Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 107

Ukumkani Ubiza Abo Abameme Kwitheko Lomtshato

Ukumkani Ubiza Abo Abameme Kwitheko Lomtshato

MATEYU 22:1-14

  • UMZEKELO WETHEKO LOMTSHATO

Njengokuba ixesha lokushumayela kukaYesu emhlabeni seliza kuphela, uqhubeka esenza imizekelo ebonisa into abayiyo ababhali nababingeleli abaziintloko. Ngenxa yaloo nto bafuna ukumbulala. (Luka 20:19) Kodwa uYesu akakagqibi ukubahlaza. Wenza omnye umzekelo athi:

“UBukumkani bamazulu bungafaniswa nokumkani owenzela unyana wakhe itheko lomtshato. Lo kumkani wathuma amakhoboka akhe ukuba ayokubiza abo bamenyiweyo kwitheko lomtshato, kodwa abazange bafune ukuza.” (Mateyu 22:2, 3) UYesu uwuqala umzekelo wakhe ngokuthetha ‘ngoBukumkani bamazulu.’ Ngoko sinokutsho ukuba lo “kumkani” nguYehova uThixo. Ngubani yena unyana walo kumkani nabantu abamenywe kulo mtshato? Nangoku kulula ukubona ukuba unyana walo kumkani nguNyana KaYehova, lo ubenzela lo mzekelo, nokuba abo bamenyiwe ngabo baza kulawula noNyana kuBukumkani bamazulu.

Ngoobani abamenywe kuqala? Ngoobani ebebeshunyayezwa nguYesu nabapostile bakhe ngoBukumkani? NgamaYuda. (Mateyu 10:6, 7; 15:24) Xa olu hlanga lamkela isivumelwano soMthetho ngo-1513 B.C.E., laba ngabokuqala ukuba sethubeni lokuba “bubukumkani bababingeleli.” (Eksodus 19:5-8) Kodwa luza kubizwa nini olu hlanga “kwitheko lomtshato”? Kuyabonakala ukuba laqala lamenywa ngo-29 C.E. xa uYesu waqalisa ukushumayela ngoBukumkani bamazulu.

Athini amaSirayeli amaninzi xa emenywa? Njengokuba uYesu esitsho, ‘awazange afune ukuza.’ Iinkokheli zenkonzo yamaYuda kunye nabantu abaninzi abazange bamamkele njengoMesiya noKumkani omenywe nguThixo.

Kodwa uYesu ubonisa ukuba amaYuda ayeza kufumana elinye ithuba. Uthi: “[Lo kumkani] waphinda wathuma amanye amakhoboka, esithi, ‘Yithini kwabo bamenyiweyo: “Jongani! Ndilungise isidlo, ndixhele iinkunzi zeenkomo nezona zilwanyana zityebileyo, yonke into sele ilungile. Yizani ke kwitheko lomtshato.”’ Kodwa abazange bayihoye loo nto, bemka, omnye waya kwintsimi yakhe, omnye waya kwishishini lakhe; kodwa bonke abanye, bawabamba amakhoboka akhe, bawaphatha kakubi baza bawabulala.” (Mateyu 22:4-6) Le yinto eyayiza kwenzeka xa kumiselwe ibandla lamaKristu. Ngelo xesha amaYuda ayesenethuba lokuba kuBukumkani, kodwa awazange asamkele eso simemo, ade awaphatha kakubi ‘namakhoboka kakumkani.’​—IZenzo 4:13-18; 7:54, 58.

Kwenzeka ntoni kolu hlanga ngenxa yaloo nto? UYesu uthi: “Ukumkani wacaphuka, wathumela amajoni akhe, wababulala abo babulali waza wasitshisa nesixeko sabo.” (Mateyu 22:7) Le nto yenzeka kumaYuda ngo-70 C.E. xa amaRoma atshabalalisa ‘isixeko sawo,’ iYerusalem.

Ngaba ukungavumi kwawo kuthetha ukuba abakho abanye abantu abaza kumenywa? Awuthethi loo nto lo mzekelo. UYesu uqhubeka athi: “Emva koko [ukumkani] wathi kumakhoboka akhe, ‘Itheko selilungile, kodwa abo bebemenyiwe bebengafanelekanga. Ngoko ke, yiyani ezindleleni eziphumayo esixekweni, nize nimeme nabani na enimbonayo.’ Ahamba ke loo makhoboka aya ezindleleni, amema wonke umntu awayembona, olungileyo nongalunganga; yagcwala qhu indlu ngabantu ababemenywe kwelo theko.”​—Mateyu 22:8-10.

Le nto yenzeka xa umpostile uPetros waqalisa ukunceda abantu abangazelwanga bengamaYuda okanye abangaguqukelanga ebuYudeni ukuba babe ngamaKristu okwenene. Ngo-36 C.E., igosa lomkhosi wamaRoma uKorneli nentsapho yakhe bafumana umoya kaThixo, baba sethubeni lokufumana uBukumkani bamazulu awayethetha ngabo uYesu.​—IZenzo 10:1, 34-48.

UYesu ubonisa ukuba ayinguye wonke umntu oza kweli theko oza kwamkeleka ‘kukumkani.’ Uthi: “Xa ukumkani weza kujonga iindwendwe, wabona umntu owayengayinxibanga impahla enxitywa emtshatweni. Ngoko wathi kuye, ‘Mfondini, ungene njani apha ungayinxibanga impahla enxitywa emtshatweni?’ Akazange akwazi ukuphendula. Emva koko, ukumkani wathi kubasebenzi bakhe, ‘Mbopheni izandla neenyawo nize nimphose phandle ebumnyameni. Apho uza kukhala, angcungcutheke.’ Kuba baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abakhethiweyo.”​—Mateyu 22:11-14.

Iinkokheli zenkonzo ezimvayo uYesu zisenokuba aziqondi ukuba uthetha ukuthini. Kodwa ziyacaphuka zize zizimisele ngakumbi ukubulala lo mntu ubahlaza kangaka.