Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 80

UMalusi Olungileyo Nezibaya Zeegusha

UMalusi Olungileyo Nezibaya Zeegusha

YOHANE 10:1-21

  • UYESU UTHETHA NGOMALUSI OLUNGILEYO NEZIBAYA ZEEGUSHA

Njengokuba uYesu eqhubeka eshumayela kwaYuda, wenzela abantu abammameleyo umzekelo wento abayaziyo. Uthetha ngeegusha nangezibaya zeegusha. AmaYuda anokukhumbula into eyathethwa nguDavide esithi: “UYehova nguMalusi wam. Andizukudinga nto. Undilalisa kumadlelo anengca.” (INdumiso 23:1, 2) Kwenye indumiso, uDavide wathi kumaSirayeli: “Masiguqe phambi koMenzi wethu uYehova. Kuba yena nguThixo wethu, thina singabantu bedlelo lakhe.” (INdumiso 95:6, 7) Kudala amaSirayeli aphantsi koMthetho afaniswa nomhlambi weegusha.

Ezi ‘gusha’ okanye amaSirayeli, ‘akwisibaya seegusha’ kuba azalelwa phantsi kwesivumelwano soMthetho KaMoses. UMthetho wawufana nocingo eliwahlula kubantu abenza izinto ezimbi nabangekho phantsi koMthetho. Kodwa amanye amaSirayeli awuphatha kakubi umhlambi kaThixo. UYesu uthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, umntu ongangeni ngomnyango kwisibaya seegusha, osuka atsibe angene ngenye indlela, ulisela. Kodwa lowo ungena ngegeyithi, ngumalusi weegusha.”​—Yohane 10:1, 2.

Abantu banokucinga ngamadoda akhe athi anguMesiya okanye anguKristu. Loo madoda afana namasela. Akufuneki abantu bawalandele. Endaweni yaloo nto kufuneka balandele ‘umalusi weegusha.’ UYesu uthi ngalo malusi:

“Unogada wasemnyango uyamvulela lowo, neegusha ziyalimamela ilizwi lakhe. Uzibiza ngamagama iigusha zakhe, ziphume esibayeni zimlandele. Xa zonke ziphumile, uhamba phambi kwazo, zize zona zimlandele, kuba ziyalazi ilizwi lakhe. Soze zimlandele umntu ezingamaziyo, kodwa ziza kumbaleka, kuba azilazi ilizwi lakhe.”​—Yohane 10:3-5.

Ngaphambilana, uYohane umBhaptizi, njengonogada wasemnyango watsho ukuba uYesu nguye abamele bamlandele abo bamelwa ziigusha nabaphantsi koMthetho. Ezinye iigusha eGalili nalapha kwaYuda zilazile ilizwi likaYesu. Uzikhokelela phi? Ibe kuza kwenzeka ntoni xa zimlandela? Abanye abantu abamameleyo banokuzibuza le mibuzo kuba ‘bengaqondi ukuba uthetha ukuthini.’​—Yohane 10:6.

UYesu ucacisa athi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ndim igeyithi ezingena kuyo iigusha. Bonke abo baye bazenza abalusi, bangamasela; kodwa iigusha khange zibamamele. Ndim igeyithi; nabani na ongena ngam uza kusindiswa, ibe uza kungena ephuma aze afumane idlelo.”​—Yohane 10:7-9.

Kubonakala ukuba intsha le nto ithethwa nguYesu. Abantu abammameleyo bayayazi ukuba akayogeyithi engenisa kwisivumelwano soMthetho kuba kudala sabakhona. Inoba uthi iigusha azikhokelayo ziza kungena kwesinye isibaya seegusha. Kuza kwenzeka ntoni xa zingene kweso sibaya?

Uphinda awucacise umsebenzi wakhe. Uthi: “Mna ndizele ukuba zibe nobomi obude. Ndingumalusi olungileyo; umalusi olungileyo uncama ubomi bakhe, ebuncamela iigusha zakhe.” (Yohane 10:10, 11) Ebekhe wabathuthuzela abafundi bakhe wathi: “Sanukoyika mhlambi mncinci, kuba uTata wenu uza kuninika uBukumkani.” (Luka 12:32) Ngabantu abakulo “mhlambi mncinci” uYesu aza kubakhokelela kwisibaya esitsha ukuze babe “nobomi obude.” Yintsikelelo nyhani ukuba kulo mhlambi.

Akapheleli apho ukuthetha. Uphinda athi: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezesi sibaya; nazo ndimele ndize nazo, ibe ziza kumamela ilizwi lam, zize zibe ngumhlambi omnye, zibe nomalusi omnye.” (Yohane 10:16) UYesu uthetha ‘ngezinye izimvu’ ibe zona ayizizo “ezesi sibaya.” Ngenxa yaloo nto inoba zezesinye isibaya esingesiso esi ‘somhlambi omncinci’ oza kufumana uBukumkani. La maqela mabini ezimvu aza kufumana izinto ezingafaniyo. Kodwa ke omabini uYesu uza kuwanceda. Uthi: “UTata uyandithanda, kuba ndincama ubomi bam.”​—Yohane 10:17.

Abantu abaninzi kwaba bammameleyo bathi: “Unedemon ibe ushiywa ziingqondo.” Kodwa abanye babonisa ukuba banomdla ibe bayafuna ukulandela uMalusi Olungileyo. Bathi: “La ayingomazwi omntu ophethwe yidemon. Idemon ingawavula njani amehlo omntu ongaboniyo?” (Yohane 10:20, 21) Kuyabonakala ukuba bathetha ngento uYesu asandokuyenza yokuphilisa indoda ebingaboni.