Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 119

UYesu Uyindlela, Inyaniso Nobomi

UYesu Uyindlela, Inyaniso Nobomi

YOHANE 14:1-31

  • UYESU UYAHAMBA AYOKULUNGISA INDAWO

  • UTHEMBISA ABALANDELI BAKHE UKUBA BAZA KUFUMANA UMNCEDI

  • UTATA MKHULU KUNOYESU

UYesu usekwigumbi eliphezulu nabapostile bakhe emva kwesidlo sangokuhlwa, ibe ubakhuthaza athi: “Sanukukhathazeka. Kholwani kuThixo, nikholwe nakum.”​—Yohane 13:36; 14:1.

Unceda abapostile abathembekileyo ukuba bangakhathazeki kuba ehamba. Uthi: “Ininzi indawo yokuhlala endlini kaTata. . . . Ndakuba ndimkile ndaya kunilungiselela indawo, ndiza kubuya ndizokunilanda, ukuze nibe lapho ndikhoyo.” Kodwa abapostile abaqondi ukuba uthetha ngokuya ezulwini. UTomas ubuza athi: “Nkosi, asazi ukuba uya phi. Siza kuyazi njani ke indlela?”​—Yohane 14:2-5.

UYesu uphendula athi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi.” Ukuze umntu angene ezulwini, kwindlu kaTata wakhe, umele amkele uYesu nezinto azifundisayo aze azenze izinto ebezenza apha emhlabeni. Uthi: “Akukho mntu uya kuTata engayi ngam.”​—Yohane 14:6.

UFilipu, umamele kakuhle ibe ngoku uthi: “Nkosi, sibonise uTata wakho, siza kutsho sanele.” Ngandlela ithile uFilipu ufuna uThixo abonakale kubo njengokuba wabonakala kuMoses, uEliya, noIsaya embonweni. Kodwa bona abapostile banento ebhetele lee kunaloo mibono. UYesu uyayicacisa loo nto. Uthi: “Kunini ndihleli nani Filipu, awukandazi nangoku? Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.” Indlela ayiyo uYesu ifana ngqo nendlela ayiyo uTata; yiyo loo nto ukuphila kunye naye nokubukela izinto azenzayo kufana nokubona uTata. Kodwa ke uTata mkhulu kunoNyana kuba uYesu uthi: “Izinto endizithetha kuni azisuki kum.” (Yohane 14:8-10) Abapostile bayabona ukuba uzuko lwezinto zonke uYesu azifundisayo ulusa kuTata wakhe.

Bambone esenza imimangaliso baza bamva eshumayela iindaba ezilungileyo ngoBukumkani BukaThixo. Ngoku uthi kubo: “Nabani na ozikholelwayo izinto endizithethayo aze azenze, uza kukwazi ukwenza ezi zinto ndizenzayo, ade enze nangaphezulu.” (Yohane 14:12) UYesu akathi baza kwenza imimangaliso engaphezu kwale ebeyenza. Kodwa bona baza kushumayela ixesha elide, kwiindawo ezininzi nakubantu abaninzi.

Abazokushiyeka bodwa ukumka kwakhe kuba uyabathembisa athi: “Ukuba nicela nantoni na egameni lam, ndiza kuyenza.” Uphinda athi: “Ndiza kumcela uTata ukuba aninike omnye umncedi oza kuba nani ngonaphakade. Lo mncedi ngumoya oyingcwele.” (Yohane 14:14, 16, 17) Uyabaqinisekisa ukuba baza kufumana umoya oyingcwele oza kubanceda. Loo nto yenzeka ngosuku lwePentekoste.

UYesu uthi: “Kungekudala ihlabathi alizukuphinda lindibone, kodwa nina niza kundibona, kuba ndiza kuqhubeka ndiphila, ibe nani niza kuphila.” (Yohane 14:19) Emva kokuba evusiwe abafundi bakhe baza kumbona ngaphambi kokuba aye ezulwini, ibe ekuhambeni kwexesha nabo baza kuba kunye naye ezulwini.

Ngoku uYesu uthi: “Umntu ondithandayo uyayamkela aze ayithobele imiyalelo yam. Nabani na ondithandayo uyathandwa nguTata, ibe nam ndiza kumthanda ndize ndimazise ukuba ndingubani.” Umpostile uYudas, okwabizwa ngokuba nguTadeyu, uyabuza athi: “Nkosi, kwenzeke ntoni le nto ufuna ukuzazisa ngokucacileyo kuthi, kungekhona kwihlabathi?” UYesu uphendula athi: “Ukuba umntu uyandithanda, uza kundithobela, aze athandwe nguTata . . . Umntu ongandithandiyo akandithobeli.” (Yohane 14:21-24) Ihlabathi alifani nabalandeli bakhe. Aliboni ukuba uYesu yindlela, inyaniso nobomi.

UYesu uyahamba, ngoko abafundi bakhe baza kuzikhumbula njani zonke izinto abafundise zona? Uthi: “Umoya oyingcwele eniza kuwunikwa nguTata egameni lam, uza kuninceda. Wona uza kunifundisa yonke into, uze unikhumbuze yonke into endinixelele yona.” Abapostile baqinisekile ukuba iza kwenzeka le nto kuba bazibonile izinto ebezenza encedwa ngumoya oyingcwele. Uphinda athi: “Ndiza kuqhubeka ndininika olu xolo ninalo ngoku ndikunye nani. . . . Ze ningakhathazeki okanye noyike.” (Yohane 14:26, 27) Abafundi ngoku abanaso isizathu sokukhathazeka kuba baza kukhokelwa baze bakhuselwe nguTata kaYesu.

Kuza kukhawuleza kucace ukuba uThixo uyabakhusela. UYesu uthi: “Uyeza umlawuli weli hlabathi, ibe akukho nto anokundibamba ngayo.” (Yohane 14:30) UMtyholi ukwazile ukungena kuYudas waza wamlawula. Kodwa yena uYesu akanasono uSathana anokusisebenzisa ukuze amenze ajikele uThixo. UMtyholi akazokwazi nokumnqanda ukuba angavuki ekufeni. Ngoba? Kuba uYesu uthi: “Ndiza kuhlala ndizenza izinto [uTata] andiyalele zona.” Uqinisekile ukuba uTata wakhe uza kumvusa.​—Yohane 14:31.