Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 49

Ushumayela EGalili Aze Aqeqeshe Abapostile

Ushumayela EGalili Aze Aqeqeshe Abapostile

MATEYU 9:35–10:15 MARKO 6:6-11 LUKA 9:1-5

  • UYESU UPHINDA ASHUMAYELE KWIINDAWO ZASEGALILI

  • UTHUMA ABAPOSTILE UKUBA BAYOKUSHUMAYELA

Yinto ephaa kwiminyaka emibini ngoku uYesu eshumayela ngokuzimisela. Ngaba ngoku uza kuphumla? Hayi endaweni yoko uzimisela nangakumbi. ‘Ufundisa kuzo zonke izixeko neelali [zaseGalili], efundisa kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda, eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ephilisa zonke iintlobo zezifo, nazo zonke izigulo.’ (Mateyu 9:35) Into ayibonayo imenza aqiniseke ukuba kufuneka ashumayele nakwezinye iindawo. Kodwa uza kuyenza njani le nto?

Njengokuba uYesu ehamba ezi ndawo udibana nabantu abafuna ukuncedwa baze bathuthuzelwe kukwazi uThixo. Banjengeegusha ezingenamalusi, eziphethwe kakubi kwaye zingahoywanga. Uyabasizela aze athi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abasebenzi. Ngoko ke, cengani uMphathi wesivuno ukuba athumele abasebenzi bayokuvuna.”​—Mateyu 9:37, 38.

UYesu uyayazi into eza kubanceda. Ubiza abapostile bakhe abayi-12 aze abahlule ngababini babe ngamaqela amathandathu. Ubanika imiyalelo ecacileyo, athi: “Ze ningahambi ngendlela eya kummandla weentlanga, ningangeni nakwesiphi na isixeko samaSamariya; kodwa qhubekani nisiya kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. Njengokuba nihamba, shumayelani nithi: ‘Sele buza kufika uBukumkani bamazulu.’”​—Mateyu 10:5-7.

Obu Bukumkani baza kushumayela ngabo bobu uYesu wayethethe ngabo kumthandazo wakhe ongumzekelo. Singathi ‘sele buza kufika uBukumkani’ kuba uKumkani omiselwe nguThixo, uYesu Kristu, ukhona. Kodwa ke yintoni eza kwenza kucace nyhani ukuba abafundi bakhe bamela lo rhulumente kaThixo? UYesu ubanika igunya lokuphilisa abantu abagulayo, bavuse nabantu abafileyo baze bangabhatalisi mntu ngayo yonke loo nto. Baza kuzifumana njani ke abapostile izinto abazidingayo ezinjengokutya kwemihla ngemihla?

UYesu uxelela abafundi bakhe ukuba bangaziphathel’ izinto xa beyokushumayela. Abamele baphathe igolide, isilvere, okanye ikopolo kwiibhegi zabo. Abazokudinga bhegi yomphako okanye impahla yokutshintsha okanye iimbadada. Ngoba? UYesu uthi: “Umntu osebenzayo ufanele anikwe ukutya.” (Mateyu 10:10) Abantu abaza kuwumamela umyalezo wabo baze bawuxabise baza kubanika izinto abazidingayo. Uthi: “Kuloo mzi unamkelayo, hlalani kuwo de nimke kuloo ndawo.”​—Marko 6:10.

UYesu ubaxelela nento abamele bayenze xa befika emzini bezokuthetha ngomyalezo woBukumkani. Uthi: “Xa ningena emzini, bulisani. Ukuba abantu abakuloo ndlu bayafaneleka, uxolo enibanqwenelela lona mabalufumane; kodwa ukuba abafaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni. Nanini na kukho umntu onganamkeliyo okanye onganimameliyo, ze nithi nakuphuma kuloo mzi okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu.”​—Mateyu 10:12-14.

Kusenokwenzeka ukuba sonke isixeko okanye ilali ingafuni ukuwumamela umyalezo wabo. Yintoni ke eza kwenzeka kuloo ndawo? UYesu uthi loo ndawo iza kugwetywa kabuhlungu. Uthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, eso sixeko siza kohlwaywa ngaphezu kwelizwe laseSodom nelaseGomora ngeMini Yomgwebo.”​—Mateyu 10:15.