Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 72

UYesu Uthuma Abafundi Abayi-70

UYesu Uthuma Abafundi Abayi-70

LUKA 10:1-24

  • UYESU UKHETHA ABAFUNDI ABAYI-70 AZE ABATHUME UKUBA BAYOKUSHUMAYELA

Ngoku kungasekupheleni konyaka ka-32 C.E. ibe yiminyaka emalunga nemithathu uYesu ebhaptiziwe. Yena nabafundi bakhe bebesandokuya kwiTheko Leentente eYerusalem. Mhlawumbi basekufutshane nalapho. (Luka 10:38; Yohane 11:1) Ushiyekelwe ziinyanga ezintandathu kumsebenzi wakhe wokushumayela. Ixesha elininzi kuzo ukwaYuda okanye ngapha koMlambo iYordan kwingingqi yasePereya. Kufuneka kushunyayelwe nakuzo ezi ndawo.

Ngaphambilana, emva kwePasika ka-30 C.E., uYesu uhleli ezinye iinyanga eshumayela kwaYuda waza wanqumla eSamariya. Pha ngexesha lePasika ka-31 C.E., amaYuda aseYerusalem ebezame ukumbulala. Kunyaka olandelayo onehafu, uYesu ebeshumayela kakhulu ngasemntla eGalili. Ngelo xesha, abantu abaninzi baye baba ngabalandeli bakhe. EGalili uqeqeshe abapostile bakhe waza wabathuma esithi: “Shumayelani nithi: ‘Sele buza kufika uBukumkani bamazulu.’” (Mateyu 10:5-7) Ngoku wenza iphulo lokushumayela kwaYuda.

Eli phulo uliqala ngokukhetha abafundi abayi-70 aze abathume ngababini. Kule ntsimi “umsebenzi wokuvuna mkhulu kodwa bambalwa abasebenzi.” (Luka 10:2) Kufuneka bahambe kuqala kunoYesu baye kwiindawo ebenokuya kuzo. Aba bafundi bayi-70, kufuneka baphilise abantu abagulayo baze basasaze umyalezo uYesu ebesoloko ewushumayela.

Akufunekanga bashumayele kakhulu kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda. UYesu ubaxelele ukuba baye emakhayeni abantu. Uthi: “Xa ningena emzini, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya.’ Ukuba kukho umntu othanda uxolo apho, makabe noxolo enimnqwenelela lona.” Uthini umyalezo wabo? UYesu uthi: “Nithi: ‘UBukumkani bukaThixo busondele.’”​—Luka 10:5-9.

UYesu ubaxelela into efanayo nale ebeyixelele abapostile bakhe abayi-12 kunyaka ophelileyo. Uyabalumkisa ukuba abazokwamkelwa ngumntu wonke. Kodwa ukushumayela kwabo kuza kwenza ukuba xa yena efika emva kwabo, abantu abaninzi abaye bamamela babe nomdla wokubona iNkosi baze bafunde kuyo.

Akubi kudala abafundi babuyele kuye bevuya bathi: “Nkosi, sithotyelwa naziidemon ngenxa yegama lakho.” UYesu iyamvuyisa le nto bayithethayo kuba uthi: “Ndibona uSathana esiwa ezulwini okombane. Jongani! Ndininike igunya lokunyathela iinyoka noonomadudwane.”​—Luka 10:17-19.

Uyabaqinisekisa abalandeli bakhe ukuba baza koyisa izinto eziyingozi ibe ngathi banyathela iinyoka noonomadudwane. Enye into, banokuqiniseka nokuba ekuhambeni kwexesha uSathana useza kuwa ezulwini. Uphinda ancede abafundi bakhe abayi-70 babone eyona nto ibalulekileyo. Uthi: “Sanukuvuyiswa kukuthotyelwa ziidemon nje qha, kodwa vuyani kuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.”​—Luka 10:20.

UYesu uyavuya aze adumise uTata wakhe phambi kwabantu kuba esebenzise abafundi bakhe ngale ndlela inkulu kangaka. Emva koko ujonga abafundi bakhe aze athi kubo: “Bayavuya abantu ababona izinto enizibonayo. Kuba ndithi kuni, baninzi abaprofeti nookumkani ababengathanda ukubona izinto enizibonayo, kodwa abazibona, nokuva izinto enizivayo, kodwa abaziva.”​—Luka 10:23, 24.