Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 68

UNyana KaThixo ‘Ukukukhanya Kwehlabathi’

UNyana KaThixo ‘Ukukukhanya Kwehlabathi’

YOHANE 8:12-36

  • UYESU UCACISA UKUBA NGUBANI UNYANA

  • AMAYUDA ANGAWO NJANI AMAKHOBOKA?

Ngosuku lokugqibela lweTheko Leentente, usuku lwesixhenxe, uYesu ufundisa kwindawo yokugcina “ubutyebi” etempileni. (Yohane 8:20; Luka 21:1) Le ndawo ikwiYadi Yabafazi, apho abantu banikela khona.

Ebusuku xa kukho itheko, le ndawo ngokukhethekileyo yenziwa ikhanye. Kubakho izibane ezikhulu ezine, ezinezitya ezine ezigcwele yioli. Ukukhanya okuvela kwezi zibane kukhanyisa indawo enkulu apha etempileni. Into ngoku ethethwa nguYesu isenokukhumbuza abantu abamameleyo ngale nto. Uthi: “Ndikukukhanya kwehlabathi. Nabani na ondilandelayo akasoze ahambe ebumnyameni, kodwa uza kufumana ukukhanya okunika ubomi.”​—Yohane 8:12.

AbaFarisi abayamkeli le nto ithethwa nguYesu. Bathi: “Uzingqinela ngokwakho wena; ngoko ubungqina bakho abuyonyani.” UYesu uthi kubo: “Ubungqina bam buyinyani, nokuba ndizingqinela ngokwam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona. Kodwa nina anazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona.” Uphinda athi: “NaseMthethweni wenu kubhalwe kwathiwa, ‘Ubungqina babantu ababini buyinyani.’ Ndiyazingqinela, ibe noTata uyandingqinela.”​—Yohane 8:13-18.

AbaFarisi abayamkeli le ndlela kaYesu yokucinga, ngoko bathi: “Uphi uTata wakho?” UYesu uthi: “Anindazi mna, ningamazi noTata. Ukuba benindazi, ngenimazi noTata.” (Yohane 8:19) Nangona abaFarisi befuna abanjwe, akukho mntu umbambayo.

UYesu uphinda into ebeyithethile uthi: “Ndiyemka, ibe nina niza kundikhangela, kodwa niza kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.” AmaYuda awayiqondi kakuhle le nto ayithethayo, ngoko ayazibuza athi: “Kungathi kanti uza kuzibulala lo mntu! Kuba uthi, ‘Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.’” Abayiqondi eyona nto uYesu ayithethayo, kuba abamazi apho avela khona. Uyabacacisela athi: “Nina ningabalapha emhlabeni; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andingoweli hlabathi.”​—Yohane 8:21-23.

UYesu uthetha ngobomi ebebuphila ezulwini, ngaphambi kokuba abe ngumntu apha emhlabeni nangokuba nguMesiya kwakhe okanye uKristu, ibe bekumele ukuba iinkokheli ziyayibona loo nto. Endaweni yoko, zimbuza zicaphuka zithi: “Ungubani wena?”​—Yohane 8:25.

Ngenxa yokuba zingamfuni ibe zimchasa, uYesu uthi: “Ndisazikhathazelani ngokuthetha nani?” Uthetha ngoTata wakhe aze achaze isizathu sokuba amaYuda kufuneka amamele uNyana. Uthi: “Lowo undithumileyo uhlala ethetha inyani, ibe ezi zinto ndizithethayo ndizive ngaye.”​—Yohane 8:25, 26.

Emva koko ubonisa indlela amthembe ngayo uTata wakhe, into amaYuda angakwaziyo ukuyenza. Uthi: “Emva kokuba uNyana womntu exhonyiwe, niza kutsho nazi ukuba ungulowo kwakuthiwe uyeza, nokuba akukho nto ndiyenza ngokwam; kodwa ndithetha kanye izinto endizifundiswe nguTata. Lowo undithumileyo ukunye nam; akandilahlanga, kuba ndihlala ndisenza izinto azithandayo.”​—Yohane 8:28, 29.

Amanye amaYuda wona ayakholwa kuYesu, ibe uthi kuwo: “Ukuba niyazenza izinto endinifundisa zona, niza kube ningabo nyhani abafundi bam, niza kuyazi inyaniso, ibe inyaniso iza kunikhulula.”​—Yohane 8:31, 32.

Kwabanye, le nto ayithethayo yokukhululwa ayivakali. Bathi: “Siyinzala ka-Abraham, ibe zange sibe ngamakhoboka. Utsho njani ke ukuba, ‘Niza kukhululeka’?” AmaYuda ayaqonda ukuba ayekhe aphathwa ngabantu beentlanga, kodwa awavumi ukubizwa amakhoboka. Kodwa uYesu uthi angawo amakhoboka. Uthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na oqhubeka esona, ulikhoboka lesono.”​—Yohane 8:33, 34.

AmaYuda ebengayiqondi ukuba angamakhoboka esono, ngoku uYesu uwaxelela into eza kwenzeka. Uthi: “Ikhoboka alihlali endlini yomnikazi walo ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.” (Yohane 8:35) Ikhoboka alilifumani ilifa ibe lingagxothwa nanini na. Ngunyana welo khaya ohlala “ngonaphakade” okanye de ayokufa.

Ngenxa yaloo nto, ukwazi inyani ngoNyana kuyabakhulula abantu ekufeni nasesonweni ngonaphakade. UYesu uthi: “Ukuba nikhululwa nguNyana, niza kukhululeka ngokupheleleyo.”​—Yohane 8:36.