Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 112

Umzekelo Weentombi Ezilishumi

Umzekelo Weentombi Ezilishumi

MATEYU 25:1-13

  • UYESU WENZA UMZEKELO WEENTOMBI EZILISHUMI EZINGAZANGE ZALALA NANDODA

UYesu usandokuphendula umbuzo wabapostile bakhe wokuba baza kubona ngantoni xa ekho naxa sekuza kupheliswa ihlabathi. Ngoku uyabalumkisa ngokubenzela umzekelo. Lo mzekelo uza kwenzeka uze ubonwe ngabantu abaza kube bephila ngexesha lokubakho kwakhe.

Uwuqala ngokuthi: “Ngoko uBukumkani bamazulu bufana neentombi ezilishumi ezingazange zalala nandoda, ezathatha izibane zazo zayokukhawulela umyeni. Ezintlanu zazo zazizizidenge, ezintlanu zizizilumko.”​—Mateyu 25:1, 2.

UYesu akathi ihafu yabafundi bakhe abaza kufumana uBukumkani bamazulu zizidenge ize enye ihafu ibe zizilumko. Eyona nto ayifundisayo kukuba, ukuze bafumane uBukumkani mntu ngamnye kubo usenokukhetha ukuba sisilumko ngokuhlala elindile okanye azivumele ukuba aphazamiseke. Uqinisekile ukuba abafundi bakhe bangahlala bethembekile baze basikelelwe nguTata wakhe.

Kulo mzekelo iintombi ezilishumi ziyokukhawulela umyeni zize ziye naye kwitheko lomtshato. Ukufika kwakhe ezi ntombi ziza kumlayitela indlela ngezibane zazo, xa zisenza le nto zimbonisa imbeko aze yena athathe umtshakazi wakhe amse kwindlu amlungiselele yona. Kodwa ngaba izinto zenzeka ngolu hlobo kulo mzekelo?

UYesu uthi: “Ezi zizizidenge zaphatha izibane, kodwa azayiphatha ioli, kodwa zona ezizizilumko zaphatha izibane, zaphatha neoli. Kuba umyeni wayengade afike, zozela zonke, zalala.” (Mateyu 25:3-5) Umyeni akakhawulezi afike ngexesha ezimlindele ngalo. Ikhona le nto imbambileyo. Zithi zisalindile ezi ntombi, zilale. Inoba abapostile bakaYesu bakhumbula into ebebabalisele yona ngendoda yasebukhosini eyaya kude yaza ‘yabuya, sele ingukumkani.’​—Luka 19:11-15.

Kumzekelo weentombi ezilishumi, uYesu uchaza into eyenzekayo xa umyeni efika. Uthi: “Kwathi kanye ezinzulwini zobusuku kwakhwazwa kusithiwa: ‘Nanku umyeni! Phumani niyokumhlangabeza.’” (Mateyu 25:6) Ngaba ezi ntombi zazikulungele ukumkhawulela?

UYesu uqhubeka athi: “Ngoko zonke ezo ntombi zavuka zalungisa izibane zazo. Ezi zizizidenge zathi kwezi zizizilumko, ‘Sicela nisiphe ioli, kuba izibane zethu ziyacima.’ Ezi zizizilumko zaziphendula zathi: ‘Asiqondi ukuba iza kusanela sonke. Yiyani kwabo bayithengisayo, nizithengele eyenu.’”​—Mateyu 25:7-9.

Ngoko ezi zintlanu iintombi zizizidenge, azikulungelanga ukufika komyeni. Azinayo ioli eyaneleyo yokukhanyisa izibane zazo ngoko kufuneka ziyoyithenga. UYesu uthi: “Zathi zisayokuyithenga, wafika umyeni. Zona iintombi ezazisele zilungisile zangena naye kwitheko lomtshato, waza wavalwa umnyango. Emva koko zafika ezinye iintombi, zathi, ‘Myeni, Myeni, sivulele!’ Waphendula wathi, ‘Andinazi.’” (Mateyu 25:10-12) Ibuhlungu le nto yenzeke kwezi ntombi zingakhange zizilungiselele.

Abapostile bayabona ukuba kulo mzekelo umyeni umela uYesu. Kaloku ngaphambili ebekhe wazifanisa nomyeni. (Luka 5:34, 35) Iintombi ezizizilumko zona ngoobani? Xa uYesu ebethetha ‘ngomhlambi omncinci’ oza kunikwa uBukumkani, usebenzise amazwi athi: “Hlalani nilungile, nezibane zenu zikhanya.” (Luka 12:32, 35) Ngoko kulo mzekelo weentombi ezilishumi abapostile bayabona ukuba uYesu uthetha nabantu abanjengabo. Yintoni ke eyona nto ayifundisayo ngalo mzekelo?

UYesu uyawuphendula lo mbuzo. Ugqibezela umzekelo wakhe ngokuthi: “Ngoko ke, hlalani nithe qwa, kuba aniyazi imini ningayazi neyure.”​—Mateyu 25:13.

Kuyacaca ukuba ulumkisa abalandeli bakhe abathembekileyo ukuba, ukuze bababone ukuba ukho, kuza kufuneka ‘bahlale bethe qwa.’ Uza kuza, ibe kuza kufuneka bahlale bekulungele ukuza kwakhe, njengeentombi ezizizilumko, ukuze bangaphelelwa lithemba baze baphoswe ngumvuzo wabo.