Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 4

Ngubani UYesu Kristu?

Ngubani UYesu Kristu?

1, 2. (a) Xa usazi igama lo mntu odumileyo, ngaba loo nto ithetha ukuba uyamazi? Cacisa. (b) Bathini abantu ngoYesu?

BANINZI abantu abadumileyo emhlabeni. Mhlawumbi ukhona olaziyo igama lakhe. Kodwa ukwazi nje gama lakhe akuthethi kuthi uyamazi. Akuthethi ukuba wazi yonke into ngaye nokuba ungumntu onjani.

2 UYesu Kristu wakhe waphila apha emhlabeni kwiminyaka emalunga neyi-2 000 eyadlulayo, mhlawumbi nawe ukhe weva ngaye. Kodwa abantu abaninzi abayazi ukuba wayengumntu onjani. Abanye bathi wayengumntu olungileyo, abanye bathi wayengumprofeti kanti abanye bathi nguThixo. Uthini wena?​—Funda iSihlomelo 12.

3. Kutheni kubalulekile ukuba umazi kakuhle uYehova uThixo noYesu Kristu?

3 Kubalulekile ukuba umazi kakuhle uYesu. Ngoba? IBhayibhile ithi: “Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade, kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene, nalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ukuba umazi kakuhle uYehova noYesu, ungaphila ngonaphakade emhlabeni. (Yohane 14:6) Nantsi enye into, xa umazi kakuhle uYesu, uza kufunda indlela yokuphila neyokubathanda abanye njengaye. (Yohane 13:34, 35) KwiSahluko 1 sale ncwadi sifunde ngoThixo. Ngoku siza kubona ukuba iBhayibhile isifundisa ntoni ngoYesu.

SIMFUMENE UMESIYA!

4. Igama elithi “Mesiya” nelithi “Kristu” lithetha ukuthini?

4 Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba azalwe uYesu, eBhayibhileni uYehova wathembisa ukuba uza kuthumela uMesiya okanye uKristu. Igama elithi “Mesiya” lisuka kwisiHebhere. Elithi “Kristu” lisuka kwisiGrike. Omabini la magama athetha “okhethiweyo.” UYesu unguMesiya, okanye uKristu, kuba uThixo umkhethile ukuze enze umsebenzi obalulekileyo. Ngenxa kaYesu, zonke izinto uThixo azithembisileyo ziza kwenzeka. Kodwa ngaphambi kokuba uYesu azalwe, abantu babezibuza ukuba, ‘Ngubani oza kuba nguMesiya?’

5. Ngaba abafundi bakaYesu babeqinisekile ukuba unguMesiya?

5 Abafundi bakaYesu babeqinisekile ukuba unguMesiya othenjisiweyo. (Yohane 1:41) Ngokomzekelo, uSimon Petros wathi kuYesu: “UnguKristu.” (Mateyu 16:16) Thina, kutheni siqinisekile ukuba uYesu unguMesiya?

6. UYehova ubancede njani abantu abafuna nyhani ukumazi uMesiya?

6 Ngaphambi kokuba uYesu azalwe, abaprofeti bakaThixo babhala izinto ezaziza kunceda abantu bambone uMesiya. Zaziza kubanceda njani? Masenze umzekelo, masithi ucelwe ukuba uyokulanda umntu ongazange wambona esitishini sebhasi. Ukuba uchazelwe kakuhle izinto eziza kukunceda umbone, soze ungamboni. Ngendlela efanayo, uYehova wasebenzisa abaprofeti bakhe ukuze asichazele izinto uMesiya awayeza kuzenza, nezaziza kwenzeka kuye. Ukwenzeka kweziprofeto ezithetha ngoMesiya kunceda abantu abafuna nyhani ukumazi uYesu baqonde ukuba unguMesiya.

7. Zeziphi iziprofeto ezibini ezisiqinisekisayo ukuba uYesu unguMesiya?

7 Nazi ezibini kwezi ziprofeto. Esokuqala, kwiminyaka eyi-700 ngaphambi kokuba uYesu azalwe, uMika waprofeta wathi uMesiya uza kuzalelwa kwidolophu encinci yaseBhetelehem. (Mika 5:2) Nyhani ke, uYesu wazalelwa eBhetelehem. (Mateyu 2:1, 3-9) Esesibini, uDaniyeli waprofeta wathi uMesiya uza kubonwa ngo-29 C.E. (Daniyeli 9:25) Zikhona nezinye iziprofeto ezininzi ezibonisa ukuba uYesu unguMesiya othenjisiweyo.—Funda iSihlomelo 13.

Ekubhaptizweni kwakhe, uYesu waba nguMesiya, okanye uKristu

8, 9. Xa uYesu wayebhaptizwa, yintoni eyenzekayo esenza siqiniseke ukuba unguMesiya?

8 Ikhona enye into esenza siqiniseke ukuba uYesu unguMesiya. UYehova waxelela uYohane umBhaptizi kwangaphambili ukuba ‘umoya uza kwehla uhlale phezu kwakhe’ uMesiya. (Yohane 1:33) Kwenzeka ntoni xa uYesu waya kuYohane umBhaptizi ukuze ambhaptize kuMlambo iYordan ngo-29 C.E.? IBhayibhile ithi: “Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, waphuma emanzini; amazulu avuleka, waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe phezu kwakhe. Kwavakala ilizwi livela emazulwini lisithi: ‘Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.’” (Mateyu 3:16, 17) Xa kwenzeka le nto, uYohane waqonda ukuba uYesu unguMesiya. (Yohane 1:32-34) Ngalo mini, xa uYesu wafumana umoya ovela kuYehova waba nguMesiya. UYehova wakhetha yena ukuze abe yiNkokheli noKumkani.​—Isaya 55:4.

9 Iziprofeto zeBhayibhile, amazwi awathethwa nguYehova nokufumana kukaYesu umoya ovela kuYehova, zonke ezi zinto zibonisa ukuba uYesu unguMesiya. Kodwa wayevela phi uYesu ibe wayengumntu onjani? IBhayibhile iza kusiphendulela.

WAYEVELA PHI UYESU?

10. Ithini iBhayibhile ngobomi bukaYesu ngaphambi kokuba eze emhlabeni?

10 IBhayibhile ifundisa ukuba kwakudala ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, wayephila ezulwini. UMika wathi imvelaphi kaMesiya “isuka kumaxesha akudala.” (Mika 5:2) NoYesu watsho ngokwakhe ukuba ngaphambi kokuba azokuphila emhlabeni, wayephila ezulwini. (Funda uYohane 3:13; 6:38, 62; 17:4, 5.) Kwangaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, wayenobuhlobo obukhethekileyo noYehova.

11. Kutheni uYehova emthanda kangaka uYesu?

11 UYehova umthanda nyhani uYesu. Kutheni? Kaloku uYehova wadala yena kuqala ngaphambi kokuba adale ezinye izinto. IBhayibhile ithi, “kwaqala kwadalwa yena kuyo yonke indalo.” * (Kolose 1:15) Enye into ebangela ukuba uYehova amthande kangaka uYesu, kukuba wamdala ngokwakhe engancediswa. Yiyo loo nto kusithiwa ‘nguNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo.’ (Yohane 3:16) UYehova wasebenzisa uYesu ukuze adale zonke ezinye izinto. (Kolose 1:16) NguYesu yedwa obizwa ngokuba nguLizwi, kuba uYehova wasebenzisa yena ukuze achazele abantu neengelosi imiyalelo yakhe.​—Yohane 1:14.

12. Sazi njani ukuba uYesu akangoThixo?

12 Abanye abantu bathi uYesu nguThixo. Kodwa iBhayibhile ayifundisi loo nto. Ithi uYesu wadalwa. Loo nto ithetha ukuba unesiqalo. Kodwa uYehova owadala zonke izinto, akanasiqalo. (INdumiso 90:2) UYesu zange wayicinga nokuyicinga into yokuzama ukuba nguThixo. EBhayibhileni wavuma ukuba uTata mkhulu kunaye. (Funda uYohane 14:28; 1 Korinte 11:3.) NguYehova yedwa ‘onguThixo uSomandla.’ (Genesis 17:1) Akakho umntu omkhulu nonamandla ngaphezu kwakhe.—Funda iSihlomelo 14.

13. Kutheni iBhayibhile isithi uYesu “uneempawu ezifana nezikaThixo ongabonakaliyo”?

13 UYehova noNyana wakhe uYesu, basebenza kunye kangangeebhiliyoni zeminyaka, amazulu nomhlaba engekadalwa. Bamel’ ukuba babethandana nyhani! (Yohane 3:35; 14:31) UYesu wayemlinganisa uTata wakhe. IBhayibhile ide ithi: “Uneempawu ezifana nezikaThixo ongabonakaliyo.”​—Kolose 1:15.

14. Weza njani uNyana kaYehova othandwayo emhlabeni?

14 Lo Nyana uthandwayo nguYehova, wavuma ukushiya izulu wazokuphila emhlabeni njengomntu. Weza njani emhlabeni? Ngendlela emangalisayo, uYehova wafaka ubomi boNyana wakhe kwisibeleko sikaMariya ongazange walala nandoda. Ngaloo ndlela, uYesu wayengenaye utata ongumntu. Ngoko uMariya wazala unyana ongenasono, waza wathi nguYesu.​—Luka 1:30-35.

WAYENGUMNTU ONJANI UYESU?

15. Yintoni eza kukunceda umazi bhetele uYehova?

15 Xa ufunda uMateyu, uMarko, uLuka noYohane ininzi into onokuyifunda ngoYesu, ubomi bakhe nobuntu bakhe. Ezi ncwadi zeBhayibhile kuthiwa ziincwadi zeVangeli. Izinto ozifunda ngoYesu ziza kukunceda umazi bhetele uYehova, kuba uYesu ufana twatse noTata wakhe. Yiloo nto uYesu wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.”​—Yohane 14:9.

16. Wayeshumayela ngantoni uYesu? Zazivela phi izinto ezazifundiswa nguYesu?

16 Abantu abaninzi babesithi “Mfundisi” kuYesu. (Yohane 1:38; 13:13) “Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo” yenye yezona zinto zibalulekileyo awashumayela ngazo uYesu. Yintoni obo Bukumkani? Ngurhulumente kaThixo osezulwini oza kulawula umhlaba wonke uze ubenzele izinto ezintle abantu abamthobelayo uThixo. (Mateyu 4:23) Yonke into eyayifundiswa nguYesu yayivela kuYehova. UYesu wathi: “Ezi zinto ndizifundisayo ayizozam, zezaLowo undithumileyo.” (Yohane 7:16) UYesu wayesazi ukuba uYehova ufuna abantu beve iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani obuza kulawula umhlaba wonke.

17. Wayefundisa phi uYesu? Kwakutheni ukuze uYesu azimisele xa efundisa abantu?

17 Wayefundisa phi uYesu? Wayefundisa kuyo yonke indawo enabantu. Wayefundisa kwizixeko, kwiilali, kwiindawo ekuthengiswa kuzo nekukhonzelwa kuzo nasemakhayeni abantu. Wayesiya ebantwini, wayengalindi beze kuye. (Marko 6:56; Luka 19:5, 6) UYesu wayesebenzisa ixesha lakhe, ibe ezimisela ukuze afundise abantu. Ngoba? Wayesazi ukuba uThixo ufuna enze loo nto, ibe wayesoloko emthobela uTata wakhe. (Yohane 8:28, 29) Enye into eyayisenza uYesu ashumayele, kukuba wayebasizela abantu. (Funda uMateyu 9:35, 36.) Wayebona ukuba abo babekhokela ezinkonzweni babengabafundisi inyani abantu ngoThixo nangoBukumkani bakhe. Loo nto yamenza wafuna ukunceda abantu abaninzi bazive iindaba ezilungileyo.

18. Ziintoni ozithandayo ngoYesu?

18 UYesu wayebathanda abantu kwaye ebakhathalele. Wayenobubele, kulula nokuthetha naye. Nabantwana babekuthanda ukuhlala naye. (Marko 10:13-16) KuYesu kwakungekho mntu ubhetele kunomnye. Wayekucaphukela ukuqhathwa kwabantu nokungabikho kobulungisa. (Mateyu 21:12, 13) Ngexesha awayephila ngalo, abafazi babengenamalungelo maninzi, ibe babengahlonitshwa. Kodwa yena uYesu wayebahlonipha. (Yohane 4:9, 27) Wayethobekile. Ngokomzekelo, ngobunye ubusuku wahlamba iinyawo zabapostile bakhe, into eyayiqhele ukwenziwa sisicaka.​—Yohane 13:2-5, 12-17.

UYesu wayefundisa kuyo yonke indawo enabantu

19. Ngowuphi umzekelo obonisa ukuba uYesu wayezazi izinto ezazifunwa ngabantu, kwaye efuna ukubanceda?

19 UYesu wayezazi izinto ezazifunwa ngabantu, kwaye efuna ukubanceda. Yabonakala loo nto ngokusebenzisa kwakhe amandla kaThixo ukuze aphilise abantu ngokungummangaliso. (Mateyu 14:14) Ngokomzekelo, kweza kuYesu indoda eneqhenqa isithi: “Ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.” Xa uYesu ebona le ndoda isezintlungwini, waba nosizi waza wafuna ukuyinceda. UYesu wolula isandla sakhe, wayibamba waza wathi kuyo: “Ndiyathanda! Phila.” Nyhani ke yaphila. (Marko 1:40-42) Khawucinge nje ngendlela eyaziva ngayo loo ndoda!

WAYESOLOKO EMTHOBELA UTATA WAKHE

20, 21. Kutheni uYesu engoyena mntu sinokufunda kuye indlela esinokumthobela ngayo uThixo?

20 UYesu ngoyena mntu sinokufunda kuye indlela esinokumthobela ngayo uThixo. Nokuba wayephethwe njani ziintshaba zakhe okanye kusenzeka nantoni na, zange ayeke ukuthobela uTata wakhe. Ngokomzekelo, uYesu zange ammamele uSathana xa wayezama ukumlinga. (Mateyu 4:1-11) Abanye kwintsapho yakuloYesu babengakholelwa ukuba unguMesiya. Babesithi “ushiywe ziingqondo” kodwa uYesu waqhubeka esenza umsebenzi kaThixo. (Marko 3:21) Xa iintshaba zakhe zazimphethe kakubi zange aphindise, kodwa wahlala ethobela uThixo.​—1 Petros 2:21-23.

21 Nangona uYesu wabulawa kabuhlungu, wahlala ethobela uYehova. (Funda amaFilipi 2:8.) Khawucinge, inoba zazingakanani iintlungu awayekuzo ngosuku awafa ngalo? Wabanjwa, baxoka ngaye besithi udelela uThixo, wagwetywa ngabagwebi abangenanyani, abantu bamgezela, amajoni amngcungcuthekisa aza ambethelela esibondeni. Ngaphambi kokuba afe, ebuhlungu wathi: “Kugqityiwe!” (Yohane 19:30) Kwiintsuku ezintathu emva kokuba uYesu efile, uYehova wamvusa enomzimba womoya. (1 Petros 3:18) Kwiiveki ezimbalwa emva kokuba evusiwe, wabuyela ezulwini “waza wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo,” elinde ukuba uThixo amenze uKumkani.​—Hebhere 10:12, 13.

22. Ukuthembeka kukaYesu kuTata wakhe kusinceda ngantoni?

22 Ukuhlala kukaYesu ethembekile kuTata wakhe, kusenze sanethemba lokuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni oyiparadesi, kanye njengokuba uThixo wayesidalele loo nto. Kwisahluko esilandelayo siza kuthetha ngokuba ukufa kukaYesu kusinika njani ithemba lokuphila ngonaphakade.

^ isiqe. 11 UYehova kuthiwa nguTata kuba nguye uMdali. (Isaya 64:8) UYesu kuthiwa nguNyana KaThixo kuba wadalwa nguYehova. UAdam neengelosi kuthiwa ngoonyana bakaThixo nabo.​—Yobhi 1:6; Luka 3:38.