Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 85

Ukuvuyela Umoni Oguqukayo

Ukuvuyela Umoni Oguqukayo

LUKA 15:1-10

  • UMZEKELO WEGUSHA ELAHLEKILEYO NOWEMALI ELAHLEKILEYO

  • IINGELOSI EZISEZULWINI ZIYAVUYA

Xa uYesu ebeshumayela, amaxesha amaninzi ebechaza indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela. (Luka 14:8-11) Ufuna nyhani ukufumana amadoda namabhinqa afuna ukukhonza uThixo ngokuthobeka. Ukuza kutsho ngoku, abanye babo basaziwa ngokuba ngaboni.

Ababhali nabaFarisi bayabona ukuba aba bantu, bathi bona akho yabo, banomdla kuYesu nezinto azifundisayo. Ngenxa yaloo nto bayakhalaza bathi: “Lo mntu uhlala naboni, atye nabo.” (Luka 15:2) Ababhali nabaFarisi bazibona bebhetele ibe babaphatha abantu abaqhelekileyo ngokungathi akukho yabo. Ezi nkokheli zibajonga njengabangabhadlanga aba bantu, ibe zibabiza ngokuthi ʽam ha·ʼaʹrets, ibe elo gama ngesiHebhere libonisa indlela ezibacaphukela ngayo.

Ngendlela eyahlukileyo, uYesu uphatha bonke abantu ngesidima, ngobubele nangendlela ebonisa ukuba uyabavela. Ngenxa yaloo nto abantu abaninzi abangathathi ntweni, naba bangaboni, bafuna nyhani ukummamela. Kodwa yena uthini xa egxekwa kuba ezama ukunceda abantu abangathathi ntweni?

Impendulo ibonakala kumzekelo ochukumisayo awenzayo, ofana nobekhe wawenza ngaphambili eKapernahum. (Mateyu 18:12-14) Kuyo yomibini le mizekelo, abaFarisi ngamalungisa kunye neegusha ezikhuselekileyo ezikumhlambi kaThixo. Baze bona abangathathi ntweni babe ngabo baye baphuma endleleni baze balahleka.

UYesu uthi: “Ngubani kuni onokuthi eneegusha eziyi-100, kuze kulahleke enye, angazishiyi ezo ziyi-99 apho entlango, aye kukhangela leyo ilahlekileyo ade ayifumane? Uthi akuyifumana, ayibeke emagxeni evuya. Akufika ekhaya, ubiza abahlobo bakhe nabamelwane, athi kubo, ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’”​—Luka 15:4-6.

UYesu uwucacisa njani lo mzekelo? Uthi: “Ndithi kuni, kuza kuvuywa kakhulu nasezulwini ngenxa yomoni omnye oguqukayo kunangenxa yamalungisa ayi-99 angadingi kuguquka.”​—Luka 15:7.

Inoba iyabothusa nyhani abaFarisi le nto uYesu ayithethayo ngokuquka. Kaloku bazibona bengamalungisa bona kungekho mfuneko yokuba baguquke. Xa abanye babo bagxeka uYesu kwiminyaka embalwa ngaphambili kuba wayesitya nabaqokeleli berhafu naboni, uYesu wathi: “Andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni.” (Marko 2:15-17) Aba baFarisi bazenza amalungisa ababoni ukuba kufuneka baguquke, ngenxa yaloo nto abenzi kuvuywe ezulwini. Kodwa kwenzeka into eyahlukileyo ezulwini xa umoni eguquka.

Ukuze uYesu abonise ukuba ezulwini kuyavuywa nyhani xa kukho umoni oguqukayo, uphinda enze omnye umzekelo. Uthi: “Nguwuphi umfazi onokuthi enemali eziidrarhma ezilishumi, kuze kulahleke ibe nye, angalayiti isibane, atshayele indlu yakhe, aze ayifunisise ade ayifumane? Uthi akuyifumana, abize abahlobo bakhe nabamelwane, athi, ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene idrarhma yam ebilahlekile.’”​—Luka 15:8, 9.

Into uYesu ayifundisa ngalo mzekelo iyafana nento ebeyifundisa kumzekelo wegusha elahlekileyo. Ngoku uthi: “Ndithi kuni, nasezulwini ziyavuya iingelosi zikaThixo xa umoni omnye eguquka.”​—Luka 15:10.

Khawuyicinge le nto, iingelosi zikaThixo zivuya kakhulu xa umntu ebelahlekile eguquka! Le nto yenza umdla kuba aboni abaguqukayo baze bafumane ithuba lokuphila kuBukumkani BukaThixo basezulwini, baza kuba kwisikhundla esingaphezulu kuneseengelosi. (1 Korinte 6:2, 3) Nangona kunjalo iingelosi azinamona. Thina ke simele sizive njani xa umoni ebuyela kuThixo aze aguquke ngokupheleleyo?