lee kunendlela awayeshumayela ngayo uYohane umBhaptizi.

Uthi: “Kodwa mna ndinobungqina obungaphezu koko bokuba ndithunywe nguTata, kuba ndenza yonke imisebenzi [nalo wokuphilisa agqiba kuwenza] andithume yona.” Uqhubeka athi: “UTata ondithumileyo uyandingqinela.” (Yohane 5:36, 37) Ngokomzekelo, xa uYesu ebebhaptizwa uThixo ubonise ukuba uyamngqinela.​—Mateyu 3:17.

Kuyacaca ukuba aba bantu bagxeka uYesu abanaso isizathu sokungamfuni. IZibhalo ezi bathi bayazifunda, ziyamngqinela. Ugqibelisa ngokuthi: “Ukuba nanimkholelwe uMoses, nam beniza kundikholelwa, kuba yena wabhala ngam. Kodwa ukuba anizikholelwa izinto awazibhalayo, niza kuzikholelwa njani izinto endizithethayo?”​—Yohane 5:46, 47.