Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 138

UKristu Ngasekunene KukaThixo

UKristu Ngasekunene KukaThixo

IZENZO 7:56

  • UYESU UHLALA NGASEKUNENE KUKATHIXO

  • USAWULE UBA NGUMFUNDI

  • SINESIZATHU SOKUVUYA

Emva kweentsuku ezilishumi uYesu enyukele ezulwini, kwehla umoya oyingcwele ngePentekoste owaba bubungqina bokuba nyhani usezulwini. Bukhona nobunye obungqina obavelayo bokuba usezulwini. Ngaphambi nje kokuba uStefano abethwe ngamatye ngenxa yokushumayela kwakhe ngokuthembeka, wathi: “Jongani! Ndibona amazulu evulekile noNyana womntu emi ngasekunene kukaThixo.”​—IZenzo 7:56.

UYesu wayekunye noTata wakhe ezulwini kodwa kwakusafuneka elinde omnye umyalelo ekwathethwa ngawo kwangaphambili kwiLizwi LikaThixo. UDavide waphefumlelwa ukuba athi: “UYehova wathi eNkosini yam [uYesu]: ‘Hlala ngasekunene kwam de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho.’” Xa liphelile eli xesha kwakufuneka elilindile, wayeza kuhamba ‘aye kwiintshaba zakhe azoyise.’ (INdumiso 110:1, 2) Kodwa uYesu wayeza kukhabe esithini lo mzuzu elinde ixesha lokoyisa iintshaba zakhe?

NgePentekoste ka-33 C.E., kwabakho ibandla lamaKristu. UYesu waqalisa ukulawula abafundi bakhe abathanjiswe ngomoya esezulwini. (Kolose 1:13) Wabakhokela kumsebenzi wabo wokushumayela waza wabalungiselela umsebenzi abaza kuwenza kwixesha elizayo. Ngowuphi loo msebenzi? Abo baye bathembeka bade bafa, ekugqibeleni baza kuvuswa baze babe ngookumkani kunye noYesu eBukumkanini.

Omnye umzekelo womntu oza kulawula kwixesha elizayo nguSawule, owaziwa ngegama lakhe lesiRoma elinguPawulos. WayengumYuda owayewuthanda kwakudala uMthetho KaThixo, kodwa elahlekiswe ziinkokheli zenkonzo yamaYuda, wade wavumela nokubulawa kukaStefano. ‘Egrogrisa abafundi beNkosi yaye efuna ukubabulala,’ uSawule waya eDamasko. Wayevunyelwe nguMbingeleli Omkhulu uKayafa ukubamba abafundi bakaYesu aze eze nabo eYerusalem. (IZenzo 7:58; 9:1) Kodwa wathi esesendleleni eyayo wavele waphandlwa kukukhanya okuqaqambileyo waza wawa.

Kwathetha ilizwi elivela ezulwini, lathi: “Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje?” USawule wabuza wathi: “Ungubani na, Nkosi?” Lathi ilizwi: “NdinguYesu, lo umtshutshisayo.”​—IZenzo 9:4, 5.

UYesu waxelela uSawule ukuba makangene eDamasko aze alinde ukufumana eminye imiyalelo, kodwa kwafuneka abanjwe aze asiwe ngabantu kuba wavela akabona. Komnye umbono uYesu wavela kuAnaniyas, omnye wabafundi bakhe ohlala eDamasko. Wamxelela indawo amele aye kuyo ukuze adibane noSawule. UAnaniyas wayengaqinisekanga ngale nto kodwa uYesu wamqinisekisa wathi: “Le ndoda yiyo endiyikhethileyo ukuba yazise igama lam kwiintlanga, kookumkani nakoonyana bakaSirayeli.” USawule wancedwa waphinda wabona waza ‘waqalisa ukushumayela ngoYesu, esithi lo nguNyana kaThixo.’​—IZenzo 9: 15, 20.

Bencedwa nguYesu, uPawulos kunye nabanye abashumayeli baqhubeka nomsebenzi wokushumayela owaqalwa nguYesu. UThixo wabanceda baphumelela kulo msebenzi. Emva kweminyaka emalunga ne-25 uYesu ebonakele kuye endleleni eya eDamasko, uPawulos wabhala wathi iindaba ezilungileyo ‘zishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’​—Kolose 1:23.

Emva kweminye iminyaka, uYesu wabonisa uYohane imibono efumaneka eBhayibhileni kwincwadi yeSityhilelo. Ngale mibono, singathi uYohane wahlala ephila waza wambona uYesu ebuya kwaye elawula kuBukumkani. (Yohane 21:22) ‘Umoya oyingcwele wamnceda uYohane wabona izinto ezaziza kwenzeka ngemini yeNkosi.’ (ISityhilelo 1:10) Yayiza kuba nini loo mini?

Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba ‘imini yenkosi’ yaqala ngo-1914. Ngaloo nyaka kwaqala imfazwe yehlabathi yokuqala. Kumakhulu eminyaka eyalandelayo kuye kwakho iimfazwe, izifo, indlala, iinyikima, nezinye izinto ezibonisa ukuba kwenzeka ‘into’ awayethe uYesu baza kubona ngayo abapostile bakhe ‘xa ekho’ naxa kuza “kupheliswa ihlabathi.” (Mateyu 24:3, 7, 8, 14) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani azishunyayelwa nje kwiindawo ezilawulwa ngamaRoma, kodwa emhlabeni wonke.

UYohane waphefumlelwa ukuba achaze ukuba ithetha ntoni le nto. Wathi: “Ngoku lufikile usindiso namandla nobukumkani bukaThixo wethu negunya likaKristu wakhe.” (ISityhilelo 12:10) UBukumkani BukaThixo obusezulwini uYesu awayesoloko ethetha ngabo, buyinto ekhoyo.

Ezi zindaba ezimnandi kubo bonke abafundi bakaYesu abangagungqiyo. Banokuhlala bewakhumbula amazwi kaYohane athi: “Ngoko vuyani nina mazulu nani nihlala kuwo! Usengxakini ke wena mhlaba nawe lwandle, kuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo kakhulu, kuba uyazi ukuba ixesha analo lifutshane.”​—ISityhilelo 12:12.

Ngenxa yaloo nto uYesu akasahlelanga ekunene kukaTata wakhe. Uyalawula njengoKumkani ibe seza kutshabalalisa iintshaba zakhe. (Hebhere 10:12, 13) Ziintoni izinto ezivuyisayo esiza kuzifumana?