Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 124

UKristu Uyajikelwa Aze Abanjwe

UKristu Uyajikelwa Aze Abanjwe

MATEYU 26:47-56 MARKO 14:43-52 LUKA 22:47-53 YOHANE 18:2-12

  • UYUDAS UJIKELA UYESU EGADINI

  • UPETROS UXABELA INDLEBE YOMNTU

  • UYESU UYABANJWA

Kusezinzulwini zobusuku. Ababingeleli bathe baza kumnika uYudas amaqhosha esilivere ayi-30 ukuba uyamjikela uYesu. Ngenxa yaloo nto uYudas ukhokela iqela elikhulu lababingeleli abaziintloko nabaFarisi, ibe bakhangela uYesu. Bahamba kunye namajoni amaRoma axhobileyo kunye nomphathi mkhosi.

Kuyabonakala ukuba emva kokuba uYesu ethe makahambe xa bebesitya iPasika, uYudas uye ngqo kubabingeleli abaziintloko. (Yohane 13:27) Bona baye baqokelela amagosa kunye namajoni. Kusenokwenzeka ukuba uYudas uqale wabasa kwigumbi uYesu nabapostile bakhe ebebetyela kulo iPasika. Ngoku banqumla iNtlambo iKidron baya kwigadi yaseGetsemane. Phezu kokuba bephethe izixhobo zokulwa baphethe nezibane ibe bazimisele ukumfumana uYesu.

Njengoko uYudas ekhokela eli qela ibe enyuka nalo iNtaba YemiNquma, uqinisekile ukuba uyamazi ukuba uphi uYesu. Kwezi veki zimbalwa zigqithileyo xa uYesu nabapostile bakhe bebesiya eBhethani naseYerusalem, amaxesha amaninzi bebephumla kwigadi yaseGetsemane. Kodwa ngoku kusebusuku ibe kusenokwenzeka ukuba uYesu usithwe yimithi yeminquma kule gadi. Ukuba kunjalo, la majoni ekusenokwezeka ukuba zange ambona uYesu ngaphambili, aza kumazi njani? UYudas uyawanceda. Uthi: “Lowo ndiye ndamphuza, ze nazi ukuba nguye; mbambeni, nihambe naye, nimgade angaphuncuki.”​—Marko 14:44.

Xa uYudas efika neli qela kule gadi, uyambona uYesu kunye nabapostile bakhe aze aye ngqo kubo. Uthi: “Molo Mfundisi!” aze amphuze. UYesu umphendula athi: “Mfondini, ufuna ntoni apha?” (Mateyu 26:49, 50) Uphinda aziphendule athi: “Yudas, umthengisa ngokumphuza na uNyana womntu?” (Luka 22:48) Kodwa uYesu akasazihluphi ngoYudas.

Ngoku uma kanye kule ndawo zikhanyise kuyo izibane aze athi: “Nifuna bani?” Kuphendula omnye weli qela athi: “UYesu umNazarete.” Ngesibindi uYesu uthi: “Ndinguye.” (Yohane 18:4, 5) La madoda awayazi ukuba mawathini asuke awe phantsi.

Endaweni yokuba uYesu asebenzise eli thuba abaleke, uyaphinda awabuze ukuba afuna bani. Aphinda athi: “UYesu umNazarete.” Ezolile uthi: “Nditshilo nje ukuba ndinguye. Ukuba ndim lo nimfunayo, bayekeni aba bahambe.” Nangona eli ilixesha elinzima, uYesu usayikhumbula into ebeyithethe kubo ngaphambili yokuba akazokulahlekelwa nangomnye kubo. (Yohane 6:39; 17:12) Ubakhusele abapostile bakhe ibe akukho nomnye kubo olahlekileyo “ngaphandle konyana wentshabalalo” uYudas. (Yohane 18:7-9) Yiyo loo nto ngoku esithi abalandeli bakhe mabayekwe bahambe.

Njengoko amajoni emile aze aqalise ukusondela kuYesu, abapostile bayayiqonda ukuba kwenzeka ntoni. Bayabuza bathi: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?” (Luka 22:49) Uthi uYesu engekaphenduli uPetros athi rhuthu elinye lala makrele mabini abapostile bawaphetheyo. Uhlasela ikhoboka lombingeleli omkhulu uMalko, aze aliqhawule indlela yasekunene.

UYesu ubamba indlebe kaMalko aze ayiphilise. Emva koko, ufundisa into ebalulekileyo aze athi kuPetros: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abalwa ngekrele baza kufa kwangalo.” UYesu akanangxaki nokubanjwa kuba uthi: “Ibiza kwenzeka njani ke le nto ithethwa ziZibhalo yokuba kumele kwenzeke ngale ndlela?” (Mateyu 26:52, 54) Uphinda athi: “Andimelanga ndiyisele na le ndebe ndiyinikwe nguTata?” (Yohane 18:11) Ufuna ukwenza ukuthanda kukaThixo nokuba loo nto ithetha ukuba kufuneka afe.

UYesu uthi kweli qela lizokumbamba: “Ndim na lo nizokumbamba, nide niphathe amakrele namagqudu ngokungathi nizokubamba utsotsi? Kudala ndisiza etempileni ndifundisa, kodwa anandibamba. Kodwa yonke le nto yenzeke ukuze izinto ezabhalwa ngabaprofeti zibe yinyani.”​—Mateyu 26:55, 56.

Amajoni, umphathi mkhosi, namagosa amaYuda, ayambamba. Xa bebona le nto abapostile bayabaleka. Kodwa, “omnye umfana” mhlawumbi uMarko akahambi kuba ufuna ukulandela uYesu. (Marko 14:51) Lo mfana uyabhaqwa baze bazame ukumbamba. Kodwa uyabaleka aze ashiye isambatho sakhe selinen ngasemva.