Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 82

UYesu Ushumayela EPereya

UYesu Ushumayela EPereya

LUKA 13:22–14:6

  • ZAMANI UKUNGENA NGOMNYANGO OMNCINCI

  • UYESU UMELE AFE EYERUSALEM

UYesu ebefundisa ibe ephilisa abantu kwaYuda naseYerusalem. Emva koko unqumle uMlambo iYordan ukuze ashumayele kwizixeko ngezixeko kummandla wasePereya. Kodwa akuzokuba kudala aphinde abuyele eYerusalem.

Apha ePereya enye indoda iyambuza ithi: “Nkosi, yinyani na ukuba bambalwa abantu abaza kusindiswa?” Kusenokwenzeka ukuba le ndoda icinga ngendlela iinkokheli ezidla ngokuphikisana ngayo ngokuba baninzi okanye bambalwa abantu abaza kusindiswa. Endaweni yokuba uYesu achaze ukuba baninzi na abantu abaza kusindiswa uchaza ukuba yintoni umntu amele ayenze ukuze asindiswe. Uthi: “Zamani kangangoko ukungena ngomnyango omncinci.” Kucacile ukuba umntu kufuneka asebenze nzima. Ngoba? Uthi: “Baninzi abaza kufuna ukungena kodwa bangakwazi.”​—Luka 13:23, 24.

Ukuze acacise indlela umntu ekuza kufuneka asebenze ngayo, uYesu uthi: “Kuba xa umnikazi wendlu ewutshixile umnyango, niza kunkqonkqoza ningaphandle nithi, ‘Nkosi, sivulele.’ . . . Kodwa yena uza kuthi kuni, ‘Andinazi ukuba nivela phi. Hamban’ apha, nina benzi-bubi!’”​—Luka 13:25-27.

Lo mzekelo uchaza ingxaki azifaka kuyo umntu ofika emva kwexesha okanye ngexesha elilungele yena aze afike umnyango utshixiwe. Ebemele ukuba uzame ukufika ngexesha nokuba kunzima. Ngendlela efanayo, abantu bebenokuncedwa nguYesu nazizinto azifundisayo. Khange ukukhonza uYehova bakwenze kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Nabantu uYesu athunywe kubo, abalamkelanga ilungiselelo likaThixo lokuba basindiswe. Uthi baza ‘kukhala bengcungcutheka’ xa bephoselwa ngaphandle. Nangona kunjalo abantu abavela “empuma nasentshona, emntla nasemzantsi,” kuzo zonke iintlanga, baza kuhlala “etafileni eBukumkanini bukaThixo.”​—Luka 13:28, 29.

UYesu uthi: “Kukho abokugqibela [njengabo bangengomaYuda okanye abaphethwe kakubi ngamaYuda] abaza kuba ngabokuqala, nabokuqala [njengeenkokheli zamaYuda ezithandwayo neziqhayisa ngokuba ziyinzala ka-Abraham] abaza kuba ngabokugqibela.” (Luka 13:30) Xa kusithiwa “ngabokugqibela” kuthethwa ukuba aba bantu bangenambulelo abazukubufumana uBukumkani BukaThixo.

Abanye abaFarisi beza kuYesu baze bamcebise bathi: “Hamba apha, kuba uHerode [Antipas] ufuna ukukubulala.” Kusenokwenzeka ukuba nguKumkani uHerode ofuna kuhambe kuthethwa ngale nto ukuze uYesu abaleke kule ndawo. Mhlawumbi woyika ukuba uza kuphinda abe nento emdibanisa nokufa komnye umprofeti njengokuba kwakunjalo xa kwabulawa uYohane umBhaptizi. Kodwa uYesu uthi kwaba baFarisi: “Hambani niyokuthi kuloo mpungutye, ‘Jonga! Ndiza kukhupha iidemon ndize ndiphilise abantu namhlanje nangomso, ndigqibe ngosuku lwesithathu.’” (Luka 13:31, 32) Xa uYesu esithi “mpungutye” ubonisa indlela anamaqhinga ngayo uHerode. Kodwa akakho umntu oza kumqhatha okanye amoyikise uYesu, kwanoHerode lowo. Uza kuwenza umsebenzi awuthunyiweyo. Akazukuwenza ngendlela efunwa ngabantu uza kuwenza ngendlela efunwa nguTata wakhe.

Njengoko uYesu eqhubeka ehamba, uya ngaseYerusalem. Uthi: “Kuba umprofeti akanakubulawa kwenye indawo ngaphandle kwaseYerusalem.” (Luka 13:33) Asikho isiprofeto seBhayibhile esithi uMesiya umele afe kwesi sixeko. Ngoku kutheni uYesu ethetha ngokubulawelwa kuso? Kaloku iYerusalem sisixeko esilikomkhulu. Kwesi sixeko kukho iNkundla Ephakamileyo YamaYuda enamalungu ayi-71 ibe yindawo abasiwa kuyo abantu abatyholwa ngokuba ngabaprofeti bobuxoki. IYerusalem iphinda ibe yindawo ekunikelwa kuyo ngezilwanyana. Ngenxa yaloo nto uYesu uyaqonda ukuba akanakubulawelwa kwenye indawo.

Uthi: “Yerusalem, Yerusalem, wena ubulala abaprofeti nobabetha ngamatye abo bathunyelwa kuyo, kunini ndifuna ukuqokelela abantwana bakho, oku kwesikhukukazi siqokelela amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa awuzange uvume. Jonga! Iza kushiyelwa kuwe itempile yakho.” (Luka 13:34, 35) Esi sizwe asimfuni uNyana KaThixo. Ngenxa yaloo nto simele sibhatale.

Ngaphambi kokuba uYesu afike eYerusalem, inkokheli yabaFarisi iyammema ukuba ayokutya ekhayeni layo ngeSabatha. Abantu abamenyiwe bamjongile ukuba uza kwenza ntoni xa ebona umntu onesifo esimenza adumbe. UYesu ubuza abaFarisi nabantu abawaziyo uMthetho athi: “Kusemthethweni na ukuphilisa ngeSabatha okanye akunjalo?”​—Luka 14:3.

Akukho mntu uphendulayo. UYesu uyayiphilisa le ndoda, emva koko athi: “Ngubani kuni onokungamkhuphi ngoko nangoko unyana wakhe okanye inkunzi yakhe yenkomo ukuba inokutshona equleni ngomhla weSabatha?” (Luka 14:5) Nangoku abakwazi ukumphendula.