Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 58

Wenza Izonka Ezimbalwa Zibe Ninzi Aze Alumkise Ngegwele

Wenza Izonka Ezimbalwa Zibe Ninzi Aze Alumkise Ngegwele

MATEYU 15:32–16:12 MARKO 8:1-21

  • UYESU UTYISA AMADODA AYI-4 000

  • ULUMKISA NGEGWELE LABAFARISI

Kuze abantu abaninzi kuYesu kummandla waseDekapoli, kwimpuma yoLwandle LwaseGalili. Bazokummamela nokuze baphiliswe. Baphethe iibhaskithi ezinkulu okanye izinto abafake kuzo umphako.

Ekuhambeni kwexesha uYesu uthi kubafundi bakhe: “Ndiyabasizela aba bantu, kuba sekuphele iintsuku ezintathu belapha, ibe abanakutya. Ukuba ndithi mabagoduke belambile, baza kufeyinta endleleni, kwaye abanye babo basuka kude kakhulu.” Abafundi bakhe bathi: “Siza kuzithatha phi izonka ezinokwanela aba bantu bangaka, sikwindawo esecaleni nje?”​—Marko 8:2-4.

UYesu uthi kubo: “Zingaphi izonka eninazo?” Abafundi bathi: “Zisixhenxe, neentlanzi ezincinci ezimbalwa.” (Mateyu 15:34) UYesu uthi abantu mabahlale phantsi. Uyazithatha ezi zonka nezi ntlanzi, athandaze kuThixo aze azinike abafundi ukuba bazahlulele abantu. Bonke abantu batya bahluthe. Amaqhekeza ashiyekileyo agcwalisa iibhaskithi ezinkulu ezisixhenxe, nangona kutye amadoda amalunga ne-4 000 kunye nabafazi nabantwana!

Emva kokuba uYesu ethe abantu mabagoduke, ukhwela esikhepheni nabafundi bakhe besiya eMagadan, ekunxweme olusentshona yoLwandle LwaseGalili. Apha kuza kuye abaFarisi behamba nabaSadusi bezokumlinga, bemcela ukuba abenzele ummangaliso ovela ezulwini.

UYesu uyayazi eyona nto bayifunayo aze athi kubo: “Xa kusihlwa nithi, ‘imozulu iza kuba ntle, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo,’ yaye kusasa nithi, ‘Namhlanje kuza kubakho ingqele ekhatshwa yimvula, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo, kodwa lisibekele.’ Niyakwazi ukuchaza imo yezulu ngokujonga nje isibhakabhaka, kodwa nixakwa kukuchaza ukuba zithetha ukuthini ezi zinto zenzeka ngoku.” (Mateyu 16:2, 3) Emva koko, uYesu uxelela aba baFarisi nabaSadusi ukuba akukho mmangaliso baza kuwenzelwa ngaphandle kokaYona.

UYesu nabafundi bakhe bakhwela esikhepheni baze baye eBhethesayida ekunxweme olusemntla mpuma yolwandle. Endleleni, abafundi bakhe baqaphela ukuba balibele ukuphatha izonka. Baphethe isonka esinye qha. Yena uYesu usacinga ngokudibana kwakhe nabaFarisi nabaSadusi abaxhasa uHerode. Ulumkisa abafundi bakhe athi: “Hlalani nithe qwa, nililumkele igwele labaFarisi negwele likaHerode.” Abafundi bakhe bacinga ukuba xa ethetha ngegwele, uthetha ngokulibala kwabo ukuphatha isonka. Xa ebona ukuba bacinga ngantoni, uthi kubo: “Kutheni nizikhathaza ngokungabikho kwezonka?”​—Marko 8:15-17.

UYesu usandotyisa amawaka abantu. Ngenxa yaloo nto abafundi bakhe bekumele ukuba bayayazi ukuba akakhathazwa kukungabikho kwezonka. Uyababuza athi: “Anikhumbuli na, xa ndaqhekezela abantu abayi-5 000 izonka ezihlanu, ukuba zingaphi iibhaskithi ezigcwele amaqhekeza enaziqokelelayo?” Bathi: “Ziyi-12.” UYesu uqhubeka athi: “Xa ndaqhekezela abantu abayi-4 000, zingaphi iibhaskithi ezigcwele amaqhekeza ezashiyekayo?” Bathi: “Zisixhenxe.”​—Marko 8:18-20.

UYesu uthi: “Kutheni ningaboni nje ukuba bendingathethi ngazonka? Ndithi lumkelani igwele labaFarisi nelabaSadusi.”​—Mateyu 16:11.

Ekugqibeleni, abafundi bayamva ukuba uthetha ukuthini. Igwele lisetyenziselwa ukubilisa nokwenza intlama inyuke. Apha ulisebenzisa ethetha ngokwenza izinto ezimbi. Ulumkisa abafundi bakhe ukuba bazilumkele “iimfundiso zabaFarisi nabaSadusi,” kuba ziyonakalisa.​—Mateyu 16:12.