Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 37

UYesu Uvusa Unyana Womhlolokazi

UYesu Uvusa Unyana Womhlolokazi

LUKA 7:11-17

  • UVUSA UMNTU ENAYIN

Emva kokuba uYesu ephilise isicaka segosa lomkhosi, uyemka eKapernahum aye eNayin, isixeko esingasemzantsi ntshona kwiikhilomitha ezingaphezu kweziyi-32. Akahambi yedwa, uhamba nabafundi bakhe kunye nabanye abantu abaninzi. Bafika ngaphandle kweNayin sekuza kurhatyela. Udibana namaYuda amaninzi esiya kungcwaba. Kuthwelwe isidumbu somfana siyokungcwatywa ngaphandle kwesixeko.

Oyena mntu ukhathazeke kakhulu kwaba bantu ngumama walo mfana. Ungumhlolokazi ibe ngoku uswelekelwe nangunyana wakhe ekuphela kwakhe. Ukusweleka komyeni wakhe, noko ebenaye unyana wakhe amthandayo. Unokuyicinga indlela ebebesondelelene ngayo, namathemba akhe ekulo mfana. Ngoku naye uswelekile. Uza kuhlala aze ancedwe ngubani?

Xa uYesu ebona intlungu yalo mama, uba nosizi. UYesu unobubele ibe uqinisekile ngale nto aza kuyenza, loo nto yenza lo mfazi amthembe. Uthi: “Sukukhala.” Emva koko uyasondela aze abambe le nto uthwelwe ngayo umzimba. (Luka 7:13, 14) Le nto ayenzayo yenza ukuba wonke umntu ame ngxi. Inoba abantu abaninzi bayazibuza ukuba ‘kutheni ethetha le nto ibe uza kwenza ntoni?’

Abantu ebebehamba noYesu bebembonile esenza imimangaliso kwaye ephilisa izifo ezininzi. Kodwa zange bambona evusa umntu ofileyo. Ewe kona bakhona abantu abakha bavuswa kudala, kodwa ngaba yena uYesu uyakwazi? (1 Kumkani 17:17-23; 2 Kumkani 4:32-37) UYesu uthi: “Mfana, ndithi kuwe, vuka!” (Luka 7:14) Ibe kwenzeka loo nto kanye. Lo mfana uyaphakama, ahlale ngeempundu aze aqalise ukuthetha! UYesu umnikeza kumama wakhe owothukileyo kodwa ovuya kakhulu. Kaloku akasekho yedwa.

Xa abantu bebona ukuba nyhani lo mfana uvukile, badumisa uMniki-bomi uYehova besithi: “Sifikelwe ngumprofeti omkhulu.” Abanye bathi: “UThixo ubakhumbule abantu bakhe.” (Luka 7:16) Iindaba ngalo mmangaliso zikhawuleza zithi saa zifike nakwezinye izixeko ezikufutshane mhlawumbi zifike nakwisixeko sakuloYesu iNazarete esikwiikhilomitha eziyi-10. Ezi ndaba zide zihle ziyokufika nakwaYuda.

UYohane umBhaptizi usesejele ibe unomdla wokuva ezi zinto zenziwa nguYesu. Abafundi bakaYohane bayamxelela ngale mimangaliso. Uthini?