Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 133

UYesu Uyangcwatywa

UYesu Uyangcwatywa

MATEYU 27:57–28:2 MARKO 15:42–16:4 LUKA 23:50–24:3 YOHANE 19:31–20:1

  • UMZIMBA KAYESU UYOTHULWA ESIBONDENI

  • UMZIMBA ULUNGISELELWA UKUNGCWATYWA

  • ABAFAZI BAFIKA UNGEKHO UMZIMBA ENGCWABENI

Kusemva kwemini ngoLwesihlanu, ngoNisan 14 ibe kuqalisa ukurhatyela. Ukutshona kwelanga kuza kuqala iSabatha kaNisan 15. UYesu sele eswelekile, kodwa bona ootsotsi ababethelelwe ecaleni kwakhe basaphila. Ngokutsho koMthetho, isidumbu “asimele sihlale sijinga esibondeni ubusuku bonke” kodwa simele singcwatywe “kwangaloo mini.”​—Duteronomi 21:22, 23.

Kwakhona, usuku lwangoLwesihlanu emva kwemini kuthiwa lusuku lokulungiselela iSabatha, kuba abantu balungiselela ukutya baze benze nezinye izinto ezingenakulinda iSabatha igqithe. Ukutshona kwelanga kuza kuqalisa iiSabatha ezimbini, okanye iSabatha “ekhethekileyo.” (Yohane 19:31) Kaloku uNisan 15 iza kuba lusuku lokuqala lweTheko Lezonka Ezingenagwele, elithatha iintsuku ezisixhenxe. Usuku lokuqala lweli theko lusoloko lusiba ngeSabatha. (Levitikus 23:5, 6) Kodwa ngoku, usuku lokuqala lweli theko ludibana ngqo nosuku lwesixhenxe obeluhleli luyiSabatha kakade.

Ngenxa yaloo nto amaYuda athi kuPilato, uYesu nootsotsi ababini mabakhawuleze babulawe. Iza kwenziwa njani le nto? Baza kophulwa imilenze. Loo nto iza kwenza bangakwazi ukusebenzisa imilenze yabo ukuze banyuse imizimba yabo kuba befuna ukuphefumla. Amajoni ayeza, aze ophule imilenze yootsotsi ababini. Kodwa yena uYesu kubonakala ukuba seswelekile, ngenxa yaloo nto abayophuli eyakhe imilenze. Kwenzeka into eyayithethwe kwiNdumiso 34:20, ethi: “Ugada onke amathambo alo; akukho nalinye elaphuliweyo.”

Ukuze elinye ijoni liqiniseke ukuba nyhani uYesu ufile, limhlaba ngomkhonto ngasentliziyweni. ‘Ngoko nangoko kuphuma igazi namanzi.’ (Yohane 19:34) Nangoku kwenzeka into eyayithethwe sesinye isibhalo esithi: “Baza kujonga kulowo bamhlabileyo.”​—Zekariya 12:10.

UYosefu ‘osisityebi’ waseArimathiya, nolilungu leNkundla Ephakamileyo YamaYuda, naye ukhona apha. (Mateyu 27:57) Uchazwa ‘njengendoda elungileyo, elilungisa nelinde uBukumkani bukaThixo.’ Enye into, ‘ungumfundi kaYesu, kodwa uyayifihla loo nto kuba esoyika amaYuda,’ ibe zange asixhase isigqibo senkundla ngoYesu. (Luka 23:50; Marko 15:43; Yohane 19:38) UYosefu uqweba isibindi aze acele umzimba kaYesu kuPilato. UPilato ubiza igosa lomkhosi eliphetheyo lize lona limqinisekise ukuba uYesu ufile. Emva koko uPilato uyasivuma isicelo sikaYosefu.

UYosefu uthenga ilinen ecocekileyo yodidi aze othule umzimba kaYesu esibondeni. Uyawubhijela aze awulungiselele ukungcwatywa. UNikodemo, ‘obekhe weza kuYesu ebusuku,’ naye uyancedisa. (Yohane 19:39) Uphethe umxube wemore nekhala omalunga neekhilogram eziyi-30. Umzimba kaYesu ubhijelwa ngamalaphu anezi ziqholo, ngokwesiko lamaYuda lokungcwaba.

UYosefu unengcwaba elombiwe eliweni nelingazange lasetyenziswa, ibe uwubeka kulo umzimba kaYesu. Emva koko, kuqengqwa ilitye elikhulu lize livale ingcwaba. Yonke le nto ikhawuleza yenziwe ingekaqali iSabatha. UMariya Magadala noMariya umama kaYakobi Omncinci, kusenokwenzeka ukuba nabo bebencedisa xa bekulungiswa umzimba kaYesu. Ngoku bakhawuleza bagoduke “ukuze balungise izinto zokuqhola umzimba neeoli ezinuka kamnandi” abaza kuzisebenzisa emva kweSabatha.​—Luka 23:56.

Ngosuku olulandelayo, ngeSabatha, ababingeleli abaziintloko nabaFarisi baya kuPilato baze bathi: “Siye sakhumbula ukuba elaa xoki lathi ngoxa lalisaphila, ‘Ndiza kuvuswa emva kweentsuku ezintathu.’ Ngoko ke, yithi makukhuselwe elaa ngcwaba de kube lusuku lwesithathu, ukuze abafundi bakhe bangawubi umzimba wakhe, baze bathi ebantwini, ‘Uvusiwe ekufeni!’ Obo buxoki bungaba bubi ukogqitha obuya bokuqala.” UPilato uthi kubo: “Ningababeka oonogada. Hambani niyokulikhusela ngokokubona kwenu.”​—Mateyu 27:63-65.

Ekuseni ngeCawa, uMariya Magadala, noMariya umama kaYakobi, nabanye abafazi, beza kwingcwaba likaYesu bephethe iziqholo ukuze bathambise umzimba wakhe. Bathi: “Siza kuliqengqelwa ngubani ilitye lisuke kumnyango wengcwaba?” (Marko 16:3) Kodwa kuye kwakho inyikima. Kwakhona ingelosi kaThixo iye yaliqengqa ilitye lasuka, onoogada abasekho, ibe umzimba awukho engcwabeni.