Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 134

UYesu Uyaphila!

UYesu Uyaphila!

MATEYU 28:3-15 MARKO 16:5-8 LUKA 24:4-12 YOHANE 20:2-18

  • UYESU UVUSIWE

  • IZINTO EZENZEKA ENGCWABENI LIKAYESU

  • UBONAKALA KUBAFAZI ABALIQELA

Bothuka nyhani abafazi xa befika kungekho mntu engcwabeni. UMariya Magadala uyabaleka aye “kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo uYesu wayemthanda,” umpostile uYohane. (Yohane 20:2) Kodwa abanye abafazi babona ingelosi apha engcwabeni. Ibe kukho enye ingelosi ngaphakathi engcwabeni “enxibe umwunduzo omhlophe.”​—Marko 16:5.

Enye yezi ngelosi ithi kubo: “Sanukoyika, kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe esibondeni. Akekho apha, uvusiwe, njengokuba wayetshilo. Yizani, nizokubona indawo ebelele kuyo. Khawulezani niyokuxelela abafundi bakhe ukuba uvusiwe ekufeni. Sele ephambili, uya eGalili.” (Mateyu 28:5-7) Aba bafazi bayabaleka bayokuxelela abafundi “bengcangcazela kukothuka.”​—Marko 16:8.

Ngoku uMariya semfumene uPetros noYohane. Ekhefuzela uthi: “Bayikhuphile iNkosi engcwabeni, ibe asazi apho bayibeke khona.” (Yohane 20:2) UPetros noYohane nabo bayabaleka baye. UYohane uyamshiya uPetros aze afike kuqala. Uyakroba aze abone amalaphu kodwa angangeni.

UPetros yena ufika angene ngaphakathi. Ubona amalaphu neli uYesu ebebotshwe ngalo intloko. NoYohane ngoku uyangena aze ayikholelwe le nto ibithethwa nguMariya. Nangona uYesu ebethethile nabo, bobabini abakayiqondi ukuba uvusiwe. (Mateyu 16:21) Bayagoduka bebhidekile. Kodwa uMariya obuyele apha engcwabeni uyashiyeka angahambi.

Nabanye abafazi basendleleni eyokuxelela abafundi ukuba uYesu uvusiwe. Bathi besaleqa, uYesu eze kubo aze athi: “Molweni!” “Baqubuda kuye.” UYesu uthi: “Sanukoyika! Hambani niyokuxelela abazalwana bam ukuba baye eGalili, baza kudibana nam apho.”​—Mateyu 28:9, 10.

Ngaphambi kokuba kurhatyele kuye kwakho inyikima kwaza kwabonakala iingelosi. Amajoni agade ingcwaba aye ‘oyika kangangokuba awakwazi nokushukuma, oku kwabantu abafileyo.’ Athe akuqabuka aya esixekweni ‘ayokuchazela ababingeleli abaziintloko yonke into eyenzekileyo.’ Aba babingeleli bayokuthetha nabadala bamaYuda. Bagqiba ekubeni banyobe la majoni ukuba ayifihle le nto aze athi: “Abafundi bakhe beze ebusuku bafika bamba silele.”​—Mateyu 28:4, 11, 13.

Amajoni anokubulawa ukuba alala emsebenzini, ngenxa yaloo nto ababingeleli bawathembisa bathi: “Ukuba le nto [yabo yokuxoka bathi bebelele] iye yafika ezindlebeni zomlawuli, siza kumcacisela ukuba kwenzeke ntoni, sanukuba naxhala.” (Mateyu 28:14) La majoni ayayithatha le mali anyotywa ngayo ngababingeleli aze enze le nto bayithethayo. Ngenxa yaloo nto ubuxoki bawo bokuba umzimba kaYesu uye wabiwa, buthi saa phakathi kwamaYuda.

UMariya Magadala usesengcwabeni ibe ukhathazekile. Ukroba ngaphakathi aze abone iingelosi ezimbini zinxibe izinto ezimhlophe. Enye ihleli ngasentla kwale ndawo umzimba kaYesu ubukuyo enye ngasezantsi. Ziyambuza zithi: “Ulilelani?” UMariya uphendula athi: “Bayithathile iNkosi yam, ibe andazi ukuba bayibeke phi.” Uthi xa eguquka, abone omnye umntu. Naye lo mntu uphinda abuze la mbuzo ububuzwa ziingelosi aze aphinde athi: “Ukhangela bani?” UMariya ucinga ukuba ngumntu osebenza kulo myezo lo, aze athi kuye: “Mhlekazi, ukuba umthathile, ndicela undixelele ukuba umbeke phi, ndifuna ukuyokumthatha.”​—Yohane 20:13-15.

Lo mntu uMariya athetha naye nguYesu ovusiweyo qha akaqondi ukuba nguye. Kodwa xa lo mntu esithi, “Mariya!” uyaqonda ukuba nguYesu kuba esiva indlela aqhele ukumbiza ngayo. Uyavuya aze athi: “Rabhoni!” (oko kukuthi “Mfundisi!”). Kodwa kuba esoyika ukuba uza kunyukela ezulwini uyambamba. Ngenxa yaloo nto uYesu uthi kuye: “Sukubambelela kum, kuba andikayi kuTata. Hamba uye kubantakwethu, uthi kubo, ‘Ndiya kuTata wam okwanguTata wenu, kuThixo wam okwanguThixo wenu.’”​—Yohane 20:16, 17.

UMariya ubaleka aye kwindawo abadibanele kuyo abafundi nabapostile. Uthi kubo: “Ndiyibonile iNkosi!” aze ababalisele esongeza kwinto ibithethwe ngabanye abafazi. (Yohane 20:18) Kodwa kubapostile nabafundi ‘ingathi aba bafazi bathetha into engekhoyo.’​—Luka 24:11.