Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 50

Ubanceda Bashumayele Nangona Beza Kuchaswa

Ubanceda Bashumayele Nangona Beza Kuchaswa

MATEYU 10:16–11:1 MARKO 6:12, 13 LUKA 9:6

  • UYESU UQEQESHA AZE ATHUME ABAPOSTILE BAKHE

UYesu uchazela abapostile bakhe indlela abaza kushumayela ngayo njengoko behamba ngababini. Uyabalumkisa ngabantu abaza kubachasa. Uthi: “Jongani ke! Ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka . . . Ze nilumke, kuba abantu baza kunisa ezinkundleni, banibethe kanobom kwizindlu abakhonzela kuzo. Ibe niza kumiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Niza kutsho nikwazi ukushumayela ngam kubo nakwiintlanga.”​—Mateyu 10:16-18.

Abalandeli bakaYesu basenokutshutshiswa nyhani kodwa uyabaqinisekisa aze abathembise athi: “Xa benisa ezinkundleni, ningabi naxhala lokuba niza kuthini, kuba niza kuyinikwa ngelo xesha into emaniyithethe; kuba akuzukuthetha nina kuphela, kodwa ngumoya kaTata wenu oza kuthetha esebenzisa nina. Enye into, umntu uza kubulalisa umntakwabo, utata abulalise umntwana wakhe, nabantwana bajikele abazali babo baze bababulalise. Niza kucatshukelwa ngumntu wonke ngenxa yegama lam, kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.”​—Mateyu 10:19-22.

Ngenxa yokuba umsebenzi wokushumayela ubalulekile uYesu uchazela abalandeli bakhe ukuba kufuneka balumke xa bewenza. Uthi: “Xa benitshutshisa kwesinye isixeko, balekelani kwesinye; kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, uNyana womntu uza kuza ngaphambi kokuba niwugqibe umsebenzi wenu kwizixeko zakwaSirayeli.”​—Mateyu 10:23.

UYesu uyabakhuthaza, abanike imiyalelo aze abalumkise kakuhle abapostile bakhe abayi-12. La mazwi akawenzeli abapostile bakhe bodwa, kodwa nabantu abaza kushumayela emva kokuba efile waza wavuswa. Le nto siyibona xa esithi “niza kucatshukelwa ngumntu wonke,” akathethi ngaba bantu abapostile bakhe abathume ukuba bashumayele kubo kuphela. Kwakhona, ngeli xesha abapostile bakaYesu beshumayela eGalili, akukho nto ibhaliweyo ethi baye bamiswa phambi kwabalawuli nookumkani okanye babulaliswa ngabantu abazalana nabo.

Kucacile ukuba uYesu ucinga ngexesha elizayo xa ethetha ezi zinto kubapostile bakhe. Cinga nangamazwi awathetha kubafundi bakhe esithi “uNyana womntu uza kuza” ngaphambi kokuba bawugqibe umsebenzi wokushumayela. Ngala mazwi ubonisa ukuba uKumkani onguYesu Kristu uza kuza njengomgwebi kaThixo ngaphambi kokuba abafundi bawugqibe umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.

Xa beshumayela abapostile abamele bothuke xa bechaswa kuba uYesu uthi: “Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, nekhoboka alikho ngaphezu kwenkosi yalo.” Icacile eyona nto ayithethayo. Yena uphathwa kakubi ibe uyatshutshiswa ngenxa yokushumayela ngoBukumkani BukaThixo, kuza kuba njalo nakubo. UYesu uphinda athi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengakwazi ukubulala umphefumlo; kodwa yoyikani lowo ukwaziyo ukuzitshabalalisa zombini, umphefumlo nomzimba eGehena.”​—Mateyu 10:24, 28.

UYesu ungumzekelo omhle wale nto. Wakhetha ukunyamezela ukufa engoyiki endaweni yokungathembeki koyena mntu unamandla uYehova. NguThixo uSomandla yedwa onokubulala “umphefumlo” womntu (angalifumani ithemba lo bomi) okanye amvuse ukuze aphile ngonaphakade emhlabeni. Ibakhuthaza nyhani le nto abapostile!

UYesu wenza umzekelo obonisa indlela uThixo abakhathalele ngayo abalandeli bakhe. Uthi: “Iintaka ezincinci ezimbini zithengiswa ngemali encinci, andithi? Kodwa akukho nenye ewayo, uTata wenu engayazi loo nto.”​—Mateyu 10:29, 31.

Umyalezo oshunyayelwa ngabafundi bakhe uza kohlula iintsapho kuba abanye entsatsheni baza kuwamkela abanye bangawamkeli. Uthi: “Sanukucinga ukuba ndizise uxolo emhlabeni.” Kufuneka abe nesibindi umntu ukuze amkele inyaniso eseBhayibhileni. UYesu uthi: “Nabani na othanda utata okanye umama wakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga; nabani na othanda unyana okanye intombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.”​—Mateyu 10:34, 37.

Kodwa abanye baza kubamkela abafundi bakhe. Uthi: “Nabani na onika omnye waba bancinci amanzi okusela kuba engumfundi wam, ndiyaniqinisekisa ukuba uza kuwufumana umvuzo wakhe.”​—Mateyu 10:42.

Emva kokuba uYesu ebayalile, wabalumkisa waza wabakhuthaza, abapostile bayahamba “besiya kwiilali ngeelali, beshumayela iindaba ezilungileyo yaye bephilisa kuyo yonke indawo.”​—Luka 9:6.