Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 9

Ngaba Isiphelo Seli Hlabathi Sesiza Kufika?

Ngaba Isiphelo Seli Hlabathi Sesiza Kufika?

1. Sinokufunda phi ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo?

NGABA wakha wabukela iindaba waza wabona ukuba izinto ezenzekayo zimbi kakhulu? Zimbi kakhulu izinto ezenzekayo, ibe abanye abantu bacinga ukuba sele siza kufika isiphelo seli hlabathi. Sesiza kufika ke? Ikhona indlela esinokuzazi ngayo izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo? Ewe. Nangona abantu bengenakuzazi izinto eziza kwenzeka, uYehova uThixo yena uyazazi. Usixelela eBhayibhileni izinto eziza kwenzeka kuthi nasemhlabeni.​—Isaya 46:10; Yakobi 4:14.

2, 3. Yintoni ababefuna ukuyazi abafundi bakaYesu, ibe wathini xa wayebaphendula?

2 Xa iBhayibhile ithetha ngesiphelo sehlabathi, ayithethi ngomhlaba, kodwa ithetha ngokupheliswa kwezinto ezimbi. UYesu wafundisa abantu ukuba uBukumkani BukaThixo buza kulawula apha emhlabeni. (Luka 4:43) Abafundi bakhe babefuna ukwazi ukuba uBukumkani BukaThixo buza kufika nini, baza babuza uYesu bathi: “Ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa ukho naxa sekuza kupheliswa ihlabathi?” (Mateyu 24:3) UYesu akazange abaxelele umhla, kodwa wabaxelela izinto ezaziza kwenzeka ngaphambi kokuba isiphelo sifike. Izinto awathi ziza kwenzeka ziyenzeka ngoku.

3 Kwesi sahluko, siza kuthetha ngezinto ezibonisa ukuba siphila kwixesha langaphambi kokuba isiphelo sifike. Okokuqala, siza kufunda ngemfazwe eyenzeka ezulwini ukuze sibone ukuba kutheni kusenzeka izinto ezimbi kangaka apha emhlabeni.

IMFAZWE EYENZEKA EZULWINI

4, 5. (a) Yintoni eyenzekayo ezulwini emva nje kokuba uYesu enguKumkani? (b) ISityhilelo 12:12, sithi kwakuza kwenzeka ntoni apha emhlabeni emva kokuba uSathana ephoswe phantsi?

4 KwiSahluko  8 sifundile ukuba uYesu waba nguKumkani ezulwini ngo-1914. (Daniyeli 7:13, 14) Incwadi yeSityhilelo isixelela into eyenzekayo, ithi: “Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli [uYesu] neengelosi zakhe balwa idabi nenamba [uSathana], yazilwela nayo inamba ikunye neengelosi zayo.” * USathana needemon zakhe boyiswa baza baphoselwa emhlabeni. Unokuyicinga indlela ezavuya ngayo iingelosi! Abantu abasemhlabeni bona? IBhayibhile ithi kwakuza kubakho iingxaki zodwa emhlabeni. Ngoba? Ngenxa yokuba uMtyholi unomsindo kakhulu kuba “uyazi ukuba ixesha analo lifutshane.”​—ISityhilelo 12:7, 9, 12.

5 UMtyholi ubangela iingxaki ezininzi kakhulu apha emhlabeni. Unomsindo kakhulu kuba uThixo sele eza kumsusa. Makhe sithethe ngezinto uThixo awathi ziza kwenzeka ngemihla yokugqibela.​—Funda iSihlomelo 24.

IMIHLA YOKUGQIBELA

6, 7. Ziintoni ezibonisa ukuba ziyenzeka izinto ezathethwa nguYesu ngemfazwe nendlala?

6 Imfazwe. UYesu wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe.” (Mateyu 24:7) Ukususela ngo-1914, abantu abaninzi bebebulawa kwiimfazwe ngaphezu kunakuqala. Enye ingxelo yeWorldwatch Institute ibonisa ukuba ukususela ngo-1914, iimfazwe zibulele abantu abangaphezu kwe-100 miliyoni. Liphindaphindeke ngaphezu kwesithathu inani labantu ababulewe kwiimfazwe kwiminyaka eyi-100 ephakathi ko-1900 no-2000, xa lithelekiswa nenani labantu ababulawa kwiminyaka eyi-1900 ngaphambi koko. Khawucinge ngentlungu ababa nayo abantu ngenxa yeemfazwe!

7 Indlala. UYesu wathi: “Kuza kubakho indlala.” (Mateyu 24:7) Nangona kuveliswa ukutya okuninzi ngoku kunakuqala, baninzi abantu abangenakutya kwaneleyo. Ngoba? Kuba abanamali yaneleyo yokukuthenga, okanye umhlaba wokukulima. Abantu abangaphezu kwebhiliyoni bafumana imali encinci kakhulu. IWorld Health Organization ithi kusweleka abantu abaninzi kakhulu qho ngonyaka ngenxa yokungabi nakutya kwaneleyo kokubanceda babe sempilweni.

8, 9. Yintoni ebonisa ukuba iziprofeto zikaYesu ngeenyikima nezifo ziyenzeka?

8 Iinyikima. UYesu wathi: “Kuza kubakho iinyikima ezinkulu.” (Luka 21:11) Ngoku kulindeleke ukuba kubekho iinyikima ezinkulu nezinamandla qho ngonyaka. Ukususela ngo-1900, iinyikima zibulele abantu abangaphezu kwe-2 miliyoni. Nangona iteknoloji inceda abantu bayazi xa kuza kubakho inyikima, kusasweleka abantu abaninzi.

9 Izifo. UYesu wathi kuza kubakho “izifo ezingubhubhani.” Izifo zaziza kukhawuleza zisasazeke zize zibulale abantu abaninzi. (Luka 21:11) Nangona oogqirha befunde ukunyanga izigulo ezininzi, kukho abangakwaziyo ukuziphelisa. Enye ingxelo ibonisa ukuba qho ngonyaka kusweleka abantu abaninzi ngenxa yezigulo ezifana neTB, imalariya, nekholera. Akupheleli nje apho, kodwa oogqirha bafumanise ukuba kukho nezinye izigulo ezintsha eziyi-30, ibe ezinye zazo azinyangeki.

BABEZA KUBA NJANI ABANTU NGEMIHLA YOKUGQIBELA?

10. Zenzeka njani namhlanje izinto ezichazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5?

10 Kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5, iBhayibhile ithi: “Kuza kufika amaxesha amanqam ekunzima ukuwanyamezela.” Umpostile uPawulos wachaza ukuba baza kuba njani abantu abaninzi ngemihla yokugqibela. Wathi

  • baza kuthanda iziqu zabo

  • bathande imali

  • bangathobeli bazali

  • bangathembeki

  • bangazithandi iintsapho zabo

  • bangakwazi ukuzibamba

  • babe ziindlobongela

  • bathande ulonwabo kunokuba bathande uThixo

  • benze ngathi bayamthanda uThixo, kodwa bangafuni ukumthobela

11. INdumiso 92:7, ithi kuza kwenzeka ntoni ebantwini abenza izinto ezingalunganga?

11 Ngaba abantu abaninzi banje kwindawo ohlala kuyo? Emhlabeni wonke, abaninzi banje. Kodwa uThixo sele eza kungenelela. Uthembisa ukuba, “xa abenzi bubi behluma okokhula nabantu abenza izinto ezimbi betyatyamba, loo nto yenzeka ukuze batshatyalaliswe ngonaphakade.”​—INdumiso 92:7.

IZINTO EZINTLE EZENZEKA NGEMIHLA YOKUGQIBELA

12, 13. Ziintoni uYehova asifundise zona kule mihla yokugqibela?

12 IBhayibhile yathi ngemihla yokugqibela kuza kwenzeka izinto ezibuhlungu apha emhlabeni. Kodwa iphinda ithi kuza kwenzeka nezinto ezintle.

“Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke.”​—Mateyu 24:14

 

13 Ukuqonda iBhayibhile. Umprofeti uDaniyeli wabhala wathi ngemihla yokugqibela: “Ulwazi lokwenyaniso luza kuba luninzi.” (Daniyeli 12:4) UThixo wayeza kunceda abantu bakhe bayiqonde kakuhle iBhayibhile ngaphezu kunakuqala. UYehova uyenzile le nto ingakumbi ukususela ngo-1914. Ngokomzekelo, usifundise indlela elibaluleke ngayo igama lakhe, ukuba kwakutheni ukuze adale abantu, inyaniso ngokuhlawulelwa kwethu, into eyenzekayo kuthi xa siswelekile, nokuba abantu abaswelekileyo baza kuvuka. Sifundile ukuba buBukumkani BukaThixo qha obunokulungisa zonke iingxaki esinazo. Sifunde nendlela esinokonwaba ngayo nendlela esimele siphile ngayo ukuze sivuyise uThixo. Kodwa yintoni abayenzayo abakhonzi bakaThixo ngezinto abazifundileyo? Esinye isiprofeto siyawuphendula lo mbuzo.​—Funda iSihlomelo 21 no-25.

14. Zishunyayelwa phi iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani, ibe ngoobani abazishumayelayo?

14 Umsebenzi wokushumayela emhlabeni wonke. Xa uYesu wayethetha ngemihla yokugqibela wathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke.” (Mateyu 24:3, 14) Iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani zishunyayelwa kumazwe amalunga ne-240 nangeelwimi ezingaphezu kwe-1000. Emhlabeni wonke, amaNgqina KaYehova aphuma kuzo zonke “iintlanga nezizwe” anceda abantu baqonde ukuba yintoni uBukumkani nento obuza kuyenzela abantu. (ISityhilelo 7:9) Awabhatalisi xa esenza lo msebenzi. Nangona ecatshukelwa ibe etshutshiswa ngabantu abaninzi, akukho nto inokuwayekisa ukushumayela njengokuba noYesu watshoyo.​—Luka 21:17.

UZA KWENZA NTONI?

15. (a) Ngaba uyayikholelwa into yokuba siphila kwimihla yokugqibela, ibe ngoba? (b) Kuza kwenzeka ntoni ebantwini abamthobelayo uYehova nakwabo bangamthobeliyo?

15 Ngaba uyayikholelwa into yokuba siphila kwimihla yokugqibela? Izinto ezininzi ezazithethwe yiBhayibhile ngemihla yokugqibela ziyenzeka. UYehova sele eza kuyekisa umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo size “sifike isiphelo.” (Mateyu 24:14) Yintoni isiphelo? YiArmagedon, xa uThixo esusa bonke abantu abenza izinto ezimbi. UYehova uza kusebenzisa uYesu neengelosi zakhe ezinamandla ukuze atshabalalise nabani na ongafuniyo ukuthobela yena noNyana wakhe. (2 Tesalonika 1:6-9) Emva koko, uSathana needemon zakhe abazukuqhatha abantu. Bonke abantu abafuna ukuthobela uThixo nabamkela uBukumkani bakhe baza kuzibona zisenzeka izinto ezathenjiswa nguThixo.​—ISityhilelo 20:1-3; 21:3-5.

16. Njengokuba isiphelo sisondele, yintoni omele uyenze?

16 Eli hlabathi lilawulwa nguSathana sele liza kuphela. Ngoko kubalulekile ukuba sizibuze lo mbuzo, ‘Yintoni endimele ndiyenze?’ UYehova ufuna ufunde izinto ezininzi eBhayibhileni. Kufuneka uzimisele xa ufunda. (Yohane 17:3) AmaNgqina KaYehova aba neentlanganiso qho ngeveki ukuze ancede abantu bayazi kakuhle iBhayibhile. Zama ukuya qho kwezo ntlanganiso. (Funda kumaHebhere 10:24, 25.) Xa ubona ukuba kukho izinto ekufuneka uzitshintshile, ungoyiki ukuzitshintsha. Ukuba uyayenza loo nto, uza kusondela kakhulu kuYehova.​—Yakobi 4:8.

17. Kutheni beza kothuka abantu abaninzi xa kufika isiphelo?

17 Umpostile uPawulos wathi abantu abenza izinto ezimbi baza kutshatyalaliswa bengalindelanga, “njengesela ebusuku.” (1 Tesalonika 5:2) UYesu wathi abantu abaninzi abazukuzihoya izinto ezenzekayo ezibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Wathi: “Ubukho boNyana womntu [okanye, imihla yokugqibela] buza kuba njengemihla kaNowa. Njengokuba kwakunjalo ngemihla yangaphambi koMkhukula, abantu besitya, besela, amadoda etshata nabafazi betshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni, bengahoyanga nto de kwafika uMkhukula wabatshayela bonke, buza kuba njalo ke nobukho boNyana womntu.”​—Mateyu 24:37-39.

18. Wasilumkisa wathini uYesu?

18 UYesu wathi asimele siphazanyiswe “kukutya kakhulu nokusela kakhulu nangamaxhala obomi.” Wathi isiphelo siza “kusibambisa singalindelanga.” Waphinda wathi ‘siza kubafikela bonke abantu abasemhlabeni.’ Wongeza wathi: “Ngoko ke, hlalani nithe qwa, nimcenga ngalo lonke ixesha uThixo, ukuze nisinde kuzo zonke izinto ezimele zenzeke, nikwazi nokuma phambi koNyana womntu.” (Luka 21:34-36) Kutheni kubaluleke kangaka ukusimamela isilumkiso sikaYesu? Kuba ihlabathi likaSathana elikhohlakeleyo sele liza kutshatyalaliswa. Ngabantu abavuyisa uYehova noYesu qha abaza kusinda xa kufike isiphelo baze baphile ngonaphakade emhlabeni.​—Yohane 3:16; 2 Petros 3:13.

^ isiqe. 4 UMikayeli lelinye igama likaYesu Kristu. Ukuze ufunde ezinye izinto ngeli gama, funda iSihlomelo 23.