Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 43

Imizekelo NgoBukumkani

Imizekelo NgoBukumkani

MATEYU 13:1-53 MARKO 4:1-34 LUKA 8:4-18

  • UYESU WENZA IMIZEKELO NGOBUKUMKANI

Kubonakala ngathi uYesu useKapernahum xa egxeka abaFarisi. Kwangaloo mini, uyemka endlini aze aye kufutshane noLwandle LwaseGalili. Apho udibana nabantu abaninzi. UYesu ukhwela isikhephe, ibe emva kokuba sibhekele apha elunxwemeni uqalisa ukufundisa abantu ngoBukumkani bamazulu. Wenza imizekelo emininzi. Abantu abamameleyo bayazazi ezi zinto athetha ngazo kwimizekelo yakhe, loo nto yenza ukuba bakhawuleze bazibambe ezi zinto bazifundiswa ngoBukumkani.

UYesu uqala ngokwenza umzekelo womntu ohlwayela imbewu. Enye imbewu iwela ecaleni kwendlela ize ityiwe ziintaka. Enye iwela kwindawo enamatye apho kungekho mhlaba mninzi. Iingcambu zayo azikwazi ukukhula zibe nde ibe ithi yakuntshula, itshiswe lilanga ize ibune. Enye yona imbewu iwela phakathi kwameva, ize ithi xa intshula ameva ayiminxe. Eyokugqibela iwela kumhlaba otyebileyo. Ivelisa isiqhamo ngokuphindwe “kayi-100, enye kayi-60, nenye kayi-30.”​—Mateyu 13:8.

Komnye umzekelo, uYesu ufanisa uBukumkani nomntu otyala imbewu. Nokuba lo mntu uyalala okanye akalali yona imbewu iyakhula. Ukuba ikhula njani ‘akayazi tu.’ (Marko 4:27) Iyazikhulela ize ivelise ingqolowa aze yena ayivune.

Emva koko uYesu wenza umzekelo wakhe wesithathu. Indoda ityala imbewu kodwa “xa abantu belele,” kufika utshaba luze lutyale ukhula phakathi kwengqolowa. Amakhoboka ale ndoda ayabuza ukuba alususe na ukhula. Ithi yona: “Hayi, kuba kungenzeka nithi xa niqokelela ukhula, nincothule nengqolowa. Ziyekeni zikhule kunye de kube lixesha lokuvuna. Ndiza kuthi kubavuni: Qalani niqokelele ukhula nilubophe lube zizithungu nize nilutshise; emva koko niqokelelele ingqolowa kuvimba wam.”​—Mateyu 13:24-30.

Abantu abaninzi abamamele uYesu bawuqhelile umsebenzi womfama. Uphinda athethe ngenye into abayiqhelileyo, ukhozo lwemostade. Lukhula lube ngumthi omkhulu zize iintaka zizakhele kumasebe alo mthi. Uthi uYesu ngolu khozo: “UBukumkani bamazulu bunjengokhozo lwemostade olwathathwa ngumntu, walutyala entsimini yakhe.” (Mateyu 13:31) Kodwa uYesu akezanga kuzobafundisa ngezityalo. Wenza umzekelo wendlela into encinci enokukhula ngayo ibe yinto enkulu.

Emva koko uYesu uthetha ngento abantu abaninzi abamameleyo abayaziyo. Ufanisa uBukumkani bamazulu “negwele elixovelwe ngumfazi kumgubo omninzi.” (Mateyu 13:33) Nangona igwele lingabonakali kwintlama, liyenza inyuke yonke.

Emva kokwenza le mizekelo, uyabakhulula abantu aze yena abuyele kwindlu ahlala kuyo. Abafundi bakhe baza kuye. Bafuna ukuqonda ukuba ebethetha ukuthini.

INCEDA NJANI IMIZEKELO KAYESU?

Abafundi bakaYesu abaqali ukumva esebenzisa imizekelo, kodwa zange wayisebenzisa ngale ndlela. Ngenxa yaloo nto bayambuza bathi: “Kutheni usebenzisa imizekelo xa ufundisa aba bantu?”​—Mateyu 13:10.

Esinye isizathu kukuba le nto kwaprofetwa ngayo eBhayibhileni. UMateyu uthi: “Akukho nto wayeyithetha kubo engasebenzisi mizekelo, ukuze yenzeke into eyathethwa ngumprofeti, esithi: ‘Ndiza kufundisa ngemizekelo, ndinazise izinto ezazifihlakele ukususela ekuqaleni.’”​—Mateyu 13:34, 35; INdumiso 78:2.

Kodwa sikhona nesinye isizathu sokuba enze imizekelo. Le mizekelo iveza eyona nto abantu abayiyo. Abantu abaninzi banomdla kuYesu kuba besithi ubalisa kamnandi ibe wenza nemimangaliso. Abamjongi njengeNkosi emele ithotyelwe ize ilandelwe. (Luka 6:46, 47) Abafuni nto iza kubaphazamisa kwindlela abazijonga ngayo izinto nendlela ababuphila ngayo ubomi babo. Abafuni le nto bayifundiswa nguYesu ibafikelele intliziyo.

Xa ephendula umbuzo wabafundi bakhe uthi: “Yiloo nto ndisenza imizekelo xa ndibafundisa; kuba bajongile kodwa ababoni, bamamele kodwa abeva, bengayiqondi neyona nto ndiyithethayo. Yenzeka kubo into eyaprofetwa nguIsaya, esithi: ‘. . . Iintliziyo zaba bantu zilukhuni.’”​—Mateyu 13:13-15; Isaya 6:9, 10.

Kodwa abakho nje bonke abantu abammameleyo uYesu. Uthi: “Kodwa ke, nina nonwabile kuba amehlo enu ayabona, neendlebe zenu ziyeva. Kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa ababengathanda ukubona izinto enizibonayo, kodwa abazibona, nokuva izinto enizivayo, kodwa abaziva.”​—Mateyu 13:16, 17.

Abapostile abayi-12 nabanye abafundi abathembekileyo, baneentliziyo ezithobelayo. Yiyo loo nto uYesu esithi: “Nina nincediwe nacacelwa ziimfihlo ezingcwele ezingoBukumkani bamazulu, kodwa bona abancedwanga.” (Mateyu 13:11) Kuba befuna nyhani ukwazi, uYesu ucacisela abafundi bakhe ngomzekelo womntu ohlwayelayo.

UYesu uthi: “Imbewu lilizwi likaThixo.” (Luka 8:11) Umhlaba yintliziyo. Xa ubambe ezo zinto uza kuwuqonda lo mzekelo.

Uthi ngembewu esecaleni kwendlela: “Wafika uMtyholi walithatha [ilizwi] ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa baze basindiswe.” (Luka 8:12) Xa ethetha ngembewu etyalwe kwindawo enamatye, uYesu uthetha ngabo balivayo ilizwi baze balamkele bevuya kodwa alihlali ezintliziyweni zabo. “Kuthi xa kuvela ingxaki okanye intshutshiso,” abantu abanjalo bakhubeke. “Bathi bakuvavanywa” mhlawumbi yintsapho okanye ngabanye abantu, baphelelwe lukholo.​—Mateyu 13:21; Luka 8:13.

Yona imbewu ewela phakathi kwameva? UYesu uthi kubafundi bakhe, aba ngabantu abaye baliva ilizwi kodwa baminxwa “ngamaxhala eli hlabathi nokuqhathwa kukunqwenela ubutyebi.” (Mateyu 13:22) Lithe selingenile ilizwi ezintliziyweni zabo, laminxeka laza alabi nasiqhamo.

Umhlaba wokugqibela uYesu athetha ngawo, ngumhlaba otyebileyo. Wona ngabantu abalivayo ilizwi baze balamkele ezintliziyweni zabo, baliqonde kakuhle. Ngenxa yaloo nto kuye kwenzeke ntoni? ‘Bavelisa isiqhamo.’ Kuba bengafani ngeminyaka nangempilo, abavelisi isiqhamo esilinganayo. Omnye uvelisa ngokuphindwe kayi-100 omnye ngokuphindwe kayi-60 omnye ngokuphindwe kayi-30. Iintsikelelo zokukhonza uThixo zezabo “bathi emva kokuliva ilizwi ngentliziyo entle nenyanisekileyo, balithobele baze bathwale isiqhamo ngoxa benyamezele.”​—Luka 8:15.

Inoba abafundi bakaYesu bamangalisiwe kuba bebefuna nyhani ukuqonda le ndlela afundisa ngayo. Ngoku bayiqonda kakuhle imizekelo yakhe. NoYesu uyafuna bayiqonde kuba ufuna bayisebenzisa xa befundisa abanye abantu inyani. Uthi kubo: “Isibane asibekwa phantsi kwebhaskithi okanye phantsi kwebhedi, andithi? Asixhonywa endaweni yaso na?” Emva koko uyabacebisa athi: “Nabani na oneendlebe zokumamela, makamamele.”​—Marko 4:21-23.

UBENZELA EMINYE IMIZEKELO

Emva kokuba uYesu ebacacisele ngomzekelo womntu ohlwayelayo, abafundi basafuna ukuphinda bafundiswe. Bathi: “Sicacisele ukuba uthetha ukuthini umzekelo wokhula entsimini.”​—Mateyu 13:36.

Xa bebuza le nto babonisa ukuba abafani nabantu uYesu ebethetha nabo ngaselwandle. Bona abo bantu bayeva kodwa abanamdla wokuqonda ukuba le mizekelo ithetha ukuthini nokuba bangayisebenzisa njani. Bonela kukuwuva nje umzekelo. UYesu ubonisa indlela abohluke ngayo abantu ebebengaselwandle nabafundi bakhe ababuza imibuzo, uthi:

“Yimamelisiseni le nto niyivayo. Indlela eniqonda ngayo, ixhomekeke kwindlela enimamelisisa ngayo. Ukuba niyayenza loo nto, niza kutsho nicacelwe kakhulu.” (Marko 4:24) Abafundi bayayimamelisisa le nto ithethwa nguYesu. Uyababona ukuba bamamele ibe banomdla, ngenxa yaloo nto ubenzela eminye imizekelo aze abacacisele ukuba ithetha ukuthini. Uphendula umbuzo abawubuzileyo abafundi ngomzekelo wengqolowa nokhula, uthi:

“Umhlwayeli wembewu entle nguNyana womntu; intsimi lihlabathi. Yona ke imbewu entle ngoonyana boBukumkani, kodwa ukhula ngoonyana bakaSathana, kwaye utshaba olwalutyalayo nguMtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli hlabathi, yaye abavuni ziingelosi.”​—Mateyu 13:37-39.

Emva kokuba echaze wonke umntu okhoyo kulo mzekelo, uYesu uyawucacisa. Uthi xa kupheliswa eli hlabathi, abavuni okanye iingelosi, baza kohlula ukhula okanye abo bazenza amaKristu ‘koonyana boBukumkani’. “Amalungisa” nawo aza kuqokelelwa aze aqaqambe “kuBukumkani bukaTata wawo.” Kuza kwenzeka ntoni “koonyana bakaSathana”? Baza kutshatyalaliswa ‘baze bakhale bengcungcutheka.’​—Mateyu 13:41-43.

Emva koko uYesu uxelela abafundi bakhe eminye imizekelo emithathu. Kowokuqala uthi: “UBukumkani bamazulu bunjengobutyebi obufihlwe emhlabeni, baza bafunyanwa ngumntu, waphinda wabufihla kwalapho; loo mntu uvuya kangangokuba uyahamba ayokuthengisa yonke into anayo aze awuthenge loo mhlaba.”​—Mateyu 13:44.

Uqhubeka athi: “UBukumkani bamazulu bunjengosomashishini ohambahambayo efuna iiperile ezintle. Wathi esakufumana iperile enye exabiseke kakhulu, wahamba, wakhawuleza wathengisa yonke into anayo, wayithenga loo perile.”​—Mateyu 13:45, 46.

Ngale mizekelo mibini ubonisa ukuba umntu angancama nantoni na ukuze afumane into exabiseke kakhulu. Usomashishini ukhawuleza athengise “yonke into anayo” ukuze athenge iperile exabiseke kakhulu. Abafundi bakaYesu bayawuqonda lo mzekelo weperile exabisekileyo. Nomntu ofumana ubutyebi obufihlwe emhlabeni uthengisa “yonke into anayo” ukuze awuthenge. Kuyo yomibini le mizekelo kukho into exabisekileyo efunwayo. Le nto inokufaniswa nomntu oncama izinto zakhe ukuze asondele kuThixo. (Mateyu 5:3) Abanye babantu abammameleyo xa esenza le mizekelo sebebonisile ukuba bangenza nantoni na ukuze babe ngabahlobo bakaThixo baze balandele uYesu.​—Mateyu 4:19, 20; 19:27.

Kumzekelo wokugqibela, ufanisa uBukumkani bamazulu nomnatha orhuqwayo oqokelela zonke iintlobo zeentlanzi. (Mateyu 13:47) Xa ezi ntlanzi zisahlulwa, ezintle zifakwa ezityeni kodwa ezingafanelekanga ziyalahlwa. UYesu uthi kuza kuba njalo naxa kupheliswa eli hlabathi. Iingelosi ziza kohlula abantu abenza izinto ezimbi kumalungisa.

UYesu naye wayesenza uhlobo oluthile lokuloba xa wacela abafundi bakhe bokuqala ukuba babe ‘ngabalobi babantu.’ (Marko 1:17) Kodwa uthi umzekelo wakhe womnatha orhuqwayo uza kwenzeka “xa kupheliswa eli hlabathi.” (Mateyu 13:49) Ngenxa yaloo nto abafundi bakaYesu nabanye abapostile bakhe abammameleyo bayabona ukuba kukho izinto ezininzi ezenza umdla eziseza kwenzeka.

Abantu abayivileyo imizekelo ayenzileyo xa ebekwisikhephe bayakhuthazeka. Ubonisa ukuba ufuna ‘ukubacacisela yonke into abafundi bakhe xa bebodwa.’ (Marko 4:34) “Ufana nomninimzi oza nezinto ezintsha nezindala ezikwindawo yokugcina ubutyebi bakhe.” (Mateyu 13:52) Xa esenza le mizekelo uYesu akaqhayisi ngendlela yakhe yokufundisa. Endaweni yoko, ufundisa abafundi bakhe iinyaniso ezifana nobutyebi obuxabisekileyo. Kuyacaca ukuba akekho “umntu ofundisa abantu” njengaye.