Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 106

Imizekelo Emibini Yeentsimi Zeediliya

Imizekelo Emibini Yeentsimi Zeediliya

MATEYU 21:28-46 MARKO 12:1-12 LUKA 20:9-19

  • UMZEKELO WOONYANA ABABINI

  • UMZEKELO WABALIMI KWINTSIMI YEEDILIYA

Etempileni, uYesu usandokubhida ababingeleli abaziintloko nabadala ebebemvavanya bembuza ukuba uyithatha phi imvume yokwenza izinto azenzayo. Indlela abaphendule ngayo ibenze bathi cwaka. Emva koko wenza umzekelo obonisa phandle ukuba bangabantu abanjani.

Uthi: “Kwakukho enye indoda eyayinabantwana ababini. Yathi kowokuqala, ‘Mntanam, hamba uyokusebenza entsimini yeediliya namhlanje.’ Wathi, ‘Andizukuya apho,’ kodwa emva koko wazisola, waya. Wathetha kwaloo nto nakomnye, waza yena wathi, ‘Ndiza kuya tata,’ kodwa akaya. Khanitsho ke! Ngubani kwaba bantwana owenza ukuthanda kukatata wakhe?” (Mateyu 21:28-31) Kucacile ukuba ngulo nyana wokuqala uye ekugqibeleni wenza ukuthanda kukatata wakhe.

UYesu uthi kubantu abamchasayo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, abaqokeleli berhafu namahenyukazi bayanishiya ukungena eBukumkanini bukaThixo.” Abaqokeleli berhafu namahenyukazi ekuqaleni bebengamkhonzi uThixo. Kodwa njengala nyana wokuqala baye baguquka ibe ngoku bayamkhonza. Kanti zona ezi nkokheli zifana nalo wesibini. Zithi ziyamkhonza uThixo kodwa aziyenzi loo nto. UYesu uthi: “UYohane [umBhaptizi] weza kunibonisa indlela yobulungisa, kodwa anizange nimkholelwe. Bona abaqokeleli berhafu namahenyukazi bamkholelwa, kodwa naloo nto ayizange inenze nizisole, nize nimkholelwe.”​—Mateyu 21:31, 32.

Emva kokuba uYesu enze lo mzekelo wenza omnye. Ngoku ubonisa ukuba iinkokheli zenkonzo zenza into engaphaya kokungavumi nje ukumkhonza uThixo. Zenza izinto ezimbi. Uthi: “Kwakukho umntu owatyala imithi yeediliya, wayibiyela, wemba isixovulelo sewayini, wakha nenqaba. Emva koko, waqeshisa ngaloo ntsimi kubalimi, waza waya kwelinye ilizwe. Ngexesha lokuvuna wathuma ikhoboka ukuba liyokuthatha ezakhe iziqhamo kwaba balimi. Kodwa balibamba, balibetha, baza baligxotha lingaphethanga nto. Waphinda wathuma elinye ikhoboka; lona balibetha entloko baza balithuka. Wathuma nelinye; balibulala. Wathuma namanye amaninzi; amanye kulawo bawabetha, amanye bawabulala.”​—Marko 12:1-5.

Inoba abantu abamamele uYesu bayawuqonda ukuba uthetha ukuthini lo mzekelo? Kusenokwenzeka ukuba bayawakhumbula amazwi uThixo awawathetha esebenzisa uIsaya, athi: “Intsimi yeediliya kaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; isityalo awayesithanda, ngamadoda akwaYuda. Wayethembe ukuba kuza kwenziwa okusemthethweni, kodwa jonga! kwasuka kwagcwala ulwaphulo-mthetho.” (Isaya 5:7) Nakumzekelo kaYesu umnikazi wentsimi nguYehova, ibe intsimi yeediliya sisizwe sakwaSirayeli, sibiyelwe ibe sikhuselwe nguMthetho KaThixo. UYehova wathumela abaprofeti ukuze bafundise abantu bakhe baze babancede bavelise iziqhamo ezihle.

Kodwa “abalimi” bawaphatha kakubi baza bawabulala “amakhoboka” awayethunywe kubo. UYesu uthi: “Umnikazi wentsimi wathuma unyana wakhe amthandayo kwaba balimi, esithi, ‘Baza kumhlonipha unyana wam.’ Kodwa abo balimi bathi, ‘Nantsi indlalifa. Yizani siyibulale sitsho sifumane ilifa layo.’ Ngoko bambamba, bambulala, baza bamphosa ngaphandle kwentsimi.”​—Marko 12:6-8.

UYesu uyabuza athi: “Uza kwenza ntoni ke umnikazi wentsimi?” (Marko 12:9) Iinkokheli zenkonzo zithi: “Ngenxa yokuba bekhohlakele, uza kubabulala aze aqeshise ngentsimi yakhe kwabanye abalimi abaza kumnika iziqhamo zakhe xa zivuthiwe.”​—Mateyu 21:41.

Ezi nkokheli aziqondi ukuba zichaza isigwebo sazo kuba nazo ‘zingabalimi’ ‘abakwintsimi yeediliya’ kaYehova esisizwe sakwaSirayeli. Esinye seziqhamo uYehova alindele ukuba aba balimi babe naso kukuba nokholo kuNyana wakhe, uMesiya. UYesu ujonga ngqo kwiinkokheli zenkonzo aze athi: “Zange nisifunde na isibhalo esithi, ‘Ilitye elalingafunwa ngabakhi liye laba lilitye lekona eliyintloko’? Zange nifunde na ukuba ‘Le nto yenziwe nguYehova, ibe iyamangalisa kuthi’?” (Marko 12:10, 11) Emva koko uYesu uthetha eyona nto ayifundisayo, uthi: “Yiloo nto ndisithi kuni, uBukumkani bukaThixo buza kuthathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.”​—Mateyu 21:43.

Ababhali nababingeleli abaziintloko bayaqonda ukuba uYesu “uthetha ngabo kulo mzekelo.” (Luka 20:19) Ngoku bafuna ukumbulala ngaphezu kokuba bebefuna kuqala, bafuna ukubulala “indlalifa.” Kodwa boyika abantu kuba abantu bacinga ukuba uYesu ngumprofeti. Ngoko bayamyeka okwangoku.