Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 113

Umzekelo Weetalente

Umzekelo Weetalente

MATEYU 25:14-30

  • UYESU WENZA UMZEKELO WEETALENTE

UYesu usekwiNtaba YemiNquma kunye nabapostile bakhe abane aze abenzele omnye umzekelo. Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo xa ebeseYeriko, ebenze umzekelo weemina ukubonisa ukuba uBukumkani abuzofika ngeli xesha. Umzekelo awenzayo ngoku unezinto eziliqela ofana ngazo nalo ebewenzile. Nawo uphendula umbuzo obuthetha ngobukho bakhe, nokupheliswa kweli hlabathi. Ubonisa ukuba abafundi kufuneka bazimisele kumsebenzi abanika wona.

Uwuqala ngokuthi: “Bufana nomntu owayeza kuya kwelinye ilizwe, wabiza amakhoboka akhe waza wawagcinisa izinto zakhe.” (Mateyu 25:14) Kuba ebesezifanise nendoda eya kwelinye ilizwe “ukuze yenziwe ukumkani,” kulula kubapostile ukubona ukuba uYesu ungulo ‘mntu’ kuthethwa ngaye nakulo umzekelo.​—Luka 19:12.

Ngaphambi kokuba lo mntu ukulo mzekelo aye kwelinye ilizwe, unika amakhoboka akhe izinto zakhe ezixabisekileyo. Kule minyaka mithathu inehafu idlulileyo, uYesu ebezimisele kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo, nokuqeqesha abafundi bakhe ukuba bakwazi ukuwenza. Ngoku uza kuhamba, ibe uqinisekile ukuba baza kuqhubeka bewenza lo msebenzi abaqeqeshele wona.​—Mateyu 10:7; Luka 10:1, 8, 9; thelekisa noYohane 4:38; 14:12.

Lo mntu ukulo mzekelo uzahlula njani izinto zakhe? UYesu uthi: “Elinye walinika iitalente ezintlanu, elinye ezimbini, elinye walinika enye, wanika ngalinye ngokwamandla alo, waza wahamba.” (Mateyu 25:15) La makhoboka aza kuzithini ezi zinto azinike wona? Ngaba aza kuzisebenzisa kakuhle ukuze kungenelwe inkosi yawo? UYesu uthi kubapostile bakhe:

“Elo lafumana iitalente ezintlanu lahamba ngoko nangoko layokwenza enye imali ngazo, lafumana ezinye ezintlanu. Neli lafumana iitalente ezimbini lenza into efanayo, laza lafumana ezinye ezimbini. Kodwa eli lafumana italente enye lahamba laya kuyombela emhlabeni, layifihla imali yenkosi yalo.” (Mateyu 25:16-18) Kuza kwenzeka ntoni ukubuya kwenkosi yala makhoboka?

UYesu uqhubeka athi: “Emva kwexesha elide inkosi yaloo makhoboka yeza kujonga ukuba la makhoboka enze ntoni ngemali yayo.” (Mateyu 25:19) Amakhoboka amabini okuqala enze konke anokukwenza, “ngalinye ngokwamandla alo.” La makhoboka ebezimisele kwaye esebenza nzima kumsebenzi ibibashiyele wona. Ikhoboka ebelinikwe iitalente ezintlanu liye laziphinda kabini, lenza loo nto neli belinikwe iitalente ezimbini. (Ngela xesha umntu oqeshiweyo kwakuza kufuneka asebenze iminyaka ephaa kweyi-19 ukuze afumane imali elingana netalente enye.) Inkosi yawo iwancoma ngendlela efanayo la makhoboka mabini. Ithi: “Usebenzile khoboka lam elilungileyo nelithembekileyo! Kuba uye wathembeka kwizinto ezimbalwa, ndiza kukuphathisa izinto ezininzi. Yonwaba nenkosi yakho.”​—Mateyu 25:21.

Kwenzeka into eyahlukileyo kodwa kwikhoboka ebelinikwe italente enye. Lithi: “Nkosi, bendikwazi ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna apho angatyalanga khona, noqokelela ukutya angakusebenzelanga. Ngoko ndoyika ndaza ndayokuyombela emhlabeni imali yakho. Bamba, nantsi.” (Mateyu 25:24, 25) Khange liyivalele nokuba kusebhankini ukuze inkosi yalo izofumana inzala. Aliyenzanga into ebifunwa yinkosi yalo.

Ngenxa yalo nto inkosi yalo ilibiza ngokuba likhoboka “elingalunganga nelilivila.” Loo talente inye beliyinikiwe iyathathwa ize inikwe ikhoboka elifunayo ukusebenza ngokuzimisela. Inkosi yawo ithi: “Wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye, aze abe nezinto ezininzi kakhulu. Kodwa lowo ungenanto, naloo nto incinci anayo iza kuthathwa.”​—Mateyu 25:26, 29.

Ininzi into abafundi bakaYesu abamele bacinge ngayo, nangalo umzekelo. Bayabona ukuba ixabiseke kakhulu into uYesu abanika yona, inyhweba yokwenza abafundi. Ulindele ukuba bayisebenzise kakuhle le nyhweba. Akacingi ukuba bamele bawenze ngendlela efanayo bonke lo msebenzi wokushumayela abanike wona. Mfundi ngamnye kufuneka asebenze kangangoko anako, ‘ngokwamandla akhe.’ Kodwa ke le nto ayithethi ukuba akazokuba nangxaki xa omnye ‘elivila’ aze angawenzi ngamandla akhe onke umsebenzi amnike wona.

Inoba bavuya nyhani abapostile bakhe xa ebaqinisekisa esithi: “Wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye”!