Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 78

Hlala Ulungile Gosa Elithembekileyo!

Hlala Ulungile Gosa Elithembekileyo!

LUKA 12:35-59

  • IGOSA ELITHEMBEKILEYO KUFUNEKA LIHLALE LILUNGILE

  • UYESU UZOKWAHLUKANISA

UYesu ebethe ‘ngumhlambi omncinci’ qha oza kufumana indawo kuBukumkani basezulwini. (Luka 12:32) Kodwa akufuneki abo bakumhlambi omncinci bayithathe lula le nto. UYesu ude athethe nangokubaluleka kokuba umntu azijonge kakuhle izinto ukuba ufuna ukulawula naye kobu Bukumkani.

Uxelela abafundi bakhe ukuba bahlale belinde ukubuya kwakhe. Uthi: “Hlalani nilungile, nezibane zenu zikhanya, nifane nabantu abalinde inkosi yabo ukuba ibuye emtshatweni, ukuze xa ifika inkqonkqoza bayivulele ngoko nangoko. Onwabile loo makhoboka inkosi yawo efika elindile!”​—Luka 12:35-37.

Abafundi bakhawuleza bayiqonde le nto uYesu athetha ngayo kulo mzekelo. Amakhoboka athetha ngawo alinde ukubuya kwenkosi yawo. Uyicacisa athi le nto: “Onwabile ukuba [inkosi] ithe yakufika ezinzulwini zobusuku, [ukusuka phaa ngo-9 ukuyokutsho ngo-12 ebusuku] okanye ekuzeni kusa, [ukusuka ngo-12 ebusuku ukuyokutsho phaa ngo-3 ekuseni] yafika elindile!”​—Luka 12:38.

Apha akuthiwa nje amakhoboka mawawenze kakuhle umsebenzi wawo. Loo nto siyibona kwindlela uYesu, onguNyana womntu, azifaka ngayo kulo mzekelo. Uthi kubafundi bakhe: “Ngoko ke nani, hlalani nilindile, kuba uNyana womntu uza ngexesha eningamlindelanga ngalo.” (Luka 12:40) Le nto ithetha ukuba ekuhambeni kwexesha uYesu uza kuza. Ufuna abalandeli bakhe, ingakumbi ‘umhlambi omncinci’ bahlale belungile.

UPetros ufuna ukuyiqonda kakuhle le nto ithethwa nguYesu. Ngenxa yaloo nto uyambuza athi: “Nkosi, kulo mzekelo uthetha ngathi sodwa na okanye uthetha ngomntu wonke?” UYesu akamphenduli ngqo kodwa wenza omnye umzekelo ofana nalo. Uthi: “Ngubani kanye kanye oligosa elithembekileyo neliyingqondi, eliza kunikwa yinkosi yalo umsebenzi wokukhathalela abo basebenza endlini yayo, ukuze libanike ukutya kwabo ngexesha elifanelekileyo? Liza konwaba elo khoboka ukuba inkosi yalo ifika liwenza loo msebenzi! Ndiyaniqinisekisa ukuba, iza kuliphathisa zonke izinto zayo.”​—Luka 12:41-44.

Kumzekelo wakhe wokuqala kuyacaca ukuba “inkosi” imela uYesu onguNyana womntu. Singathi ke ‘igosa elithembekileyo’ ngabanye ‘bomhlambi omncinci’ nabaza kunikwa uBukumkani. (Luka 12:32) Apha uYesu uthi igosa elithembekileyo liza kunika “abo basebenza endlini yayo” “ukutya kwabo ngexesha elifanelekileyo.” Ufundisa aze anike uPetros nabanye abalandeli bakhe ukutya okuqinisa ukholo, ngenxa yaloo nto banokugqiba ekubeni ekuhambeni kwexesha uNyana womntu uza kuza. Ngeloo xesha abalandeli bakhe okanye “abo basebenza endlini” yeNkosi baza kufumana ukutya okuqinisa ukholo.

UYesu ubethelela nangenye indlela isizathu sokuba abalandeli bakhe kufuneka beyigadile indlela abazenza ngayo izinto. Kaloku banokuyekelela, baqalise ukucinga ngokwenza izinto ezimbi baze babaphathe kakubi abanye. Uthi: “Kodwa ukuba elo khoboka lithi entliziyweni yalo, ‘Inkosi yam ayide ifike,’ lize libethe amanye amakhoboka, litye, lisele linxile, inkosi yalo iza kufika ngemini elingayilindelanga nangexesha elingalaziyo, ilohlwaye kakhulu, ize iliphathe njengabo bangathembekanga.”​—Luka 12:45, 46.

UYesu uthi uzokuqala “umlilo emhlabeni.” Nyhani ke wenza loo nto. Uthetha ngezinto ezitshisa ibunzi neziveza ukuba izinto ezifundiswa abantu namasiko abawenzayo azichananga. Le nto ide yahlukanise nabantu ekulindeleke ukuba bavane, ‘utata angavani nonyana, nonyana angavani notata, umama angavani nentombi, nentombi ingavani nomama, umazala angavani nomolokazana, nomolokazana angavani nomazala.’​—Luka 12:49, 53.

Apha uYesu ebethetha nabafundi bakhe. Ngoku ujika athethe nabantu abammameleyo. Abantu abaninzi abavumi ukwamkela ubungqina bokuba unguMesiya. Ngenxa yaloo nto uthi kubo: “Xa nibona kuvela ilifu entshonalanga, niye nithi, ‘Kuza isaqhwithi,’ yaye kuba njalo. Naxa nibona kuvuthuza umoya ovela ngasemzantsi, nithi, ‘Kuza kuba shushu kakhulu,’ yaye kuba njalo. Bahanahanisindini, niyakwazi ukubona into eza kwenzeka ngokujonga nje umhlaba okanye isibhakabhaka, kutheni ke ningakwazi ukubona ukuba kwenzeka ntoni ngoku?” (Luka 12:54-56) Kucacile ukuba abakakulungeli ukwamkela uMesiya.