Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 48

Wenza Imimangaliso Kodwa Akafunwa ENazarete

Wenza Imimangaliso Kodwa Akafunwa ENazarete

MATEYU 9:27-34; 13:54-58 MARKO 6:1-6

  • UYESU UPHILISA ABANTU ABANGABONIYO NABANGAKWAZIYO UKUTHETHA

  • ABANTU BASENAZARETE ABAMFUNI

UYesu ebexakeke nyhani ke ngale mini. Ukumka kwakhe eDekapoli uphilise umfazi ebenengxaki yokopha waza wavusa intombi kaYayiro. Kodwa akakagqibi. Ukumka kukaYesu ekhayeni likaYayiro amadoda amabini angaboniyo ayamlandela ekhwaza esithi: “Senzele inceba, Nyana kaDavide.”​—Mateyu 9:27.

Xa la madoda esithi “Nyana kaDavide,” abonisa ukuba ayakholelwa ukuba uyinzala kaDavide ibe unguMesiya. UYesu wenza ngathi akaweva mhlawumbi kuba efuna ukubona ukuba awazokuncama na. Nyhani ke awancami. Xa uYesu engena endlini la madoda mabini ayamlandela. UYesu uthi kuwo: “Niyayikholelwa na into yokuba ndingawavula amehlo enu?” Athi: “Ewe, Nkosi.” Emva koko uwaphatha emehlweni aze athi: “Ngenxa yokholo lwenu, mayenzeke le nto niyicelileyo.”​—Mateyu 9:28, 29.

Amehlo awo ayavuleka! Njengokuba eqhele ukutsho, uYesu uxelela la madoda ukuba angaxeleli mntu ngale nto ayenzileyo. Kodwa kuba evuya ahamba exelela abantu ngaye.

Ukumka kwala madoda, abantu bazisa indoda engakwaziyo ukuthetha kuba inedemon. UYesu uyayikhupha le demon ize le ndoda ikwazi ukuthetha. Abantu bayamangaliswa baze bathi: “Ayizange khe yabonwa into enje kwaSirayeli.” Kukho nabaFarisi apha. Abakwazi ukumphikisa uYesu ngemimangaliso ayenzayo ngenxa yaloo nto baphinda bamtyhole bathi: “Iidemon uzikhupha ngomlawuli weedemon.”​—Mateyu 9:33, 34.

Emva koko, uYesu ubuyela kwidolophu yakowabo iNazarete ehamba nabafundi bakhe. Kunyaka ophelileyo ebefundisa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda apha. Abantu baqala bazithanda izinto awayezithetha kodwa ekuhambeni kwexesha zabakhubekisa baza bazama ukumbulala. Ngoku uzama ukuphinda abancede.

NgeSabatha ubuyela kwindlu akhonzela kuyo amaYuda ukuze afundise. Abantu abaninzi bothukile ibe bayabuza: “Le ndoda ibufumene phi obu bulumko bungaka namandla okwenza imimangaliso emikhulu kangaka?” Bathi: “Ayingonyana womchweli na lo? AyingoMariya na umama wakhe? Khona, abantakwabo ayingoYakobi noYosefu noSimon noYudas? Ayingabo na aba bakunye nathi oodadewabo? Ke ngoku, ukwazela phi ukwenza zonke ezi zinto.”​—Mateyu 13:54-56.

Abantu bathi uYesu ngumntu walapha. Bathi ‘ukhulele apha phambi kwethu ngoku anganguye njani uMesiya?’ Nangona ubungqina bucacile bebubona ubulumko nemimangaliso uYesu ayenzayo, abamfuni. Ngenxa yokuba bemqhelile uYesu nabantu azalana nabo bayacaphuka ibe uYesu uthi: “Umprofeti uphathwa ngembeko kuyo yonke indawo, ngaphandle kwakummandla wakowabo nakwikhaya lakhe.”​—Mateyu 13:57.

UYesu iyamothusa indlela abangenalukholo ngayo. Ngenxa yaloo nto akenzi mimangaliso apha “ngaphandle kokubeka izandla abantu nje abambalwa abagulayo aze abaphilise.”​—Marko 6:5, 6.