Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 53

Umlawuli Okwaziyo Ukulawula Umoya Nolwandle

Umlawuli Okwaziyo Ukulawula Umoya Nolwandle

MATEYU 14:22-36 MARKO 6:45-56 YOHANE 6:14-25

  • ABANTU BAFUNA UKWENZA UYESU UKUMKANI

  • UYESU UHAMBA PHEZU KWAMANZI AZE AZOLISE UMOYA

Abantu bayithandile into uYesu ayenzileyo yokutyisa amawaka abantu. Bathi, “ngokuqinisekileyo lo, ngulo Mprofeti ekwakuthiwe uyeza ehlabathini,” uMesiya, ibe bathi angabalawula kakuhle. (Yohane 6:14; Duteronomi 18:18) Ngoko abantu abaninzi bafuna ukumbamba bamenze ukumkani.

UYesu uyayazi le nto bafuna ukuyenza. Uyabakhulula abantu ukuba bahambe aze athi abafundi bakhe mababuyele kwisikhephe. Bayaphi? Baya ngaseBhethesayida emva koko baye eKapernahum. Yena uYesu uya entabeni yedwa ngobu busuku ukuze athandaze.

Ekhanyiselwe yinyanga xa kuza kusa, ubona isikhephe sikude. Amaza olwandle ayalwatyuzela ibe aqhutywa ngumoya omkhulu. Abapostile ‘basiqhuba nzima isikhephe kuba umoya uvela ngaphambili.’ (Marko 6:48) UYesu uyehla entabeni aze aqalise ukuhamba emanzini aye kubo. Abafundi sele “behambe malunga neekhilomitha ezintlanu.” (Yohane 6:19) Babona uYesu engathi uyabadlula baze bathi: “Ngumbono lo!”​—Marko 6:49.

UYesu uthi: “Yibani nesibindi! Ndim; sanukoyika.” Kodwa uPetros uthi: “Nkosi, ukuba nguwe, yithi mandize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.” UYesu uthi: “Yiza!” Ngoko nangoko uPetros uyehla kwisikhephe aze ahambe phezu kwamanzi aye kuye. Kodwa uthi akujonga kwisaqhwithi oyike aze aqalise ukutshona. Uyakhala athi: “Nkosi, ndisindise!” UYesu wolula isandla sakhe, ambambe athi: “Wena unokholo oluncinci, kutheni uye wathandabuza nje?”​—Mateyu 14:27-31.

UYesu noPetros bakhwela kwisikhephe luze ulwandle luzole. Abafundi bamangalisiwe kodwa ngaba bamele bamangaliswe? Ukuba ‘bebecacelwe yinto ebithethwa ngummangaliso wezonka,’ uYesu awenze kwiyure ezimbalwa ngaphambili xa ebetyisa abantu abaninzi, bebengasoze bothuke xa bembona ehamba phezu kwamanzi. Ngoku baqubuda kuye baze bathi: “Unguye nyhani uNyana kaThixo.”​—Marko 6:52; Mateyu 14:33.

Bakhawuleza bafike kwindawo entle neqhamileyo yaseGenesarete, kumzantsi weKapernahum. Bamisa khona baze baye elunxwemeni. Abantu balapha bayamqaphela uYesu ibe kukho nabanye abantu abasuka kwiindawo ezikufutshane. Bazisa kuye abantu abagulayo. Xa aba bantu bebamba imisonto yempahla yakhe bayaphila.

Ngelo xesha, abantu ebebebone uYesu etyisa abantu abaninzi ngokungummangaliso baqaphela ukuba umkile. Ngoko xa kufika izikhephe ezincinci ezisuka eTibheriya, abantu bakhwela kuzo baze baye eKapernahum befuna uYesu. Xa bemfumana bathi: “Mfundisi, ufike nini apha?” (Yohane 6:25) Siza kubona ukuba uYesu ubaphendula njani.