Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 35

INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo

INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo

MATEYU 5:1–7:29 LUKA 6:17-49

  • INTSHUMAYELO YASENTABENI

Inoba uYesu udiniwe, kaloku ebethandaza ubusuku bonke waza emva koko wakhetha abafundi abayi-12 ukuba babe ngabapostile bakhe. Ngoku kusemini ibe usenamandla kwaye ufuna ukunceda abantu. Le nto uyenza kwintaba eseGalili mhlawumbi kufuphi neKapernahum.

Kuza abantu abaninzi kuye bevela kwiindawo ezikude. Abanye basuka eYerusalem nakwiindawo zakwaYuda. Abanye basuka kwizixeko zaseTire ezijikeleze ulwandle. Bona abanye basuka emntla-ntshona eSidon. Bamfunela ntoni? ‘Bazokummamela, abanye bazokuphiliswa kwizifo zabo.’ Ibe kwenzeka kanye loo nto, uYesu ‘ubaphilisa bonke.’ Khawube nombono! Bonke abantu abagulayo baphilisiwe. Uphilisa nabo ‘bahlutshwa ziidemon,’ iingelosi ezikhohlakeleyo zikaSathana.​—Luka 6:17-19.

UYesu ufumana indawo ethe tyaba apha kule ntaba ibe ujikelezwa ngabantu. Inoba abafundi bakhe, ingakumbi abapostile abayi-12 balapha ecaleni kwakhe. Wonk’ umntu ufuna ukumamela lo mfundisi wenza izinto ezinkulu kangaka. Intshumayelo kaYesu kule ntaba inceda bonke abammameleyo. Ekuhambeni kwexesha bakhona nabanye abancedwa yiyo. Le ntshumayelo ingasinceda nathi kuba wayenza ngendlela elula necacileyo. UYesu uthetha ngezinto abantu abazaziyo nabaziqhelileyo. Le nto yenza ukuba bonke abantu abafuna ukuphila ngendlela kaThixo bayiqonde into ayithethayo. Zintoni ezikule ntshumayelo eziyenza ibaluleke kangaka?

NGOOBANI ABONA BANTU BONWABILEYO?

Wonk’ umntu uyafuna ukonwaba. NoYesu uyayazi le nto, ngenxa yaloo nto intshumayelo yakhe uyiqala ngokuthetha ngabona bantu bonwabileyo. Inoba le nto ibenza babe nomdla nyhani abantu abammameleyo. Kodwa mhlawumbi ziyababhida ezinye izinto.

Uthi: “Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo. Bonwabile abo banentliziyo ebuhlungu, kuba baza kuthuthuzelwa. . . . Bonwabile abo balambele nabanxanelwe ubulungisa, kuba baza kwaneliswa. . . .  Bonwabile abo baye batshutshiswa kuba besenza izinto ezilungileyo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo. Nonwabile xa abantu benithuka, benitshutshisa . . . ngenxa yokuba ningabalandeli bam. Vuyani kakhulu.”​—Mateyu 5:3-12.

Kokuphi oku ‘konwaba’ uYesu athetha ngako? Akathethi ngokuvuya umntu aba nako xa ezonwabisa. Oku konwaba athetha ngako kubaluleke kakhulu. Kuthetha ukwaneliseka nokuziva uphumelele ebomini.

UYesu uthi abantu abaqondayo ukuba bayamdinga uThixo, bakhathazwe kukungafezeki kwabo, bamazi baze bamkhonze uThixo, ngabona bantu bonwabileyo. Nokuba bayacatshukelwa okanye bayatshutshiswa kuba besenza izinto ezithandwa nguThixo, bonwabile kuba bayayazi ukuba benza izinto azithandayo, ibe ngenxa yaloo nto uza kubanika ubomi obungunaphakade.

Abantu abaninzi bacinga ukuba kukuba nezinto ezininzi okwenza umntu onwabe. Kodwa uYesu yena akatsho. Uthetha into eyahlukileyo ebenza bonke abantu abammameleyo bacinge. Uthi: “Niza kuthi shu nina zityebi, kuba ayikho enye into eniza kuphinda niyifumane. Niza kuthi shu nina nihluthayo ngoku, kuba niza kulamba. Niza kuthi shu nina nihlekayo ngoku, kuba niza kulila, nizile. Niza kuthi shu xa abantu bethetha kakuhle ngani, kuba nookhokho babo babaphatha ngolo hlobo abaprofeti bobuxoki.”​—Luka 6:24-26.

Kutheni beza kuthi shu abantu abazizityebi, abahlekayo, nekuthethwa kakuhle ngabo? Kuba xa umntu enezi zinto kwaye ezithanda, uye angakuhoyi ukukhonza uThixo aze angonwabi. UYesu akathi ukuhlupheka nokulamba kwenza umntu onwabe. Kodwa idla ngokuba ngabantu abangenazinto zininzi abadla ngokumamela izinto ezifundiswa nguYesu baze bafumane uvuyo lokwenene.

Ecinga ngabafundi bakhe uYesu uthi: “Niyityiwa yomhlaba.” (Mateyu 5:13) Apha akathethi ngetyiwa yokoqobo. Kaloku ityiwa yenza izinto zingaboli. Etempileni kwakubekwa ityiwa eninzi ngakwisibingelelo ukuze ifakwe kwimibingelelo eyenziwayo. Imela nokukhululeka kwabantu kurhwaphilizo nasekonakaleni. (Levitikus 2:13; Hezekile 43:23, 24) Abafundi bakaYesu ‘bayityiwa yomhlaba’ kuba banceda abantu bangonakali, bangaziphathi kakubi baze balahle uThixo. Umyalezo wabo unokunceda wonke umntu owumamelayo aqhubeke ephila.

UYesu uphinda athi kubafundi bakhe: “Nisisibane sabantu bonke abasemhlabeni.” Isibane asibekwa phantsi kwebhaskithi kodwa sixhonywa endaweni yaso, ukuze sikhanyise kakuhle. Ngenxa yaloo nto uYesu uthi: “Makubonakale ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle baze bamzukise uTata wenu osemazulwini.”​—Mateyu 5:14-16.

INDLELA ABAMELE BAZIPHATHE NGAYO ABAFUNDI BAKHE

Iinkokheli zamaYuda zimjonga uYesu njengomntu owaphula uMthetho KaThixo ibe zisandokuceba ukumbulala. Ngenxa yaloo nto uthi: “Ningacingi ukuba ndize kuchitha uMthetho okanye iimfundiso zabaProfeti. Andizanga kuchitha, kodwa ndize ukuze zenzeke zonke izinto ezibhaliweyo.”​—Mateyu 5:17.

UYesu uyawuthanda uMthetho KaThixo, ibe ufuna nabanye bawuthande. Ude athi: “Nabani na ke owaphula nokuba ngowona mncinci kule mithetho aze afundise nabanye ukwenza loo nto, akazukungena eBukumkanini bamazulu.” Uthetha ukuba loo mntu akazokubufumana tu uBukumkani. Uqhubeka athi: “Kodwa nabani na oyithobelayo aze afundise nabanye, uza kungena eBukumkanini bamazulu.”​—Mateyu 5:19.

UYesu ugxeka nezinto ezinokwenza umntu ophule uMthetho KaThixo. Emva kokuba ethe uMthetho KaThixo uthi “uze ungabulali,” wongeza athi: “Wonke umntu oqhubeka equmbele umzalwana wakhe uza kuphenduliswa kwinkundla yamatyala.” (Mateyu 5:21, 22) Ukuhlala uqumbile kuyingozi kuba kunokwenza umntu ade abulale. Yiloo nto uYesu echaza izinto umntu anokude azenze ukuze kubekho uxolo. Uthi: “Ngoko ke, ukuba uzisa isipho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho ukhathazekile ngenxa yakho, sishiye eso sipho apho phambi kwesibingelelo, uhambe. Xolelana nomzalwana wakho kuqala; emva koko ubuye uze unikele isipho sakho.”​—Mateyu 5:23, 24.

Omnye uMthetho KaThixo uthetha ngokukrexeza. UYesu uthi: “Niyazi ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Kodwa mna ndithi kuni, nabani na ojonga umfazi de ambawele, sele egqibile ukukrexeza naye entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:27, 28) Apha uYesu akathethi ngokucinga ngokuziphatha kakubi nje okugqithayo, kodwa uthetha ‘ngokujonga umntu ude umbawele.’ Le nto yenza ukuba xa kuvel’ ithuba umntu akrexeze. Umntu unokuyinqanda njani le nto ingenzeki? Kusenokufuneka enze izinto ekunzima ukuzenza. UYesu uthi: “Ukuba ilihlo lakho lasekunene likwenza wone, lincothule ulilahle kude. . . . Ukuba isandla sakho sasekunene sikwenza wone, sinqumle usilahle kude.”​—Mateyu 5:29, 30.

Xa ilungu lomzimba linesifo, abanye abantu baye balincame ukuze bangasweleki. NoYesu uthi kubhetele ‘silahle’ nantoni na, nokuba yinto ebalulekileyo njengelihlo okanye isandla, ukuze singacingi ngezinto ezimbi size sizenze. UYesu uyicacisa athi le nto: “Kungcono ukuba ulahlekelwe lilungu elinye kunokuba wonke umzimba wakho uphoswe eGehena” (indawo ekutshiselwa kuyo inkunkuma, ngaphandle kwaseYerusalem), into ethetha ukutshatyalaliswa.

UYesu ucebisa nangento umntu anokuyenza kumntu omenzakalisayo okanye othetha kakubi naye. Uthi: “Sanukulwa nomntu owenza izinto ezimbi, kodwa nabani na okuqhwaba ngempama kwesinye isidlele, mnike nesinye.” (Mateyu 5:39) Akathethi ukuba umntu makangazikhuseli okanye angayikhuseli intsapho yakhe xa ihlaselwa. UYesu akathethi ngokuqhwatywa ngempama okwenzelwe ukwenzakalisa okanye ukubulala umntu, kodwa uthetha ngokugezelwa. Uthi sukuphindisa xa umntu ekuqhwaba okanye ekuthuka kuba efuna ukulwa nawe.

Eli cebiso likaYesu livumelana nomthetho kaThixo othetha ngokuthanda ummelwane. Ngoko uYesu uthi kubantu abammameleyo: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazela nabo banitshutshisayo.” Emva koko uchaza isizathu esibalulekileyo sokwenza le nto. Uthi: “Ukuze kucace ukuba ningoonyana boTata osemazulwini, ekubeni elenza ilanga lakhe liphume kubantu abalungileyo nabangalunganga.”​—Mateyu 5:44, 45.

UYesu uyishwankathela ngala mazwi le nto: “Nimele nigqibelele, kuba noTata wenu osemazulwini ugqibelele.” (Mateyu 5:48) Siyayazi akathethi ukuba abantu banokwenza izinto kanye ngendlela uYehova azenza ngayo. Kodwa xa silinganisa uThixo, sinokuthanda neentshaba zethu. Ngamanye amazwi uthi: “Hlalani ninenceba, njengokuba noTata wenu enenceba.”​—Luka 6:36.

UKUTHANDAZA NOKUTHEMBA UTHIXO

UYesu uqhubeka nentshumayelo yakhe athi: “Zilumkeleni ukuba ningenzi izinto ezilungileyo kuba nje nifuna ukubonwa ngabantu.” Ugxeka abantu abafuna ukubonakala bengamalungisa ebantwini. Uthi: “Xa usipha amahlwempu izipho, sukwenzela ukubonwa ngabantu, njengoko besenza abahanahanisi.” (Mateyu 6:1, 2) Kubhetele ukumnika ecaleni umntu isipho.

Ngoku uYesu uthi: “Nimele ningathandazi njengabahanahanisi, kuba bona bathanda ukuthandaza bemi kwizindlu ekukhonzelwa kuzo nakwiikona zezitrato ezikhulu ukuze babonakale ebantwini.” Endaweni yaloo nto uthi: “Xa uthandaza, yiya egumbini lakho, uvale umnyango uze uthandaze kuTata wakho osemfihlekweni.” (Mateyu 6:5, 6) UYesu akayigxeki yonke imithandazo eyenziwa phambi kwabantu, kuba naye wakha wathandaza phambi kwabantu. Ugxeka abantu abathandaza kuba befuna ukunconywa ngabanye.

Ucebisa abantu abammameleyo athi: “Uze ungaphinda-phindani nento enye xa uthandaza, njengokuba besenza abantu beentlanga.” (Mateyu 6:7) UYesu akathethi ukuba kurongo ukumane uthandazela into. Into ayinqandayo kukuba umntu ankqaye aze ‘aphinda-phindane’ namagama. Emva koko wenza umzekelo womthandazo aze acele izinto ezisixhenxe. Ezithathu zokuqala zithetha ngelungelo likaThixo lokulawula kunye nezinto azifunayo, ezikukungcwaliswa kwegama lakhe, ukufika koBukumkani nokwenziwa kokuthanda kwakhe. Emva kwezi zinto zithathu, singazicela ke izinto esizifunayo ezinjengokutya kwemihla ngemihla, ukuxolelwa izono zethu, ukucela ukuba singalingwa ngapha kwamandla ethu, nokusindiswa kuSathana.

Kufuneka zibaluleke kangakanani kuthi izinto esinazo? UYesu uthi kwabo bammameleyo: “Yekani ukuqokelela ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa irusi nezinambuzane, nalapho kuqhekeza amasela aze ebe.” Ayinyani la mazwi. Izinto esinazo zinokuphela, ibe ukuziqokelela kwethu akusincedi nganto kuThixo. Ngenxa yaloo nto uYesu uthi: “Buqokeleleni ezulwini ubutyebi benu.” Le nto siyenza xa ukukhonza uYehova kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Akukho mntu unokusiyekisa ukuba ngabahlobo bakaThixo, okanye asenze singabufumani ubomi obungunaphakade. Ngoko ayinyani amazwi kaYesu athi: “Apho bukhoyo ubutyebi benu, nentliziyo yenu iza kuba lapho.”​—Mateyu 6:19-21.

Ukuze ayenze icace le nto, uYesu wenza umzekelo athi: “Ilihlo lisisibane somzimba. Ngoko ke, ukuba ilihlo lakho lijonge kwinto enye, kuza kukhanya umzimba wakho wonke. Kodwa ukuba ilihlo lakho alilunganga, umzimba wakho wonke uba sebumnyameni.” (Mateyu 6:22, 23) Xa ilihlo lethu lisebenza kakuhle, liba njengesibane esilayitiweyo kumzimba wethu. Ukuze libe njalo kufuneka lijonge kwinto enye, kuba ukuba alenzi loo nto, sisenokungayazi eyona nto ibalulekileyo ebomini. Ukuba eyona nto ibalulekileyo kuthi kukuba nezinto kunokukhonza uThixo, loo nto iya kuthetha ukuba ‘umzimba wethu wonke uba sebumnyameni,’ mhlawumbi siqalise nokwenza izinto ezimbi.

Emva koko wenza lo mzekelo: “Akukho mntu unokuba likhoboka leenkosi ezimbini; kuba usenokuyicaphukela enye, ayithande enye, okanye uza kuthi nca kwenye, angafuni nokuyibona enye. Aninakukhonza uThixo nibe nileqa nobuTyebi.”​—Mateyu 6:24.

Abantu abamamele uYesu, basenokubhideka baze bangayazi ukuba bakujonge njani ukufuna izinto abazidingayo. Ngenxa yaloo nto uyabaqinisekisa ukuba abadingi kuba naxhala xa ukukhonza uThixo kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Uthi: “Bukelani iintaka; azityali mbewu, azivuni ibe aziqokeleli kutya koovimba, kodwa zondliwa nguTata wenu osemazulwini.”​—Mateyu 6:26.

UYesu uthini ngeentyatyambo zasendle? Uthi: “Kwaneempahla ezimbeje-mbeje zikaSolomon zazingazogqithi ngobuhle.” Ibonisa ntoni le nto? “Ukuba uThixo uzinxibisa ngaloo ndlela izityalo zasendle, ezibakho namhlanje zize ziphoswe eziko ngengomso, akazukuninxibisa bhetele na nina?” (Mateyu 6:29, 30) Emva koko uYesu uthi: “Ningaze nibe nexhala, nithi, ‘Siza kutya ntoni?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni?’ . . . UTata wenu osemazulwini uyazi ukuba niyazidinga zonke ezi zinto. Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziza kongezelelwa kuni.”​—Mateyu 6:31-33.

UNOKUBUFUMANA NJANI UBOMI?

Abapostile kunye nabanye abantu abathembekileyo bafuna ukuphila ngendlela ethandwayo nguThixo, kodwa imeko yabo iyenza ibe nzima loo nto. Ngokomzekelo, abaFarisi abaninzi bayabagxeka baze babagwebe kakubi abantu. Ngenxa yaloo nto uYesu uthi kwabo bammameleyo: “Yekani ukugweba ukuze nani ningagwetywa; kuba indlela enigweba ngayo, niza kugwetywa kwangayo nani.”​—Mateyu 7:1, 2.

Kuyingozi ukulinganisa abaFarisi abasoloko begxeka. Ukuze ayicacise le nto wenza lo mzekelo: “Ukuba umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni, andithi?” Abantu abamamele uYesu bamele babajonge njani ke abanye abantu? Abamele babajonge ngelihlo eligxekayo, kuba iya kuba yinto embi kakhulu leyo. Uyabuza athi: “Ungatsho njani kumzalwana wakho ukuthi, ‘Mzalwana, yiza ndikhuphe udiza elihlweni lakho,’ ube wena ungaliboni iplanga kwelakho ilihlo? Mhanahanisindini! Khawuqale ukhuphe elo planga likwelakho ilihlo ukuze ubone kakuhle, ngaphambi kokuba ukhuphe udiza olukwilihlo lomzalwana wakho.”​—Luka 6:39-42.

Le nto ayithethi ukuba abafundi abanakubona nto irongo tu ebantwini. UYesu uthi kubo: “Sanukunika izinja izinto ezingcwele, okanye ninike iihagu iiperile zenu.” (Mateyu 7:6) Inyani ekwiLizwi LikaThixo ixabiseke kakhulu ngokungathi ziiperile. Ukuba abanye abantu abayixabisi le nyani, abafundi bamele babayeke baze bakhangele abanye abantu abanomdla.

UYesu uphinda athethe ngomthandazo, nangokubaluleka kokuqhubeka sithandaza. Uthi: “Qhubekani nicela, niza kuphiwa.” UThixo usoloko ekulungele ukuphendula imithandazo, ibe ukuze uYesu ayenze icace le nto uyabuza athi: “Ngubani ke nyhani apha kuni, onokuthi xa unyana wakhe ecela isonka, suke amnike ilitye? . . . Ngoko ke, ukuba nina, nakubeni ningaboni, niyakwazi ukupha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uTata wenu osemazulwini ukubapha izinto ezilungileyo abo bamcelayo!”​—Mateyu 7:7-11.

Emva koko uchaza indlela abantu abamele baziphathe ngayo. Uthi: “Ngoko ke, baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.” Nathi simele silimamele size silisebenzise eli cebiso kwabanye. Kodwa ke akukho lula ukuyenza le nto, njengokuba noYesu ebonisa xa esithi: “Ngenani ngegeyithi encinci, kuba inkulu igeyithi, ivulekile nendlela eya entshabalalweni, yaye baninzi abantu abangena ngayo. Kodwa incinci igeyithi, incinci nendlela eya ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.”​—Mateyu 7:12-14.

Bakhona nabantu abazama ukukhupha abafundi kule ndlela isa ebomini. Ngenxa yaloo nto uYesu ulumkisa athi: “Balumkeleni abaprofeti bobuxoki abeza kuni bembethe ufele lwegusha, kodwa ngaphakathi beziingcuka ezinyolukileyo.” (Mateyu 7:15) UYesu uthi ubona kwiziqhamo ukuba umthi umhle okanye ubolile. Nabantu ke banjalo. Ngenxa yaloo nto abaprofeti bobuxoki sinokubabona ngezinto abazifundisayo nangezinto abazenzayo. Uthi ayonto umntu ayithethayo emenza abe ngumfundi, kodwa yinto ayenzayo. Abanye abantu bathi uYesu yiNkosi yabo, kodwa ngaba uyiyo nyhani ukuba abazenzi izinto ezithandwa nguThixo? Uthi: “Ndiza kuthi kubo: ‘Andinazi nokuba ningoobani! Hamban’ apha, nina zaphuli-mthetho!’”​—Mateyu 7:23.

UYesu uyivala ngala mazwi intshumayelo yakhe: “Wonke umntu ozivayo ezi zinto ndizithethayo aze azenze, uza kufana nesilumko esakha indlu phezu kolwalwa. Kuthi xa kunetha kakhulu, kusibakho izikhukula, kuvuthuza nomoya, ubethe kuloo ndlu, ingadiliki, kuba yakhelwe phezu kolwalwa.” (Mateyu 7:24, 25) Kutheni ingadiliki nje le ndlu? Kuba le ndoda ‘yombe yayokutsho ezantsi yabeka isiseko sayo phezu kolwalwa.’ (Luka 6:48) Le nto ithetha ukuba akwanelanga ukuva nje amazwi kaYesu. Kufuneka ‘siwenze.’

Uthini ngomntu “ozivayo ezi zinto” kodwa “angazenzi”? “Ufana nesidenge esakha indlu phezu kwesanti.” (Mateyu 7:26) Imvula, izikhukula, nomoya ziza kuyidiliza loo ndlu.

Bonke abantu abammameleyo uYesu bayamangaliswa yindlela afundisa ngayo kule ntshumayelo yakhe. Ufundisa njengomntu onegunya, akafundisi njengeenkokheli zabo. Mhlawumbi abaninzi babo baba ngabafundi bakhe.