Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 105

Usebenzisa Umthi Wamafiya Ukuze Abafundise Ngokholo

Usebenzisa Umthi Wamafiya Ukuze Abafundise Ngokholo

MATEYU 21:19-27 MARKO 11:19-33 LUKA 20:1-8

  • UKUFUNDA NGOKHOLO KUMTHI WAMAFIYA OWOMILEYO

  • IGUNYA LIKAYESU LIYAVAVANYWA

NgoMvulo emva kwemini uYesu uyemka eYerusalem aze abuyele eBhethani, ekwicala elisempuma xa usehla kwiNtaba YemiNquma. Kusenokwenzeka ukuba ulala kwikhaya labahlobo bakhe, uLazaro, uMariya noMarta.

Ngoku kusekuseni ngoNisan 11. UYesu nabafundi bakhe baphinda babe sendleleni. Babuyela eYerusalem ibe uya okokugqibela etempileni. Lusuku lwakhe lokugqibela olu lokushumayela phambi kwabantu ngaphambi kokuba abhiyozele iPasika, aqalise iSikhumbuzo sokufa kwakhe, kuxoxwe ityala lakhe aze abulawe.

Endleleni esuka eBhethani ngapha kweNtaba YemiNquma, kufutshane neYerusalem, uPetros ubona umthi uYesu ebewuqalekisile xa bebedlula apha izolo. Uthi: “Mfundisi, Jonga! Laa mthi ubuwuqalekisile womile.”​—Marko 11:21.

Inoba kutheni uYesu ewenze woma lo mthi? Uthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba nje niyakholwa, ningathandabuzi, anizukuphelela nje ekwenzeni le nto ndiyenze kulo mthi, kodwa ningade nithi nakule ntaba, ‘Suka apha, uhambe uyokutshona elwandle,’ yenzeke loo nto. Zonke izinto enizicela emthandazweni, ninokholo, niza kuzifumana.” (Mateyu 21:21, 22) Ngale ndlela uYesu uphinda into ebekhe wayithetha ngaphambili yokuba ukholo lungayisusa intaba.​—Mateyu 17:20.

Ngoko xa esomisa lo mthi, usebenzisa into ebonakalayo ukuze afundise abafundi bakhe ukubaluleka kokuba nokholo kuThixo. Uthi: “Zonke izinto enizicela ngomthandazo, yibani nokholo ngathi sele nizifumene, ibe niza kuzifumana.” (Marko 11:24) Ibalulekile le nto ibe imele ifundwe ngabo bonke abalandeli bakaYesu. Ibaluleke nakakhulu kubapostile kuba sele beza kuvavanywa. Ikhona nenye indlela lo mthi wamafiya womileyo odibana ngayo nakholo.

Njengalo mthi wamafiya, isizwe sakwaSirayeli asiyiyo le nto sibonakala ngathi siyiyo. Abantu baso benze isivumelwano noThixo ibe babonakala ngathi bayawuthobela uMthetho. Kodwa sonke esi sizwe kuyacaca ukuba asinalo ukholo ibe asivelisi iziqhamo ezihle. Asamkeli noNyana lo kaThixo! Ngoko xa uYesu esenza umthi wamafiya ongenasiqhamo wome, ubonisa ukuba siza kuphelela phi esi sizwe singavelisi siqhamo nesingenal’ ukholo.

Emva koko, uYesu nabafundi bakhe bafika eYerusalem. Njengokuba eqhele ukwenze, uya etempileni aze aqalise ukufundisa. Ababingeleli abaziintloko nabadala, kusenokwenzeka ukuba bacinga ngento ebeyenze izolo kubantu abatshintsha imali. Ngoko bayambuza bathi: “Uyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto? Uyinikwe ngubani?”​—Marko 11:28.

UYesu uthi: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba niyandiphendula, nam ndiza kunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto. UYohane wayethunywe ngubani ukuba abhaptize? NguThixo okanye ngabantu? Ndiphenduleni.” Ngabachasi bakhe ngoku abavavanywayo. Ababingeleli abaziintloko nabadala bayazibuza ukuba baphendule bathini, bathi: “Ukuba sithi, ‘Wayethunywe nguThixo,’ uza kuthi, ‘Kwakutheni ke ze ningamkholelwa?’ Kodwa singakhe silinge sithi, ‘Wayethunywe ngabantu’?” Bathetha ngolu hlobo kuba besoyika abantu, kaloku abantu “babekholelwa ukuba uYohane ngumprofeti.”​—Marko 11:29-32.

Ababingeleli abaziintloko nabadala abakwazi ukumphendula. Ngenxa yaloo nto bathi: “Asazi.” UYesu uthi kubo: “Nam ke andizukunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto.”​—Marko 11:33.