Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 115

IPasika Yokugqibela KaYesu Seyisondele

IPasika Yokugqibela KaYesu Seyisondele

MATEYU 26:1-5, 14-19 MARKO 14:1, 2, 10-16 LUKA 22:1-13

  • UYUDAS SKARIYOTI UBHATALELWA UKUJIKELA UYESU

  • ABAPOSTILE ABABINI BALUNGISELELA IPASIKA

UYesu ugqibezela ukufundisa abapostile abane kwiNtaba YemiNquma, ephendula umbuzo wabo ngobukho bakhe nokupheliswa kweli hlabathi.

Ibixakeke nyhani imini yangoNisan 11. Mhlawumbi basendleleni ebuyela eBhethani beza kulala khona xa uYesu esithi kubo: “Niyazi ukuba kusele iintsuku ezimbini ibe yiPasika, ibe uNyana womntu uza kunikelwa ezandleni zeentshaba ukuze abethelelwe esibondeni.”​—Mateyu 26:2.

Ngemini elandelayo ngoLwesithathu uYesu uzihlalela nabafundi bakhe. NgoLwesibini ebegxeke iinkokheli zamaYuda waza wabonisa abantu eyona nto ziyiyo. Ngoku zifuna ukumbulala. Ngenxa yaloo nto akabonakali ebantwini ngoNisan 12, kuba akafuni kubekho nto iza kumenza angayityi nabapostile bakhe iPasika ngengokuhlwa elandelayo njengokuba kuza kube kuqala uNisan 14.

Kodwa bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abahlelanga njee, njengokuba iza kuba yiPasika. Badibanela eyadini kaKayafa umbingeleli omkhulu. Ngoba? Bayacaphuka kuba uYesu oko ebatyhila eyona nto bayiyo phakathi kwabantu. Ngoku “baceba iqhinga lokubamba uYesu ukuze bambulale.” Baza kuyenza nini kwaye njani loo nto? Bathi: “Masingambambi ngexesha letheko, ukuze kungabikho sidubedube.” (Mateyu 26:4, 5) Bayoyika kuba uthandwa ngabantu abaninzi.

Bathi besahleli bafikelwa lundwendwe. Bayothuka xa bebona ukuba ngomnye wabapostile bakaYesu, uYudas Skariyoti. USathana umenze wacinga ngokujikela iNkosi yakhe. UYudas uyababuza athi: “Niza kundinika ntoni ukuba ndimnikela kuni?” (Mateyu 26:15) Bavuya kakhulu baze ‘bathembise ukumnika imali yesilivere.’ (Luka 22:5) Baza kumnika malini? Bathi baza kumnika amaqhosha esilivere ayi-30. Kusenokwenzeka ukuba ziishekele eziyi-30, imali elalithengiswa ngayo ikhoboka. (Eksodus 21:32) Ezi nkokheli zibonisa ukuba ziyamcaphukela uYesu ibe akaxabisekanga kuzo. Ngoku uYudas uqalisa ‘ukukhangela ithuba elihle lokujikela uYesu kungekho bantu baninzi.’​—Luka 22:6.

NgoLwesithathu ekutshoneni kwelanga kuqalisa uNisan 13, ubusuku besithandathu nobokugqibela uYesu eseBhethani. Ngemini elandelayo kuza kufuneka abafundi balungiselele iPasika. Iza kutyelwa phi, ibe ngubani oza kuxhela aze oje imvu efunekayo ngePasika ngaphambi kokuba uNisan 14 aqale? UYesu khange abaxelele yonke le nto, ngoko uYudas akakwazi ukuxelela ababingeleli abaziintloko.

Phaa ngoLwesine emva kwemini, uYesu uthuma uPetros noYohane esithi: “Hambani niyokusilungiselela iPasika esiza kuyitya.” Bathi: “Ufuna siyilungiselele phi?” Uthi kubo: “Xa ningena esixekweni, niza kudibana nendoda ethwele ingqayi yamanzi. Yilandeleni, niyokungena kuloo ndlu ingena kuyo. Nize nithi kumnikazi wendlu, ‘UMfundisi uthi: “Liphi igumbi leendwendwe endinokutyela kulo iPasika nabafundi bam?”’ Loo ndoda iza kunibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinayo yonke into esiyidingayo. Yilungiseleleni apho.”​—Luka 22:8-12.

Kuyabonakala ukuba lo mnikazi wendlu ngumfundi kaYesu. Mhlawumbi ebekhe wayicinga into yokuba uYesu usenokufuna ukuyityela endlini yakhe iPasika. Xa aba bapostile befika eYerusalem, yonke into yenzeka ngala ndlela uYesu ebeyithethe ngayo. Ngoko bayaqinisekisa ukuba imvu ilungisiwe baze benze namanye amalungiselelo esidlo sePasika ukuze uYesu nabapostile bakhe abayi-12 bonele.