Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 136

Kunxweme LoLwandle LwaseGalili

Kunxweme LoLwandle LwaseGalili

YOHANE 21:1-25

  • UYESU UBONAKALA KULWANDLE LWASEGALILI

  • UPETROS NABANYE KUFUNEKA BONDLE IZIMVU

Ngobusuku bokugqibela ekunye nabapostile, uYesu ebethe kubo: “Emva kokuba ndivusiwe, ndiza kuhamba kuqala kunani ndiye eGalili.” (Mateyu 26:32; 28:7, 10) Ngoku abaninzi kubalandeli bakhe baya apho, kodwa kufuneka benze ntoni eGalili?

UPetros ukhe wathi kwabanye abapostile: “Ndisayokuloba.” Bonke bathi: “Siza kuhamba nawe.” (Yohane 21:3) Khange babambise nto ubusuku bonke. Kuthi xa kusisa uYesu abonakale elwandle kodwa abaqondi ukuba nguye. Uyakhwaza athi kubo: “Bahlobo bam, ninako na ukutya?” Bathi: “Hayi!” Uthi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhephe, ikhona into eniza kuyifumana.” (Yohane 21:5, 6) Babambisa iintlanzi ezininzi kakhulu bade bangakwazi nokuwubuyisa umnatha.

UYohane uthi kuPetros: “YiNkosi!” (Yohane 21:7) UPetros ukhawuleza anxibe isambatho sakhe sangaphezulu kuba ebengasinxibanga ngoku ebeloba. Uziphosa elwandle aze aqubhe iimitha ezimalunga ne-90 ukuyokutsho elunxwemeni. Abanye abakwisikhephe bayalandela bethe chu berhuqa umnatha ogcwele ziintlanzi.

Bafika elunxwemeni babone “umlilo wamalahle, kubekwe kuwo iintlanzi kukho nesonka.” UYesu uthi kubo: “Khanize neentlanzi, kwezi nisanda kuzibambisa.” UPetros utsala umnatha oneentlanzi ezinkulu eziyi-153. UYesu uthi kubo: “Yizani nizokutya.” Akukho nomnye kubo onesibindi sokubuza athi, “Ungubani?” kuba bonke bayabona ukuba nguYesu. (Yohane 21:10-12) Kokwesithathu ngoku uYesu ebonakala kubo bedibene.

Ubanika bonke isonka nentlanzi. Mhlawumbi ejonge kwezi ntlanzi bazibambisileyo, uyabuza athi: “Simon nyana kaYohane, undithanda ngaphezu kwezi na?” Ngaba uPetros uthanda ishishini lakhe lokuloba ngaphezu komsebenzi uYesu afuna awenze? UPetros uyamphendula athi: “Ewe Nkosi, uyazi ukuba ndikuthanda kakhulu.” UYesu uthi kuye: “Yondla amatakane am.”​—Yohane 21:15.

Uphinda ambuze athi: “Simon nyana kaYohane, uyandithanda na?” Mhlawumbi uPetros uyabhideka aze athi: “Ewe Nkosi, uyazi ukuba ndikuthanda kakhulu.” UYesu uphinda athethe la nto ebeyithethile, uthi: “Yalusa amatakane am.”​—Yohane 21:16.

Uphinda abuze okwesithathu athi: “Simon nyana kaYohane, uyandithanda na?” UPetros inoba ngoku ucinga ukuba uYesu akaqinisekanga ngokungagungqi kwakhe. Utsho eqinisekile, athi: “Nkosi, wena wazi yonke into; uyazi ukuba ndikuthanda kakhulu.” UYesu uphinda achaze into ekufuneka uPetros eyenzile uthi: “Yondla amatakane am.” (Yohane 21:17) Abo bakhokelayo kufuneka bafundise abo batsalwe baziswa kwisibaya sikaThixo.

UYesu ebebotshiwe waza wabulawa kuba ebesenza umsebenzi ebewuthunywe nguThixo. Ngoku uthi kuza kwenzeka into efanayo nakuPetros. Uthi: “Xa wawusemncinci wawuzinxibisa, uye apho uthanda ukuya khona. Kodwa xa umdala, uza kolula izandla zakho, unxityiswe ngomnye umntu, aze akuse apho ungafuni kuya khona.” Nangona kunjalo uYesu uthi: “Qhubeka undilandela.”​—Yohane 21:18, 19.

UPetros ubona umpostile uYohane aze abuze athi: “Nkosi, kuza kwenzeka ntoni kule yona indoda?” Lithini ikamva lompostile othandwayo nguYesu. UYesu uyamphendula athi: “Ukuba ndifuna ahlale ephila de ndibuye, ikuhlupha ngantoni wena loo nto?” (Yohane 21:21-23) UPetros kufuneka alandele uYesu angazihluphi ngezinto ezenziwa ngabanye abantu. Kodwa le nto ithethwa nguYesu iphinda ibonise ukuba uYohane uza kuba ngumpostile wokugqibela ukufa, ibe uza kunikwa nombono kaYesu elawula kuBukumkani.

Zikhona nezinye izinto uYesu azenzileyo, qha bezingenakwanela zonke kwimisongo.