Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 45

UYesu Unamandla Kuneedemon

UYesu Unamandla Kuneedemon

MATEYU 8:28-34 MARKO 5:1-20 LUKA 8:26-39

  • UKHUPHA IIDEMON AZISE KWIIHAGU

Xa abafundi bakaYesu bebuyela elunxwemeni emva kwento eyenzeke elwandle, kwenzeka into eyothusayo. Amadoda amabini akhohlakeleyo naneedemon, aphuma phakathi kwamangcwaba, eze ebaleka kuYesu! Ezi vesi zithetha kakhulu ngenye yala madoda kuba mhlawumbi yona ikhohlakele kakhulu futhi inexesha elide ineedemon.

Le ndoda ilusizi ihamba-hamba kula mangcwaba ingaxibanga mpahla. ‘Ikhala kakhulu emangcwabeni nasezintabeni ubusuku nemini, izisika nangamatye.’ (Marko 5:5) Ndlela le ikhohlakele ngayo abantu bayoyika ukuhamba ngale ndlela ikuyo. Abantu baye bazama ukuyibopha ngamatsheyini kodwa iyawaqhawula ikroboze namakhamandela. Akekho umntu onamandla okuyoyisa.

Xa le ndoda ibona uYesu iya kuye ize iqubude ezinyaweni zakhe. Iidemon ziyenza ikhwaze ithi: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana wOyena Thixo Uphakamileyo? Ndifungele phambi koThixo ukuba awuzukundingcungcuthekisa.” UYesu ubonisa ukuba unegunya kuneedemon, uthi: “Phuma kulo mntu, demonindini.”​—Marko 5:7, 8.

Kubonakala ukuba le ndoda ineedemon ezininzi. Xa uYesu ebuza le demon esithi, “Ungubani igama lakho?” Ithi yona: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.” (Marko 5:9) Umkhosi wamaRoma uba namajoni amaninzi; needemon zigcwele kule ndoda ibe ziyakuthanda ukuyingcungcuthekisa. Ziyamcenga uYesu ukuba “angazithumeli emngxunyeni ongenasiphelo.” Le nto ibonisa ukuba ziyayazi into eza kwenzeka kuzo nakumntu ozikhokelayo uSathana.​—Luka 8:31.

Kufutshane nalapho, kukho iihagu ezimalunga ne-2 000. NgokoMthetho iihagu zizilwanyana ezingacocekanga ibe amaYuda awamele abe nazo. Iidemon zithi: “Yithi masiye kweza hagu, singene kuzo.” (Marko 5:12) UYesu uyazivumela zize zingene ezihagwini. Ngoko nangoko zonke ezi hagu ziwela eliweni zize zirhaxwe ngamanzi olwandle.

Xa abalusi bezi hagu beyibona le nto, babaleka bayokuxela esixekweni nasezilalini into eyenzekileyo. Abantu bayeza bazokuzibonela ukuba kwenzeke ntoni. Xa befika babona le ndoda ibineedemon iphilile futhi isezingqondweni. Ihleli phambi kukaYesu ibe inxibe iimpahla.

Abantu abayivayo into eyenzekileyo okanye ababona le ndoda bayoyika. Baba nexhala lezinye izinto uYesu aza kuzenza. Bayamcenga ukuba ahambe kummandla wabo. Xa uYesu ekhwela isikhephe ukuze ahambe, le ndoda ibineedemon iyamcenga ukuba ahambe nayo. Kodwa uthi kuyo: “Goduka uye kwizalamane zakho, uzixelele yonke into uYehova akwenzele yona nenceba akwenzele yona.”​—Marko 5:19.

UYesu uqhele ukuthi kubantu abaphilisileyo mabangaxeleli mntu ngento eyenzekileyo kuba akafuni abantu babe nokholo kuye kuba beve izinto ezibaxiweyo ngaye. Kodwa ngoku, le ndoda ibineedemon ibubungqina bendlela anamandla ngayo ibe obo bungqina bungafikelela kubantu uYesu ebengasoze afikelele kubo. Ubungqina bakhe buza kunceda naxa kukho abantu abagxekayo, bekhalela eza hagu. Le ndoda iyahamba iyokuxelela bonke abantu baseDekapoli ngento eyenzelwe nguYesu.