Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 139

UYesu Ubuyisa IParadesi

UYesu Ubuyisa IParadesi

1 KORINTE 15:24-28

  • INTO EZA KWENZEKA KWIIGUSHA NEEBHOKHWE

  • ABANTU ABANINZI BAZA KONWABA KWIPARADESI ESEMHLABENI

  • UYESU UBONISA UKUBA NGUYE INDLELA, INYANISO NOBOMI

Ngokukhawuleza emva kokuba uYesu ebhaptiziwe wadibana notshaba olwaluzimisele ukumyekisa engekaqali ukushumayela. UMtyholi wazama kaninzi ukumvavanya. Ekuhambeni kwexesha uYesu wathi ngaye: “Uyeza umlawuli weli hlabathi, ibe akukho nto anokundibamba ngayo.”​—Yohane 14:30.

Umpostile uYohane wabona embonweni into eyayiza kwenzeka ‘kwinamba enkulu, inyoka yakudala, le ibizwa ngokuba nguMtyholi, uSathana.’ Olu tshaba lwabantu olwagxothwa ezulwini, ‘lunomsindo kakhulu, kuba luyazi ukuba ixesha lalo lifutshane.’ (ISityhilelo 12:9, 12) AmaKristu anezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba aphila kwelo ‘xesha lifutshane’ ibe akuzokuba kudala ‘inamba enkulu, inyoka yakudala,’ iphoswe emngxunyeni ongenasiphelo iminyaka eyi-1 000, abe yena uYesu elawula kuBukumkani BukaThixo.​—ISityhilelo 20:1, 2.

Ngelo xesha kuza kwenzeka ntoni kwikhaya lethu elingumhlaba? Kuza kuphila bani kuwo ibe kuza kube kunjani? UYesu wasinika iimpendulo zale mibuzo. Kumzekelo wakhe weegusha neebhokhwe, wasixelela ukuba kuza kwenzeka ntoni kwixesha elizayo kumalungisa afana neegusha, asebenzisana nabazalwana bakaYesu aze abancede. Wacacisa nento eza kwenzeka kubantu abangazenziyo ezi zinto, abo bafana neebhokhwe. Wathi: “Aba [iibhokhwe] baza kufa ngonaphakade, kodwa wona amalungisa [iigusha] aza kufumana ubomi obungunaphakade.”​—Mateyu 25:46.

Le nto isinceda siqonde amazwi awawathetha kutsotsi owayebethelelwe ecaleni kwakhe. UYesu akazange amthembise into awayeyithembise abapostile abathembekileyo, yokuba baza kuba kuBukumkani basezulwini. Endaweni yaloo nto wathi kulo moni uguqukileyo: “Ndiyakuthembisa namhlanje, uza kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Ngoko wafumana ithemba lokuphila eParadesi, eyigadi entle efana nepaki. Kuyacaca ke ukuba nabo bafana neegusha namhlanje abaza kufumana “ubomi obungunaphakade” baza kuba kuloo Paradesi.

Le nto iyadibana nento eyathethwa ngumpostile uYohane ngezinto eziza kwenzeka apha emhlabeni. Wathi: “Jonga! Intente kaThixo iphakathi kwabantu. Uza kuhlala nabo, babe ngabantu bakhe, yaye uThixo uza kuba kunye nabo. Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”​—ISityhilelo 21:3, 4.

Ukuze la tsotsi akwazi ukuphila ubomi obumnandi kuloo Paradesi, kuza kufuneka kuqala avuswe ekufeni. Ayinguye yedwa oza kuvuswa. UYesu wayenza yacaca le nto xa wathi: “Kuza ixesha apho bonke abasemangcwabeni beza kuliva ilizwi lakhe, baze bavuke. Abo benza izinto ezilungileyo baza kuvukela ebomini, baze abo benza izinto ezimbi, bavukele ukugwetywa.”​—Yohane 5:28, 29.

Kuza kwenzeka ntoni kubapostile abathembekileyo nenani eliqingqiweyo labantu abaza kuphila ezulwini? IBhayibhile ithi: “Baza kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eyi-1 000.” (ISityhilelo 20:6) Aba baza kulawula noYesu iza kuba ngamadoda nabafazi ebebephila apha emhlabeni. Ngenxa yaloo nto, xa belawula besezulwini baza kubalawula ngobubele nokuqonda abo baza kube besemhlabeni.​—ISityhilelo 5:10.

Ekubeni uYesu wasifela, uza kusebenzisa loo nto kubantu abasemhlabeni ukuze aphelise isono esasifumana njengelifa. Yena kunye nabo aza kulawula nabo, baza kunceda abantu abasemhlabeni ukuba baye befezeka kancinci kancinci. Emva koko, abantu baza kuphila ubomi obumnandi uThixo awayefuna babuphile kwasekuqaleni xa wathi uAdam noEva mabaqhame bande bazalise umhlaba. Nokufa oku kwavela ngenxa yokona kuka-Adam kuza kuphela.

Ngalo ndlela uYesu uza kube uwenze wonke umsebenzi uYehova amthume wona. Ekupheleni kweminyaka eyi-1000, uza buyisela uBukumkani nabantu abafezekileyo kuTata wakhe. Xa umpostile uPawulos wayethetha ngendlela athobeke ngayo uYesu, wathi: “Emva kokuba uThixo ezibeke phantsi kwegunya loNyana zonke izinto, noNyana uza kuzithoba kuThixo owazibeka phantsi kwegunya lakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubantu bonke.”​—1 Korinte 15:28.

Kuyacaca ukuba uYesu uyancedisa ekuqinisekiseni ukuba ukuthanda kukaThixo kuyenzeka. Njengoko ukuthanda kukaThixo kuza kuqhubeka kusenzeka kude kube ngunaphakade, aza kuhlala eyinyani amazwi kaYesu athi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi.”​—Yohane 14:6.