Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 116

UYesu Uhlamba Iinyawo Zabapostile Bakhe

UYesu Uhlamba Iinyawo Zabapostile Bakhe

MATEYU 26:20 MARKO 14:17 LUKA 22:14-18 YOHANE 13:1-17

  • UYESU UTYA IPASIKA YAKHE YOKUGQIBELA NABAPOSTILE

  • UFUNDISA INTO EBALULEKILEYO NGOKUHLAMBA IINYAWO ZABAPOSTILE

UPetros noYohane sebefikile eYerusalem ukuze balungiselele iPasika njengokuba uYesu ebetshilo. Ethubeni uYesu nabanye abapostile abalishumi bayalandela. Kusemva kwemini, ilanga liyatshona ngasentshona ibe bahla kwiNtaba YemiNquma. Uyagqibelisa ukusibona emini isixeko ekule ndawo. Ngoku uza kusibona emva kokuba evusiwe.

Bakhawuleza bafike kwesi sixeko baze baye kweli khaya baza kuyityela kulo iPasika. Banyuka izitepsi baze baye kwigumbi elingaphezulu. Bafika apho sele silungiselelwe isidlo sabo. Kudala eyingxamele le mini, kuba uthi: “Kudala ndiyilindile le Pasika, ukuze ndiyitye nani ngaphambi kokuba ndingcungcuthekiswe.”​—Luka 22:15.

Kwiminyaka emininzi ngaphambili kwaqaliswa isiko lokuba abantu abeze kwiPasika bagqithiselane ngeendebe zewayini eziliqela. Ngoku emva kokuba uYesu enikwe indebe, uthi: “Yithatheni nize nigqithiselane ngayo, kuba ndithi kuni, ukususela ngoku andizukuphinda ndiyisele iwayini bude bufike uBukumkani bukaThixo.” (Luka 22:17, 18) Inoba kucaca kumntu wonke ukuba kusondele ukufa kwakhe.

Njengoko beqhubeka besitya iPasika kwenzeka into engaqhelekanga. Uyaphakama, azibeke ecaleni izambatho zakhe zangaphezulu aze athathe itawuli. Emva koko ugalela amanzi ekomini. Ngokuqhelekileyo umntu omeme iindwendwe kwakhe uye aqiniseke ukuba iindwendwe zihlanjwa iinyawo, mhlawumbi sisicaka. (Luka 7:44) Kodwa apha akekho umntu weli khaya obamemileyo, ngenxa yaloo nto uYesu uyenza ngokwakhe le nto. Nabapostile ngebeyenzile kodwa akukho nomnye oyenzayo. Ngaba mhlawumbi basakhuphisana ngokuba ngowuphi obhetele kunabanye? Noba kunjalo okanye akunjalo, ukuhlanjwa kwabo iinyawo nguYesu kubenza iintloni.

Xa eza kuhlamba ezikaPetros, uPetros uthi: “Soze uzihlambe ezam iinyawo.” UYesu uthi kuye: “Ukuba awuvumi, awuzukukwazi ukuhlala nam.” UPetros uthi: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, sele undihlamba izandla nentloko.” Inoba uyothuka xa esiva uYesu esithi: “Umntu ohlambileyo akuyomfuneko ukuba ahlanjwe enye indawo ngaphandle kweenyawo, kuba sele ecocekile. Kodwa omnye wenu akacocekanga.”​—Yohane 13:8-10.

UYesu uhlamba iinyawo zabapostile bakhe abayi-12. Ude ahlambe nezika Yudas Skariyoti. Emva kokunxiba izambatho zakhe zangaphezulu aze ahlale phantsi, uyababuza athi: “Niyayiqonda na le nto ndigqiba kuyenza? Nithi ‘Mfundisi’ okanye ‘Nkosi’ xa nindibiza, ibe ninyanisile, kuba kunjalo. Ngoko ke, ukuba mna ndihlambe iinyawo zenu, ndakugqiba ukuba yiNkosi noMfundisi, nani nimele nihlambane iinyawo, kuba ndinibonisile indlela enimele nenze ngayo. Le nto ndiyenzileyo kuni, nani nimele niyenze. Ndiyaniqinisekisa ukuba, ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo, nalowo uthunyiweyo akakho mkhulu kunalowo umthumileyo. Ngoku niyazazi ezi zinto, ibe niza konwaba ukuba niyazenza.”​—Yohane 13:12-17.

Intle nyhani le nto uYesu abafundisa yona ngokuthobeka nokuzimisela ukusebenza ukuze bancede abanye. Abalandeli bakhe akufuneki bafune ukuba phambili, bacinge ukuba babalulekile kunabanye abantu okanye bacinge ukuba kufuneka abanye abantu basebenze ukuze bancede bona. Bamele balandele umzekelo wakhe. Loo nto ayithethi ukuba bamele babe nesiko lokuhlambana iinyawo kodwa ithetha ukuba bamele bathobeke baze bazimisele ukunceda abanye abantu bengakhethi.