Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 121

“Ze Nomelele! Mna Ndiloyisile Ihlabathi”

“Ze Nomelele! Mna Ndiloyisile Ihlabathi”

YOHANE 16:1-33

  • KUNGEKUDALA ABAPOSTILE ABAZOKUPHINDA BAMBONE UYESU

  • INTLUNGU YABAPOSTILE IZA KUJIKA IBE LUVUYO

UYesu nabapostile bakhe balungiselela ukumka kwigumbi eliphezulu ebebesitya kulo isidlo sePasika. Emva kokuba ebacebisile, uYesu uphinda athi: “Ezi zinto ndizithethe kuba ndingafuni niphelelwe lukholo.” Kutheni sibalulekile esi silumkiso sakhe kubapostile? Uthi kubo: “Niza kugxothwa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda. Kuseza nexesha apho wonke umntu onibulalayo, eza kucinga ukuba loo nto uyenzela uThixo.”​— Yohane 16:1, 2.

Mhlawumbi iyabothusa le nto ayithethayo. Nangona uYesu ebebaxelele ukuba ihlabathi liza kubacaphukela, khange abaxelele ngqo ukuba baza kubulawa. Kutheni? Uthi: “Andizange ndinixelele kwasekuqaleni, kuba bendikunye nani.” (Yohane 16:4) Ngoku uyabalumkisa ngaphambi kokuba ahambe. Le nto iza kubanceda bangaphelelwa lukholo ekuhambeni kwexesha.

Uqhubeka athi: “Ndiya kuLowo undithumileyo; kodwa akukho nomnye kuni othi kum, ‘Uya phi?’ ” Ngaphambilana kwangobu busuku, bebekhe bambuza ukuba uza kuyaphi. (Yohane 13:36; 14:5; 16:5) Kodwa ngoku basothuswe yinto ayithethileyo yokuba baza kutshutshiswa, ibe basakhathazekile. Ngenxa yaloo nto abambuzi ngozuko aza kulufumana nokuba olo zuko luza kuthetha ntoni kubakhonzi bokwenene. UYesu uyayibona le nto aze athi: “Kaloku iintliziyo zenu zibuhlungu kuba ndinixelele ezi zinto.”​—Yohane 16:6.

Uphinda athi: “Ukuhamba kwam kuza kuninceda. Kuba ukuba andihambi, uThixo akazukuninika umoya wakhe; kodwa ukuba ndiyahamba, ndiza kumcela ukuba aninike.” (Yohane 16:7) Ukuze abafundi bakhe bawufumane lo moya kufuneka uYesu afe aze aye ezulwini, ibe lo moya uza kuwuthumela ukuze uncede abantu bakhe emhlabeni wonke.

Umoya oyingcwele ‘uza kubacacisela kakuhle abantu ngezi zinto: isono, ubulungisa nomgwebo.’ (Yohane 16:8) Uza kuliveza ihlabathi ukuba alinalukholo kuNyana KaThixo. Ukunyukela kukaYesu ezulwini kuza kungqina ukuba ulilungisa kuze kubonise nesizathu sokuba “umlawuli weli hlabathi,” uSathana, ekufanele ukugwetywa.​—Yohane 16:11.

UYesu uqhubeka athi: “Ziseninzi izinto endifuna ukunixelela zona, kodwa azizukunicacela okwangoku.” Xa ebanike umoya oyingcwele, uza kubanceda bayazi kakuhle “inyaniso,” baze baphile ngayo.​—Yohane 16:12, 13.

Into abaxelela yona ngoku abapostile bakhe iyababhida. Uthi: “Akuzukuba kudala, ningandiboni, niphinde nindibone kungekudala.” Bayabuzana ukuba uthetha ukuthini. UYesu uyabona ukuba bafuna ukumbuza aze abacacisele athi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, niza kukhala isijwili, kodwa ihlabathi lona liza kuvuya; niza kuba buhlungu, kodwa intlungu yenu iza kujikwa ibe luvuyo.” (Yohane 16:16, 20) Xa uYesu ebulawa ngemini elandelayo, iinkokheli zenkonzo ziyavuya, bona abafundi baba buhlungu. Kodwa ukuvuswa kwakhe intlungu yabo ijikwa ibe luvuyo. Futhi baqhubeka bevuya xa benikwa umoya oyingcwele kaThixo.

Ufanisa imeko yabafundi bakhe kunye nentlungu efunyanwa ngumfazi xa eza kuzala. Uthi: “Xa kusondela ixesha lokuba umfazi azale usana, uba sentlungwini, kodwa xa sele eluzele, uyilibala yonke loo ntlungu, kuba kuzelwe umntu emhlabeni.” Uyabakhuthaza abapostile bakhe athi: “Nani ke nibuhlungu ngoku; kodwa ndiza kuphinda ndinibone, niphinde nivuye, kungabikho mntu uza kuphinda aluhluthe kuni olo vuyo.”​—Yohane 16:21, 22.

Ukuza kutsho ngoku, abapostile abakaceli nto egameni likaYesu. Kodwa ngoku uthi: “Ngaloo mini niza kucela egameni lam.” Kutheni beza kucela egameni lakhe? Le nto ayithethi ukuba uTata akafuni ukubaphendula. UYesu ude athi: “UTata uyanithanda, kuba niye nandithanda, naza nakholelwa ukuba ndithunywe nguye.”​—Yohane 16:26, 27.

La mazwi akhuthazayo ayabaqinisekisa abapostile baze bathi: “Yiloo nto sikholelwa ukuba uthunywe nguThixo.” Kodwa oko kuqiniseka kwabo sekuza kuvavanywa. Ubaxelela into eza kwenzeka, uthi: “Jongani! Kuza ixesha, ibe selifikile, apho niza kuthi saa nibuyele emizini yenu, nindishiya ndedwa.” Kodwa uyabaqinisekisa athi: “Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo ngenxa yam. Niza kutshutshiswa ehlabathini, kodwa ze nomelele! Mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:30-33) UYesu akabalahli abapostile bakhe. Uqinisekile ukuba banokuloyisa njengaye ihlabathi, ukuba benza ukuthanda kukaThixo ngokuthembeka, noba uSathana nehlabathi lakhe bazama ntoni ukuze babayekise.