Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 67

“Akekho Umntu Owakha Wathetha Njengala Ndoda”

“Akekho Umntu Owakha Wathetha Njengala Ndoda”

YOHANE 7:32-52

  • KUTHUNYELWA OONOGADA UKUBA BABAMBE UYESU

  • UNIKODEMO UTHETHELELA UYESU

UYesu useseYerusalem kwiTheko Leentente (okanye Leminquba). Uyavuya kuba “abantu abaninzi bayakholwa kuye.” Kodwa zona iinkokheli zenkonzo yamaYuda aziyithandi tu le nto. Zithumela oonogada ukuba bayokumbamba. (Yohane 7:31, 32) Kodwa uYesu akazimeli.

Endaweni yokuzimela, uqhubeka eshumayela eYerusalem esithi: “Ndiseza kuba kunye nani ithutyana ngaphambi kokuba ndibuyele kuLowo undithumileyo. Niza kundikhangela, kodwa anizukundifumana, ibe aninakukwazi ukuya apho ndiya khona.” (Yohane 7:33, 34) AmaYuda awayiva le nto ithethwa nguYesu. Ngoko ayazibuza athi: “Izimisele ukuya phi le ndoda, le nto isithi asizukuyifumana? Inoba bethu ifuna ukuya kulaa maYuda asasazeke kwiindawo zamaGrike ize ifundise amaGrike! Ithetha ukuthini xa isithi, ‘Niza kundikhangela, kodwa anizukundifumana, ibe aninakukwazi ukuya apho ndiya khona’?” (Yohane 7:35, 36) UYesu uthetha ngokufa kwakhe nokuvuselwa kwakhe ezulwini. Iintshaba zakhe azizukukwazi ukumlandela.

Ngoku usuku lwesixhenxe lweli theko lufikile. Qho kusasa kwezi ntsuku zeli theko, umbingeleli ebechitha amanzi asuka kwidama ekuthiwa yiSilowam, ukuze ayokufika kwisibingelelo setempile. Mhlawumbi kuba uYesu ekhumbuza abantu ngale nto, ukhwaza athi: “Ukuba kukho umntu onxaniweyo, makeze kum azokusela. Kanye njengokuba izibhalo zisitsho, nabani na okholwayo kum: ‘Kuza kuphuma kuye imithombo empompozayo enamanzi obomi.’”​—Yohane 7:37, 38.

Uthetha ngento eza kwenzeka xa abafundi bakhe bethanjiswa ngomoya oyingcwele baze babizelwe kubomi basezulwini. Le nto iza kwenzeka emva kokuba efile. Ngosuku lwePentekoste kunyaka olandelayo, abafundi abathanjiswe ngomoya oyingcwele baza kuqalisa ukufundisa abantu inyani ibe kuza kuphuma imithombo empompozayo enamanzi obomi.

Xa besiva uYesu, abanye abantu bathi: “Lo mntu ngumprofeti nyhani,” mhlawumbi bebhekisela kumprofeti ekwathethwa ngaye ngaphambili owayeza kuba mkhulu kunoMoses. Abanye bona bathi: “Lo nguKristu.” Kodwa kukho abanye abathi: “Angathini na uKristu ukuba ngumntu waseGalili? Azitsho na izibhalo ukuba uKristu uza kuphuma kwinzala kaDavide, eBhetelehem, apho wazalelwa khona uDavide?”​—Yohane 7:40-42.

Abantu bathetha izinto ezohlukeneyo. Nangona abanye abantu befuna uYesu abanjwe, akukho mntu ode ambambe. Xa oonogada bebuya bengahambi naye, ababingeleli abaziintloko nabaFarisi bathi: “Kutheni ningezanga naye?” Oonogada bathi: “Akekho umntu owakha wathetha njengala ndoda.” Ezi nkokheli ziba nomsindo, zithi: “Kungathi kanti nani senilahlekisiwe! Kungathi kanti bakhona nabaFarisi abaye bakholwa kuye! Aba bantu bangawaziyo uMthetho baqalekisiwe.”​—Yohane 7:45-49.

Ngoko nangoko uNikodemo ongumFarisi nongoweNkundla Ephakamileyo YamaYuda uthethelela uYesu. Kwiminyaka emibini enehafu ngaphambili, uNikodemo wabonisa ukholo kuYesu waza weza kuye ebusuku. Ngoku uNikodemo uthi: “Andithi uMthetho wethu awuvumi ukuba umntu agwetywe lingakhange lixoxwe ityala lakhe, kwacaca nokuba wenzeni?” Bathi kuye: “UngowaseGalili na nawe? Khawujonge ezibhalweni ukuba ukhona na umprofeti owakhe waphuma eGalili.”​—Yohane 7:51, 52.

IZibhalo azitsho ngokungqalileyo ukuba umprofeti wayeza kuphuma eGalili. Kodwa iLizwi LikaThixo latsho ukuba uKristu uza kuphuma khona. Laprofeta lathi “ukukhanya okuqaqambe kakhulu” kwakuza kuphuma “kwiGalili yeentlanga.” (Isaya 9:1, 2; Mateyu 4:13-17) Kwakhona njengokuba kwakutshiwo, uYesu wazalelwa eBhetelehem, ibe uyinzala kaDavide. Nangona isenokuba abaFarisi bayayazi le nto kusenokwenzeka ngabo aba basasaza ubuxoki ngoYesu ebantwini.