Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 70

UYesu Uphilisa Indoda Eyazalwa Ingaboni

UYesu Uphilisa Indoda Eyazalwa Ingaboni

YOHANE 9:1-18

  • UMNTU ONGABONIYO OCELA IZINTO EBANTWINI UYAPHILISWA

Ngoku kungeSabatha ibe uYesu useseYerusalem. Yena nabafundi bakhe babona umntu owazalwa engaboni ibe ucela izinto ebantwini. Abafundi bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mntu wazalwa engaboni kuba kona yena na okanye abazali bakhe?”​—Yohane 9:2.

Abafundi bayazibuza ukuba kungenzeka na umntu one esesesibelekweni sikamama wakhe. UYesu uyabaphendula athi: “Lo mntu akonanga, nabazali bakhe abonanga, kodwa ukungaboni kwakhe kuvule ithuba lokuba imisebenzi kaThixo ibonakale ngaye.” (Yohane 9:3) Ngoko le ndoda okanye abazali bayo abanatyala okanye abenzanga sono esenza le ndoda ingaboni. Kodwa ke ngenxa yesono sika-Adam, bonke abantu bazalwa bengafezekanga ibe banokuba neengxaki ezifana nokungaboni. Kodwa kuba le ndoda ingaboni, loo nto inika uYesu ithuba lokubonakalisa imisebenzi kaThixo, njengokuba eqhele ukwenza njalo xa ephilisa abantu abagulayo.

Uchaza indlela ekungxamiseke ngayo ukwenza le misebenzi. Uthi: “Simele siyenze ngoku kusesemini imisebenzi yaLowo undithumileyo, kuba ubusuku buyeza, apho kungazukubakho mntu ukwaziyo ukusebenza. Ndikukukhanya kwehlabathi, ngoku ndiselapha emhlabeni.” (Yohane 9:4, 5) UYesu sele eza kufa ibe ukungena kwakhe engcwabeni akukho nto aza kukwazi ukuyenza. Kodwa okwangoku ukukukhanya kwehlabathi.

Uza kukwazi ke ukuyiphilisa le ndoda? Ukuba uza kukwazi, uza kuyenza njani le nto? Utshica emhlabeni aze enze udaka ngamathe. Uluqaba emehlweni ale ndoda aze athi kuyo: “Hamba uyokuhlamba kwidama ekuthiwa yiSilowam.” (Yohane 9:7) Le ndoda iyathobela. Iyaya edamini ize ibone. Unokuyicinga indlela evuya ngayo xa ibona okokuqala ebomini bayo.

Abamelwane nabanye abantu ebebeyazi iyimfama le ndoda bayothuka. Bathi: “Andithi lo ngulaa mntu ebeqhele ukucela izinto ebantwini?” Abanye bathi: “Nguye lo.” Kodwa abanye abayikholelwa le nto, bathi: “Hayi, ngumntu nje ofana naye.” Le ndoda iyaziphendulela ngokwayo ithi: “Ndinguye.”​—Yohane 9:8, 9.

Emva koko bayayibuza, bathi: “Avuleke njani ke amehlo akho?” Ithi yona: “La ndoda kuthiwa nguYesu yenze udaka, yandiqaba emehlweni, yathi kum, ‘Hamba uyokuhlamba eSilowam.’ Ndaya ke, ndahlamba, ndatsho ndabona.” Baphinda babuze bathi: “Iphi loo ndoda?” Ithi yona: “Andazi.” ​—Yohane 9:10-12.

Abantu bayisa kubaFarisi ibe nabo bafuna ukwazi ukuba avuleke njani amehlo ayo. Le ndoda ithi kubo: “Uye waqaba udaka emehlweni am, ndaluhlamba ndaza ndabona.” Ngokuqhelekileyo bekumele ukuba abaFarisi bayavuyisana nale ndoda, kuba ibicela izinto ebantwini kodwa ngoku iphilisiwe. Endaweni yokuba bavuyisane nayo, bagxeka uYesu. Bathi: “Akunakwenzeka ukuba lo mntu usuka kuThixo, kuba akawuthobeli umthetho weSabatha.” Kodwa bona abanye bathi: “Kungenzeka njani ukuba umoni enze imimangaliso enje?” (Yohane 9:15, 16) Bathetha izinto ezohlukeneyo.

Ngenxa yokuba bethetha izinto ezingafaniyo, babuza kule ndoda ibingaboni bathi: “Uthini ngaye wena, kuba nguwe ovulwe amehlo?” Le ndoda ayimthandabuzi uYesu, iphendula ithi: “Ungumprofeti.”​—Yohane 9:17.

AmaYuda awafuni nokuyiva le nto. Acinga ukuba likhona iqhinga uYesu alenzileyo nale ndoda. Ngenxa yaloo nto ukuze alungise le ngxaki afuna ukubuza abazali bale ndoda ukuba yazalwa ingaboni nyhani na.