Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 76

Ukutya NomFarisi

Ukutya NomFarisi

LUKA 11:37-54

  • UYESU UGXEKA ABAFARISI ABAZENZA AMALUNGISA

UYesu usekwaYuda ibe umenywa ngumFarisi ukuba aye kutya kwakhe. (Luka 11:37, 38; thelekisa noLuka 14:12) Ngaphambi kokuba abaFarisi batye, banesiko lokuhlamba izandla bayokutsho engqinibeni. UYesu akayenzi le nto. (Mateyu 15:1, 2) Ukuzihlamba ngolu hlobo izandla akophuli Mthetho KaThixo. Kodwa noThixo akathi abantu mabayenze le nto.

UmFarisi uyothuka xa ebona ukuba uYesu akazihlambi ngolu hlobo lwabo izandla zakhe. UYesu uyayiqonda le nto aze athi: “Nina baFarisi, niyihlamba ngaphandle indebe nesitya, kodwa ngaphakathi nigcwele kukunyoluka nobubi. Aniyisebenzisi ingqondo! Andithi lowo wenze umphandle wenze nomphakathi?”​—Luka 11:39, 40.

Eyona nto iyingxaki apha ayikokuhlamba izandla ngaphambi kokutya, kodwa kukuzenza amalungisa kwabantu abakhonzayo. AbaFarisi nabanye abantu abanesithethe sokuhlamba izandla abazicoci iintliziyo zabo ezimdaka. Ngenxa yaloo nto uYesu uyabalungisa athi: “Xa nisenzela abanye inceba, mayisuke ngaphakathi entliziyweni, emva koko yonke enye into ngani iza kutsho icoceke.” (Luka 11:41) Ayinyani la mazwi. Umntu umele aphe ngokusuka entliziyweni, angaphi kuba efuna ukubonakala ngathi ulilungisa ebantwini.

Le nto ayithethi ukuba abaFarisi abaphi. Kodwa uYesu uthi: “Niza kuthi shu nina baFarisi, kuba ninikela ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina nesayo yonke eminye imifuno yokunonga, kodwa nibubekela ecaleni ubulungisa nothando lukaThixo! Ezi zizinto ebenimele nizenze, kodwa ningaziyekanga nezinye izinto ezibalulekileyo.” (Luka 11:42) UMthetho KaThixo wawusithi izishumi zimele zibhatalwe ngezityalo. (Duteronomi 14:22) Ezinye zezo zityalo yityeleba nenxina ezisetyenziswayo xa kunongwa ukutya. AbaFarisi bayaqiniseka ukuba bayazibhatala izishumi. Kodwa ngaba bazihoyile ezinye izinto ezibalulekileyo uMthetho othi mabazenze njengokwenza ubulungisa nokuthobeka phambi kukaThixo?​—Mika 6:8.

UYesu uqhubeka athi: “Niza kuthi shu nina baFarisi, kuba nithanda izihlalo eziphambili kwizindlu ekukhonzelwa kuzo, nokubuliswa ngembeko kwiindawo ekuthengiswa kuzo! Niza kuthi shu, kuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abantu abahamba phezu kwawo bengazi!” (Luka 11:43, 44) Abantu banokuhamba kula mangcwaba bengaqondanga baze bajongwe njengabangacocekanga. UYesu uthetha le nto ukuze abonise ukuba abaFarisi abacaci ukuba bangcolile.​—Mateyu 23:27.

Omnye umntu owazi kakuhle uMthetho KaThixo uyakhalaza athi: “Mfundisi, uthuka nathi ngoku.” Kodwa lo mntu nabanye abantu abafana naye abayiqondi into yokuba ababancedi abantu. UYesu uthi: “Niza kuthi shu nani niwaziyo uMthetho, kuba nithwalisa abantu imithwalo enzima, kodwa nina aniyichukumisi nangomnwe lo! Niza kuthi shu, kuba nakha amangcwaba abaprofeti, kodwa babulawa ngookhokho benu!”​—Luka 11:45-47.

Le mithwalo uYesu athetha ngayo zizithethe zabaFarisi nendlela abawucacisa ngayo uMthetho. AbaFarisi babenza nzima ubomi babantu. Bathi abantu mabenze izinto ezibacinezelayo. Ookhokho babo babulala abaprofeti bakaThixo ukusuka kuAbheli ukubheka phambili. Ngoku kwabona, benza ngathi bebebathanda aba baprofeti ngokubenzela amangcwaba kodwa babe besenza izinto ngendlela ababezenza ngayo ookhokho babo. Bafuna nokubulala oyena mprofeti umkhulu kaThixo. UYesu uthi uThixo uza kusiphendulisa esi sizukulwana. Yenzeka nyhani loo nto kwiminyaka emalunga neyi-38 eyalandelayo, ngo-70 C.E.

UYesu uqhubeka athi: “Niza kuthi shu nina niwaziyo uMthetho, kuba nithathe isitshixo solwazi ebantwini. Nina anilufumananga, ibe niyabanqanda nabo balufunayo!” (Luka 11:52) Aba bantu endaweni yokuba bafundise abantu ukuba lithetha ntoni iLizwi LikaThixo bayabavalela ukuba bangalazi baze baliqonde.

Bathini ababhali nabaFarisi? Xa uYesu ehamba baba nomsindo baze bambuze imibuzo emininzi. Ababuzi kuba befuna ukwazi kodwa bafuna athethe into eza kubenza bambambe.