Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 36

Igosa Lomkhosi Libonisa Ukuba Linokholo Olukhulu

Igosa Lomkhosi Libonisa Ukuba Linokholo Olukhulu

MATEYU 8:5-13 LUKA 7:1-10

  • ISICAKA SEGOSA LOMKHOSI SIYAPHILISWA

  • ABANTU ABANOKHOLO BAZA KUSIKELELWA

Emva kweNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu uya kwisixeko saseKapernahum. Apha kuza kuye abadala abangamaYuda. Bathunywe kuye yindoda yolunye uhlanga, igosa lomkhosi wamaRoma.

Isicaka sale ndoda sigulela ukufa. Nangona le ndoda ingumntu weentlanga, icela uYesu ukuba ayincede. La maYuda axelela uYesu ukuba isicaka seli gosa “silele endlini . . . sife umzimba, ibe siqaqanjelwa kakhulu.” (Mateyu 8:6) Aba badala bamaYuda bayamqinisekisa ukuba eli gosa likufanele ukuncedwa. Bathi: ‘Liyaluthanda uhlanga lwethu, lide lasakhela nendlu esikhonzela kuyo.’​—Luka 7:4, 5.

Emva koko, uYesu uhamba naba badala besiya kwindlu yeli gosa. Bathi xa bekufuphi, eli gosa lithumele abahlobo balo lisithi: “Mnumzana, ungazikhathazi, andifanelekanga ukuba ungade uze kwam. Yiloo nto ndingezanga ngokwam kuwe.” (Luka 7:6, 7) Lithobeke nyhani eli gosa ekubeni ililo eliqhele ukuyalela abanye. Le nto ibonisa nokuba lahluke kakhulu kumaRoma aqhele ukuziphatha kakubi izicaka zawo.​—Mateyu 8:9.

Eli gosa limele ukuba liyayazi ukuba amaYuda awadibani nabantu abangengawo amaYuda. (IZenzo 10:28) Inoba yiloo nto lisithi kubahlobo balo mabacenge uYesu bathi: “Ukuba ungatsho nje, singaphila isicaka sam.”​—Luka 7:7.

Iyammangalisa le nto uYesu aze athi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, zange ndambona nakwaSirayeli umntu onokholo olungaka.” (Luka 7:9) Bathi xa bebuyela endlini yeli gosa, abahlobo balo bafike esa sicaka besigula siphilile.

Emva kokuba uYesu enze lo mmangaliso, usebenzisa eli thuba ukuze enze kucace ukuba abantu abangengomaYuda kodwa babe benokholo, baza kufumana iintsikelelo. Uthi: “Baninzi abaza kuza bevela empuma nasentshona, bahlale etafileni noAbraham noIsake noYakobi eBukumkanini bamazulu.” Wona amaYuda angenalukholo? UYesu uthi ‘aza kuphoselwa ngaphandle ebumnyameni. Apho aza kukhala engcungcutheka.’​—Mateyu 8:11, 12.

Ngenxa yaloo nto, abantu abazelwe bengamaYuda kodwa abalamkela ithuba eliqale lanikwa bona lokungena eBukumkanini noKristu, abazukubufumana. Kodwa abantu abangengomaYuda baza kuba ngathi bahleli etafileni yakhe “eBukumkanini bamazulu.”